| ← Acts (16/28) → |
| 1. | Ke kaloku wafika eDerbhe naseListra. Kwabonakala kukho mfundi uthile apho, ugama linguTimoti, unyana wentokazi ethile engumYudakazi okholiweyo, kodwa uyise engumGrike; |
| 2. | obengqinelwe kakuhle ngabazalwana baseListra naseIkoniyo. |
| 3. | Lowo uPawulos wathanda ukuba aphume naye; wamthabatha wamalusa, ngenxa yamaYuda abekwezo ndawo; kuba bonke babemazi uyise ukuba ungumGrike. |
| 4. | Ke kaloku, xa babeyihamba imizi, babanikela imimiselo ukuba bayigcine, leyo ibimiswe ngabapostile namadoda amakhulu aseYerusalem. |
| 5. | Ayezimaseka ke ngoko amabandla elukholweni, esanda ngenani imihla ngemihla. |
| 6. | Ke kaloku, bakulityhutyha ilizwe laseFrigi nelaseGalati, balelwa nguMoya oyiNgcwele ukulithetha ilizwi kwelaseAsiya. |
| 7. | Befikile kwelaseMisi, balinga ukuya nakwelaseBhitini, kodwa akabavumelanga uMoya lowo; |
| 8. | badlula ke kwelaseMisi, behla baya eTrowa. |
| 9. | Kwabonakala umbono kuPawulos ebusuku. Kwema ndoda ithile yelaseMakedoni, imbongoza isithi, Wela uze kwelaseMakedoni, usisize. |
| 10. | Ke kaloku, akuwubona umbono lowo, safuna thina kwaoko ukuphuma siye kwelaseMakedoni, sigqibe kwelithi, iNkosi isibizele ukuba sibashumayeze iindaba ezilungileyo. |
| 11. | Sindulukile ngoko ngomkhombe eTrowa, sathi ngqo ukuya eSamotraki, sathi ngengomso seza eNeyapoli; |
| 12. | ukusuka apho, seza eFilipi, owona mzi wokuqala wecala elo lilelaseMakedoni, uyikoloni. Salibala ke kuloo mzi imihla ethile. |
| 13. | Sathi ngomhla wesabatha, saphuma saya ngaphandle komzi ngasemlanjeni, apho umthandazo ubusakwenziwa khona; sahlala phantsi, samana sithetha kubafazi ababebuthelene khona. |
| 14. | Kwaye kuphulaphula intokazi ethile egama linguLidiya, umthengisi weengubo ezibomvu, womzi weTiyatira, emhlonelayo uThixo, entliziyo yayivulayo iNkosi ukuba izinyamekele izinto ezazithethwa nguPawulos. |
| 15. | Ke kaloku, yakuba ibhaptiziwe nendlu yayo, yasibongoza isithi, Ukuba nithi ndikholiwe eNkosini, ngenani endlwini yam, nihlale. Yasizama. |
| 16. | Ke kaloku kwathi, kwakubonÂ’ ukuba siyaya endaweni yokuthandaza, sahlangatyezwa sisicakazana esithile, sinomoya wemilozi; sona besizizuzisa iinkosi zaso inzuzo enkulu ngokuvumisa. |
| 17. | Sona eso sithene mbende noPawulos nathi, samana sidanduluka sisithi, Aba bantu bangabakhonzi bakaThixo Osenyangweni, bona basazisayo indlela yosindiso. |
| 18. | Oko ke sakwenza sona imihla emininzi. Ebindekile ke uPawulos, wathi guququ, wathi kuwo umoya, Ndiyakuthethela egameni likaYesu Kristu ukuba uphume kuso. Waphuma ke kwangelo lixa. |
| 19. | Ke kaloku, zakubona iinkosi zaso ukuba liphumile ithemba lenzuzo yazo, zababamba ooPawulos noSilas, zabarholela endaweni yembutho, kubaphathi: |
| 20. | zabazisa kubo abathetheli, zathi, Aba bantu bayawukhathaza kakhulu umzi wethu, bengamaYuda; |
| 21. | basifundisa amasiko ekungavumelekileyo ukuba siwamkele, nokuba siwenze, singamaRoma. |
| 22. | Isihlwele sabahlanganyela; nabathetheli bazithi qwengeqwenge iingubo zabo, bathi mababethwe ngeentswazi. |
| 23. | Bathi, bakuba bebabethe imivumbo emininzi, babaphosa entolongweni, bamthethela umgcini wababanjwa ukuba abagcine ngokunqabileyo; |
| 24. | owathi, amkele umyalelo onjalo, wabaphosa kwengaphakathi intolongo, waziqinisa iinyawo zabo emithini. |
| 25. | Ke kaloku, malunga phakathi kobusuku, ooPawulos noSilas babethandaza, bevuma elokudumisa uThixo; babephulaphula ke ababanjwa. |
| 26. | Kwabakho ke ngequbuliso unyikimo olukhulu lomhlaba, ngokokude zizanyazanyiswe iziseko zentolongo; zavuleka kwaoko iingcango zonke, athukululeka amakhamandela abo bonke. |
| 27. | Ethe tyithi ke ebuthongweni umgcini wababanjwa, ebona iingcango zentolongo zivulekile, warhola ikrele, eza kuzibulala, eba ababanjwa babalekile. |
| 28. | UPawulos wabiza ke ngezwi elikhulu wathi, Ungazenzakalisi; kuba sikho sonke apha. |
| 29. | Ebize ke izibane, watsiba phakathi, waza egubha, wawa phantsi phambi koPawulos noSilas. |
| 30. | Wabazisa phandle, wathi, Zinkosi, ndimelwe kukuthini na, ukuze ndisindiswe? |
| 31. | Bathi ke bona, Kholwa kuyo iNkosi uYesu Kristu, wosindiswa wena nendlu yakho. |
| 32. | Balithetha kuye ilizwi leNkosi, nakubo bonke ababesendlwini yakhe. |
| 33. | Wabathabatha ngelo lixa lobusuku, wayihlamba imivumbo yabo; wabhaptizwa yena kwalapho, nabo bonke abakhe. |
| 34. | Kananjalo, ebanyuse wabasa endlwini yakhe, wabeka ukudla phambi kwabo, wagcoba nendlu yakhe yonke, kuba ekholwa kuThixo. |
| 35. | Kwakusa, abathetheli bathuma amadindala, besithi, Bakhulule abo bantu. |
| 36. | Uwaxelile ke umgcini wababanjwa la mazwi kuPawulos, wathi, Abathetheli bathumele ukuba nikhululwe; ke ngoko phumani, nihambe ngoxolo. |
| 37. | Uthe ke uPawulos kuwo, Basityabule ekuhleni singagwetywanga, sibantu bangamaRoma; basiphosa entolongweni; ngoku basikhupha ngasese na? Nakanye; mabeze bona ngokwabo, basikhuphe. |
| 38. | Awaxela ke la mazwi amadindala kubathetheli; boyika, bakuva ukuba bangamaRoma. |
| 39. | Beza bababongoza, babakhupha, babacela ukuba baphume kuwo umzi. |
| 40. | Bephumile ke entolongweni, baya kungena kwaLidiya; bathi, bebabonile abazalwana, babayala, bemka. |
| ← Acts (16/28) → |