← 2Timothy (4/4) |
1. | Ndiyaqononondisa mna ngoko emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, oza kugweba abaphilileyo nabafileyo, kwanangokubonakala kwakhe nobukumkani bakhe: |
2. | livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, unako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa. |
3. | Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe; |
4. | babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi. |
5. | Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wenze, buzalise ubulungiseleli bakho. |
6. | Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi. |
7. | Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile. |
8. | Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo. |
9. | Khawuleza uze kum kamsinya; |
10. | kuba uDemasi wandishiya ngokuthanda iphakade langoku, waya eTesalonika; uKreske uye kwelaseGalati; uTito uye kwelaseDalmati. |
11. | NguLuka yedwa onam. Thabatha uMarko uze naye; kuba unokundinceda kakuhle kumsebenzi wokulungiselela. |
12. | Ke uTikiko ndamthumela e-Efese. |
13. | Ingubo endayishiya eTrowa kuKarpo, uze uyiphathe ekuzeni kwakho, neencwadi ezo, ngokukodwa ezezintsu. |
14. | UAlesandire, umkhandi wobhedu, wandenza izinto ezininzi ezimbi; iNkosi iya kumbuyekeza ngokwemisebenzi yakhe. |
15. | Mlumkele nawe; kuba wawachasa kunene amazwi ethu. |
16. | Kokokuqala ukuziphendulela kwam, akubangakho namnye unam, basuka bonke bandishiya; kwanga akungebalelwe kubo oko. |
17. | Noko ke iNkosi yandinceda, yandomeleza; ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive; ndaza ndahlangulwa emlonyeni wengonyama. |
18. | Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. |
19. | Bulisa kuPriska noAkwila, nakwindlu kaOnesiforo. |
20. | UErasto wasala eKorinte. Ke uTrofimo ndamshiya eMileto esifa. |
21. | Khawuleza uze, kungekabi sebusika. Uya kubulisa uYubhulo, noPudens, noLino, noKlawudiya, nabo abazalwana bonke. |
22. | INkosi uYesu Kristu mayibe nomoya wakho. Ubabalo malube nani. Amen. |
← 2Timothy (4/4) |