| ← 2Timothy (3/4) → |
| 1. | Ke, kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko. |
| 2. | Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, |
| 3. | abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, |
| 4. | abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo; |
| 5. | benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako. Kwabo ke khwebuka. |
| 6. | Kuba baphuma kwaba, abo banyebelezela ezindlwini, bathimbe abafazazana abazono ziziimfumba, bephethwe ziinkanuko ngeenkanuko, |
| 7. | behlala befunda, bangaze phofu babe nako ukufika ekuyazini inyaniso. |
| 8. | Kwangolo hlobo ke, bathi ooYanes noYambres bamchasa uMoses, ngokunjalo nabo aba bayayichasa inyaniso. Bangabantu abonakele iingqiqo, abangenakucikideka ngakulo ukholo. |
| 9. | Abayi kuhambela phambili ngakumbi; kuba ukungabi nangqiqo kwabo kuya kubonakala kubantu bonke, njengokuba kwaba njalo okwabaya. |
| 10. | Ke wena uyilandile eyam imfundiso, ihambo, ingqibo, ukholo, ukuzeka kade umsindo, uthando, unyamezelo, |
| 11. | iintshutshiso, iintlungu ezinjengezo zandihlelayo kwa-Antiyokwe, eIkoniyo, eListra; ukutshutshiswa okunjengoko ndakuthwalayo, yaza iNkosi yandihlangula kuko konke. |
| 12. | Nabo bonke ke abathanda ukuhlala ngokuhlonela uThixo kuKristu Yesu baya kutshutshiswa. |
| 13. | Ke bona abantu abangendawo noosiyazi, kukhona baya kuhambela phambili ebubini, belahlekisa, belahlekiswa. |
| 14. | Ke wena yima ezintweni owazifundayo, waqiniselwa kuzo, umazi owazifunda kuye; |
| 15. | nokuba uzaze kwasebuntwaneni izibhalo ezingcwele, ezinako ukukulumkisela elusindisweni ngokukholwa kuKristu Yesu. |
| 16. | Sonke isibhalo, siphefumlelwe nguThixo nje, sikwancedela ukufundisa, ukohlwaya, ukululeka, ukuqeqesha okusebulungiseni, |
| 17. | ukuze umntu kaThixo afaneleke, exhobele wonke umsebenzi olungileyo. |
| ← 2Timothy (3/4) → |