2Timothy (1/4)  

1. UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, ngokwedinga lobomi obukuKristu Yesu,
2. ubhalela uTimoti, umntwana wakhe oyintanda; uthi, Makube lubabalo, nenceba, noxolo oluvela kuThixo uYise, noKristu Yesu iNkosi yethu.
3. Ndinokubulela kuye uThixo, endamkhonzayo kwakoomawokhulu ndinesazela esihlambulukileyo, ndikukhumbula njengokungapheliyo, ekukhungeni kwam ubusuku nemini;
4. ndilangazelela ukunga ndingakubona, ndizikhumbula nje iinyembezi zakho, ukuze ndizaliswe luvuyo;
5. ndikhunjuzwa nje ukholo olukuwe olungenakuhanahanisa, lona lwahlalayo kuqala kunyokokhulu uLoyisi, nakunyoko uYunike, endinyanisileyo ke ukuthi luhleli nakuwe.
6. Endithi ngenxa yelo thuba ndikukhumbuze, ukuba usikhwezele isipho sokubabalwa kwakho nguThixo, esikhoyo kuwe ngokubekwa kwezandla zam phezu kwakho.
7. Kuba uThixo akasinikanga moya wabugwala; wasinika owamandla, nowothando, nowesidima.
8. Ngoko ke musa ukuba nazintloni ngabo ubungqina beNkosi yethu, nangam, mna mbanjwa wayo; suka uve ububi kunye nam ngenxa yeendaba ezilungileyo, ngokwamandla kaThixo;
9. owasisindisayo, wasibiza ngobizo olungcwele, engenzi ngokwemisebenzi yethu, esenza ngokweyakhe ingqibo, nobabalo, esababalwa ngalo ngoKristu Yesu phambi kwamaxesha aphakade;
10. lwabonakaliswa ke ngoku ngako ukubonakala koMsindisi wethu uYesu Kristu, owakubhangisayo okunene ukufa, kodwa wabukhanyisa ubomi nokungonakali, ngazo iindaba ezilungileyo ezi;
11. endamiselwa zona mna, ndaba ngumvakalisi nompostile nomfundisi weentlanga;
12. endithi kananjalo ngenxa yeli thuba ndive obu bunzima. Noko ke andinazintloni; kuba ndiyamazi endikholiweyo nguye; kanjalo ndithi, ndeyisekile ukuba unako ukuyigcina into endimphathisileyo, ese kuloo mini.
13. Umzekelo wamazwi aphilileyo owawevayo kum, wubambe elukholweni naseluthandweni olukuKristu Yesu.
14. Loo nto intle uyiphathisiweyo, yigcine ngoMoya oyiNgcwele ohleliyo ngaphakathi kwethu.
15. Oku uyakwazi, ukuba bandinikele umva bonke abaseAsiya; abanoFigelo noHermogene.
16. Yanga iNkosi ingayenzela inceba indlu kaOnesiforo; ngokuba kwaba futhi endiphumza, akaba nazintloni nguwo umxokelelwane wam.
17. Wathi akuba eseRoma, wandifuna ngokukhuthala okukhulu, wandifumana.
18. Yanga iNkosi ingamfumanisa inceba eNkosini ngaloo mini. Nguwena waziyo kakuhle oko zingako izinto awalungiselela ngazo e-Efese.

      2Timothy (1/4)