← 2Thessalonians (3/3) |
1. | Elokugqiba, sithandazeleni, bazalwana, ukuba ilizwi leNkosi likhawuleze, lizukiswe, njengoko lenjenjalo nakuni; |
2. | nokuba sihlangulwe ebantwini abangendawo, abakhohlakeleyo; kuba ukholo alubantwini bonke. |
3. | Ithembekile ke yona iNkosi, eya kunizimasa, inigcine kuyo inkohlakalo. |
4. | Sikholose ngani ke ngokwaseNkosini, ukuba izinto esinithethela zona niyazenza, nabe nisaya kuzenza. |
5. | Yanga ke iNkosi ingathi iintliziyo zenu izikhokelele eluthandweni lukaThixo, naselunyamezelweni lukaKristu. |
6. | Ke kaloku siyanithethela, bazalwana, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba nikhwebuke kubo bonke abazalwana abahamba ngokunxaxha, bengahambi ngokwesithethe abasamkelayo kuthi. |
7. | Kuba niyazi ngokwenu, ukuba nimelwe kukuthini na ukusilinganisa; ngokuba asinxaxhanga phakathi kwenu. |
8. | Asidlanga sonka samntu ngesisa; sidle ngokubulaleka nangemigu, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi bunzima nakubani kuni; |
9. | kungengakuba sasingenagunya; senzela ukuze sizinikele sibe ngumfuziselo kuni, nize nina nixelise thina. |
10. | Kuba naxenikweni besikuni, sanithethela ngelithi, Ukuba umntu akathandi kusebenza, makangadli nokudla. |
11. | Kuba siyeva ukuba inxenye phakathi kwenu ihamba ngokunxaxha, ingasebenzi nento, izifaka kwizinto zabanye. |
12. | Abanjalo ke siyabathethela, sibavuselela ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu, ukuba bathi, besebenza ngokuzola, badle esisesabo isonka. |
13. | Ke nina, bazalwana, musani ukutha amandla ekwenzeni okulungileyo. |
14. | Ukuba ke kukho bani ungalilulameliyo ilizwi lethu ngencwadi le, mqondeni lowo, ningazidibanisi naye, ukuze adane. |
15. | Noko ke ze ningambaleli ekuthini ulutshaba; manimluleke njengomzalwana. |
16. | Yanga ke iNkosi yoxolo ngokwayo inganinika uxolo ngamaxa onke, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani nonke. |
17. | Umbuliso ngesam isandla, mna Pawulos. Nguwo lowo umqondiso kuzo zonke iincwadi; ndenjenjalo ukubhala. |
18. | Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani nonke. Amen. |
← 2Thessalonians (3/3) |