| ← 2Samuel (8/24) → |
| 1. | Kwathi emveni kokuba njalo, uDavide wawaxabela amaFilisti, waweyisa; uDavide wabuthabatha ubukhosi esandleni samaFilisti. |
| 2. | Wawaxabela amaMowabhi, wawalinganisa ngolutya, ewalalisa emhlabeni; walinganisa izintya zambini zokubulala, nolutya lwalunye oluzalisekileyo lokusindisa. Ke amaMowabhi aba ngabakhonzi kuDavide, azisa iminikelo. |
| 3. | UDavide wamxabela uHadadezere, unyana kaRehobhi, ukumkani weTsobha, ekuyeni kuwabuyisa amandla akhe emlanjeni ongumEfrati. |
| 4. | UDavide wathimba iwaka leenqwelo zokulwa, namakhulu asixhenxe abamahashe, namashumi amabini amawaka angumqikela; uDavide wawanqumla imisipha onke amahashe eenqwelo zokulwa, washiya kuwo aweenqwelo alikhulu. |
| 5. | Ama-Aram aseDamasko eza kumnceda uHadadezere ukumkani weTsobha. UDavide wabulala kuma-Aram amashumi amabini anamabini amawaka amadoda. |
| 6. | UDavide wamisa ikampu kwa-Aram eDamasko; ama-Aram aba ngabakhonzi bakaDavide, azisa iminikelo. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo. |
| 7. | Wawathabatha uDavide amakhaka egolide abekubakhonzi bakaHadadezere, wawazisa eYerusalem. |
| 8. | NaseBheta naseBherotayi, imizi kaHadadezere, uDavide ukumkani wathabatha ubhedu oluninzi kunene. |
| 9. | Weva uToyi ukumkani waseHamati, ukuba uDavide uyixabele yonke impi kaHadadezere. |
| 10. | UToyi wamthuma uYoram, unyana wakhe, kukumkani uDavide, ukuba ambuze ukuphila kwakhe, amsikelele ngenxa yokuba ebelwile noHadadezere wamxabela; ngokuba uToyi ubengumfo obesilwa noHadadezere; waye uYoram lowo eneempahla zesilivere, neempahla zegolide, neempahla zobhedu esandleni sakhe. |
| 11. | Ukumkani uDavide wazingcwalisela kuYehova kananjalo ezo, kunye nesilivere negolide abeyingcwalisile, eyavela ezintlangeni zonke awazeyisayo: |
| 12. | kuma-Aram, nakumaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti, nakuma-Amaleki, nakumaxhoba kaHadadezere unyana kaRehobhi, ukumkani weTsobha. |
| 13. | Wazenzela igama uDavide ekubuyeni kwakhe ekuwaxabeleni ama-Aram eSihlanjeni seTyuwa, ebulele ishumi elinesibhozo lamawaka. |
| 14. | Wamisa ikampu kwelamaEdom; wamisa ikampu kwelamaEdom lonke, aba ngabakhonzi kuDavide onke amaEdom. UYehova wamsindisa uDavide ezindaweni zonke awahamba kuzo. |
| 15. | Waye engukumkani ke uDavide kumaSirayeli onke. Waye uDavide esenza okusesikweni nobulungisa ebantwini bakhe bonke. |
| 16. | Ke uYowabhi, unyana kaTseruya, wayephethe umkhosi; noYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, wayengumkhumbuzi wezinto zakomkhulu. |
| 17. | UTsadoki unyana ka-Ahitubhi, noAhimeleki unyana ka-Abhiyatare, baye bengababingeleli; uSeraya waye engumbhali; |
| 18. | uBhenaya, unyana kaYehoyada, ubephethe abancinithi nezigidimi. Oonyana bakaDavide babengababingeleli. |
| ← 2Samuel (8/24) → |