← 2Samuel (18/24) → |
1. | UDavide wababala abantu abenabo, wamisa abathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu phezu kwabo. |
2. | UDavide wasinikela isahlulo sesithathu sabantu esandleni sikaYowabhi, nesahlulo sesithathu esandleni sika-Abhishayi unyana kaTseruya, umninawa kaYowabhi, nesahlulo sesithathu esandleni sikaItayi waseGati. Wathi ukumkani ebantwini, Nam ndiya kuphuma, ndiphume nani. |
3. | Bathi abantu, Uze ungaphumi; ngokuba xa sithe sasaba, sisabile, abayi kusibekela ntliziyo thina; nokuba kuthe kwafa isiqingatha kuthi, abayi kusibekela ntliziyo; ngokuba ungangamawaka alishumi kuthi; kulungile kanye ukuba usincede, ukuwo umzi. |
4. | Wathi ukumkani kubo, Okulungileyo emehlweni enu ndokwenza. Ukumkani wema ecaleni lesango, abantu bonke baphuma ngamakhulu nangamawaka. |
5. | Ukumkani wabawisela umthetho uYowabhi noAbhishayi noItayi, wathi, Mphatheni kakuhle umfana uAbhisalom, ngenxa yam. Beva bonke abantu ukubawisela kokumkani umthetho abathetheli ngenxa ka-Abhisalom. |
6. | Baphuma ke abantu, baya ezindle, bawahlangabeza amaSirayeli; kwaliwa ehlathini lakwaEfrayim; |
7. | babulawelwa khona abantu bakwaSirayeli phambi kwabakhonzi bakaDavide; ngaloo mini kwabakho khona uxabelo olukhulu, amawaka angamashumi omabini. |
8. | Kwaphangalala khona ukulwa phezu kwelizwe lonke; ihlathi ladla ebantwini into eninzi, ngaphezu kokudla kwekrele, ngaloo mini. |
9. | UAbhisalom waqubisana nabakhonzi bakaDavide. UAbhisalom waye ekhwele kundlebende, undlebende wangena phantsi kwentshinyela yomterebhinti omkhulu; yabambeka emterebhintini intloko yakhe, waphakathi kwezulu nomhlaba; wemka undlebende obephantsi kwakhe. |
10. | Yabona indoda ethile, yamxelela uYowabhi, yathi, Khangela, ndimbonile uAbhisalom exhomekile emterebhintini. |
11. | Wathi uYowabhi kuloo ndoda imxeleleyo, Khangela, umbonile nje, ibiyini na ukuba ungambethi awe khona emhlabeni? Ngendikunike ishumi lesilivere nombhinqo. |
12. | Yathi loo ndoda kuYowabhi, Ndingafanelana ndilinganiselwe esandleni sam iwaka lesilivere, bendingede ndise isandla sam kunyana wokumkani; ngokuba ukumkani, sisiva, wakuwisela umthetho, wena noAbhishayi noItayi, wathi, Nokuba ngoobani, ize bamgcine umfana uAbhisalom. |
13. | Okanye ukuba bendithe ndenza ubuxoki emphefumlweni wakhe kuba kungekho nto ikhanyelekayo kukumkaniwena ubuya kundichasa. |
14. | Wathi uYowabhi, Andinakwenjenje, ndilibale nguwe. Wathabatha izikhali zazithathu ngesandla sakhe, wamhlaba uAbhisalom entliziyweni, esaphilile, emterebhintini apho. |
15. | Amrhawula amadodana alishumi angabaphathi bempahla kaYowabhi, atsho kuAbhisalom, ambulala. |
16. | Wavuthela uYowabhi isigodlo, babuya abantu ekuwasukeleni amaSirayeli; ngokuba uYowabhi wabanqanda abantu. |
17. | Bamthabatha uAbhisalom, bamphosa ehlathini emgongxweni omkhulu, bafumba imfumba enkulu kakhulu yamatye phezu kwakhe. Asaba onke amaSirayeli, elowo waya ententeni yakhe. |
18. | Ke kaloku uAbhisalom ekudleni kwakhe ubomi wayethabathe wazimisela ilitye elisentilini yokumkani; ngokuba ubesithi, Andinanyana wokulikhumbuza igama lam. Walibiza ngegama lakhe elo litye: labizwa ngokuthi sisikhumbuzo sika-Abhisalom unanamhla. |
19. | Wathi uAhimahatse, unyana kaTsadoki, Mandigidime, ndimshumayeze ukumkani iindaba ezilungileyo zokuba uYehova umgwebele, wamkhulula ezandleni zeentshaba zakhe. |
20. | Wathi uYowabhi kuye, Akunguye mfo weendaba ezilungileyo namhla; woshumayela iindaba ezilungileyo ngenye imini, kodwa namhla akusayi kushumayela zindaba zilungileyo, ngokuba unyana wokumkani ufile. |
21. | Wathi uYowabhi kuKushi, Hamba uye kumxelela ukumkani okubonileyo. Waqubuda uKushi kuYowabhi, wagidima ke. |
22. | Wabuya waphinda uAhimahatse, unyana kaTsadoki, wathi kuYowabhi, Nokuba kutheni, makhe ndimlandele nam uKushi. Wathi uYowabhi, Yini na ukuba ugidime, nyana wam, ungenazindaba zilungileyo zinanzuzo nje? |
23. | Wathi, Nokuba kutheni, mandigidime. Wathi kuye, Gidima. Wagidima ke uAhimahatse ngendlela yaloo mmandla, wegqitha kuKushi. |
24. | Ke uDavide ebehleli phakathi kwamasango amabini. Umlindi waya emphezulwini wesango eludongeni, waphakamisa amehlo akhe, wakhangela, nanko kusiza indoda, ibaleka iyodwa. |
25. | Wamemeza umlindi, waxelela ukumkani. Wathi ukumkani, Ukuba iyodwa, ineendaba ezilungileyo emlonyeni wayo. Yeza isiza yasondela. |
26. | Umlindi wabona enye indoda ibaleka; umlindi wamemeza esangweni, wathi, Nantsiya indoda ibaleka iyodwa. Wathi ukumkani, Naleyo ingumshumayeli weendaba ezilungileyo. |
27. | Wathi umlindi, Ndikubona ukubaleka kwephambili kufana nokubaleka kuka-Ahimahatse, unyana kaTsadoki. Wathi ukumkani, Yindoda elungileyo leyo, iza neendaba ezilungileyo. |
28. | Wamemeza uAhimahatse, wathi kukumkani, Hlala kakuhle. Waqubuda ngobuso emhlabeni kukumkani, wathi, Makabongwe uYehova uThixo wakho, owanikeleyo amadoda asiphakamisileyo isandla sawo enkosini yam ukumkani. |
29. | Wathi ukumkani, Ihleli kakuhle na indodana uAbhisalom? Wathi uAhimahatse, Ndibone ingxokolo enkulu, ekumthumeni kukaYowabhi umkhonzi kakumkani, nomkhonzi wakho lo, ndingazi ukuba yintoni na. |
30. | Wathi ukumkani, Shenxela ecaleni, ume apha. Washenxa wema. |
31. | Nanko ke uKushi efika. Wathi uKushi, Mayishunyayezwe iindaba ezilungileyo inkosi yam ukumkani; ngokuba uYehova ukugwebele namhla, wakukhulula esandleni sabo bonke ababesukele phezulu kuwe. |
32. | Wathi ukumkani kuKushi, Ihleli kakuhle na indodana uAbhisalom? Wathi uKushi, Iintshaba zenkosi yam ukumkani, nabo bonke abasukele phezulu kuwe ukukwenza into embi, mababe njengaloo ndodana. |
33. | Wagungqa ukumkani; wenyuka waya egumbini eliphezu kwesango, walila, wathetha ekuyeni kwakhe, esithi, Nyana wam, Abhisalom, nyana wam, nyana wam, Abhisalom! Akwaba bekufe mna esikhundleni sakho, Abhisalom, nyana wam, nyana wam! |
← 2Samuel (18/24) → |