← 2Samuel (17/24) → |
1. | Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Makhe ndinyule ishumi lamawaka elinamawaka amabini amadoda, ndisuke, ndimsukele uDavide ngobu busuku; |
2. | ndimfikele ediniwe, ewe izandla, ndimothuse; basabe bonke abantu anabo; ndibulale ukumkani yedwa; |
3. | ndibabuyisele kuwe bonke abantu; indoda leyo ufuna yona injengokungathi babuye bonke; boxola bonke abantu. |
4. | Lalunga elo zwi emehlweni ka-Abhisalom, nasemehlweni amadoda amakhulu onke akwaSirayeli. |
5. | Wathi uAbhisalom, Khawubize noHushayi waseArki, sive into esemlonyeni wakhe naye. |
6. | Weza uHushayi kuAbhisalom; wathi uAbhisalom kuye, UAhitofele uthethe eli lizwi wenjenje. Senze ngelizwi lakhe, singenzi ngalo, kusini na? Khawutsho wena. |
7. | Wathi uHushayi kuAbhisalom, Icebo uAhitofele acebisa lona alilungile okwangoku. |
8. | Wathi uHushayi, Wena uyamazi uyihlo namadoda akhe, ukuba ngamagorha amphefumlo ulugcalagcala, njengebhere ehluthwe amathole ayo ezindle; uyihlo yindoda eqhele ukulwa, akalali ebantwini. |
9. | Yabona, kungokunje uzimele emgongxweni, nokuba kukwenye indawo. Kothi ke, xa athe wabawela ekuqaleni, eve ovayo, athi, Kukho uxabelo ebantwini abamlandelayo uAbhisalom; |
10. | athi nomfo onobukroti, ontliziyo injengentliziyo yengonyama, anyibilike kuphele. Ngokuba onke amaSirayeli ayazi ukuba uyihlo ligorha, abo banaye ngamakroti. |
11. | Ndithi elam icebo, makahlanganiswe, ahlanganiselwe kuwe, onke amaSirayeli, athabathele kwaDan ese eBher-sheba, abe njengentlabathi engaselwandle ubuninzi, uye emfazweni ngesiqu. |
12. | Sofika ke kuye endaweni, apho afumaneke khona, sithi qatha phezu kwakhe, njengokulala kombethe emhlabeni, kungasali namnye kuye nakumadoda onke anaye. |
13. | Ke ukuba uthe warholela emzini, onke amaSirayeli ozisa izintya kuloo mzi, siwukrwiqilizele emlanjeneni, kude kungafumaneki nelityana khona. |
14. | Wathi uAbhisalom namadoda onke akwaSirayeli, Icebo likaHushayi umArki lilungile kunecebo lika-Ahitofele. UYehova wayemise ukuba litshitshiswe icebo elilungileyo lika-Ahitofele, ukuze uYehova amzisele ububi uAbhisalom. |
15. | Wathi uHushayi kuTsadoki nakuAbhiyatare ababingeleli, Wenjenje, wenjenje uAhitofele ukumpha icebo uAbhisalom namadoda amakhulu akwaSirayeli; ke mna ndenjenje, ndenjenje ukubapha icebo. |
16. | Thumelani ke ngoko kamsinya, nimxelele uDavide, nithi, Musa ukulala ngobu busuku emazibukweni entlango; khawuleza uwele, hleze aginywe ukumkani nabantu bonke anabo. |
17. | Ke kaloku uYonatan noAhimahatse babemi e-En-rogele; waye umkhonzazana emana ukubaxelela; baya ke bona baxelela ukumkani uDavide; ngokuba babengenakuya besiza phakathi komzi ekuhleni. |
18. | Umfana wababona, waxelela uAbhisalom. Bobabini ke basaba ngokukhawuleza, bafika endlwini yendoda eBhahurim ebinequla entendelezweni yayo, behla, behlela khona apho. |
19. | Intokazi yathabatha isigqubuthelo, yasitwabulula emlonyeni wequla elo, yaneka phezu kwaso irhasi engqushiweyo; ayaziwa ke loo nto. |
20. | Bafika abakhonzi baka-Abhisalom kuloo ntokazi endlwini, bathi, Baphi na ooAhimahatse noYonatan? Yathi loo ntokazi kubo, Bawele umlanjana lo unamanzi. Bafuna ke, ababafumana; babuyela eYerusalem. |
21. | Kwathi emva kokumka kwabo, baphuma equleni, baya bamxelela ukumkani uDavide; bathi kuDavide, Sukani niwele kamsinya emanzini; ngokuba wenjenje uAhitofele ukubapha icebo ngani. |
22. | Wesuka ke uDavide nabantu bonke anabo, bayiwela iYordan; kwathi kusasa kwabe kungasekho namnye ungayiwelanga iYordan. |
23. | Ebonile uAhitofele ukuba akwenziwanga ngelakhe icebo, wabopha iesile, wesuka, wagoduka, waya emzini wakhe, wayolela, wazikrwitsha wafa; wangcwatyelwa engcwabeni likayise. |
24. | UDavide wafika eMahanayim; uAbhisalom wayiwela iYordan, yena namadoda onke akwaSirayeli kunye naye. |
25. | UAbhisalom wammisa uAmasa esikhundleni sikaYowabhi phezu komkhosi. Ke uAmasa ebengunyana wendoda egama linguItra, engumYizereli, eyangena kuAbhigali intombi kaNahashe, udade boTseruya, unina boYowabhi. |
26. | AmaSirayeli noAbhisalom bamisa ezweni laseGiliyadi. |
27. | Kwathi, akufika uDavide eMahanayim, uShobhi unyana kaNahashe, waseRabha yakoonyana baka-Amon, noMakire unyana ka-Amiyeli, waseLo-debhare, noBharzilayi, waseGiliyadi waseRogelim, |
28. | bazisa iinkuko, nezitya, nemiphanda, nengqolowa, nerhasi, nomgubo, namakhweba neembotyi, neentlumaya, nezinye izinto ezigcadiweyo, |
29. | nobusi, namasi, nempahla emfutshane, nezonka zamasi enkomo, kuDavide nabantu abenabo, ukuze badle; kuba babesithi, Abantu balambile, batyhafile, banxaniwe entlango. |
← 2Samuel (17/24) → |