| ← 2Samuel (16/24) → |
| 1. | UDavide egqithile kancinane encotsheni yenduli, nanko uTsibha, umfana wakwaMefibhoshete, emkha wulela, enamaesile amabini ebotshiwe, ebekwe izonka ezimakhulu mabini, nekhulu lezicumba zeerasintyisi, nekhulu leziqhamo zasehlotyeni, nentsuba yewayini. |
| 2. | Wathi ukumkani kuTsibha, Uthini na ngezi zinto? Wathi uTsibha, Amaesile ngawokukhwela abendlu yokumkani, izonka neziqhamo zasehlotyeni zezokudliwa ngamadodana; iwayini yeyokuba basele abatyhafileyo entlango. |
| 3. | Wathi ukumkani, Uphi na unyana wenkosi yakho? Wathi uTsibha kukumkani, Nankuya, ehleli eYerusalem; ngokuba uthi, Namhla indlu yakwaSirayeli iya kububuyisela kum ubukumkani bukabawo. |
| 4. | Wathi ukumkani kuTsibha, Nanko, kukokwakho konke okukaMefibhoshete. Wathi uTsibha, Ndiyaqubuda; mandibabalwe nguwe, nkosi yam kumkani. |
| 5. | Wafika ukumkani uDavide eBhahurim, nanko, kuphuma khona indoda yomzalwane wendlu kaSawule, egama linguShimehi, unyana kaGera; yaphuma yahamba itshabhisa. |
| 6. | Yamxuluba ngamatye uDavide, nabakhonzi bonke bokumkani uDavide; bonke abantu namagorha onke babengasekunene nangasekhohlo kuye. |
| 7. | Wathi uShimehi ukutshabhisa kwakhe, Phuma, phuma, mfondini wamagazi, mfondini ulitshijolo; |
| 8. | uYehova uwabuyisele phezu kwakho onke amagazi endlu kaSawule, othe wena wangukumkani esikhundleni sakhe; uYehova ubunikele ubukumkani esandleni sika-Abhisalom, unyana wakho. Yabona, weyele ebubini bakho, ngokuba ungumfo wamagazi. |
| 9. | Wathi ke uAbhishayi unyana kaTseruya kukumkani, Kungani na ukuba le nja ifileyo iyitshabhise inkosi yam ukumkani? Makhe ndiwele, ndiyinqumle intloko. |
| 10. | Wathi ukumkani, Yintoni na enam nani, nina nyana bakaTseruya? Myeke atshabhise; xa uYehova athe kuye, Mtshabhise uDavide, ngubani na oya kuthi, Yini na ukuba wenjenjalo? |
| 11. | Wathi uDavide kuAbhishayi nakubakhonzi bakhe bonke, Niyabona, unyana wam ophume ezibilinini zam ungxamele umphefumlo wam; angabeka phi na ke ngoku lo mBhenjamin? Myekeni atshabhise; ngokuba utshilo kuye uYehova. |
| 12. | Mhlawumbi uYehova angabukhangela ubugwenxa bam, uYehova andibuyisele okulungileyo, esikhundleni sokutshabhiswa kwam namhla. |
| 13. | UDavide wahamba ngendlela namadoda akhe; uShimehi ehamba ecaleni lentaba elilunge naye, engaphesheya; wahamba etshabhisa, wamxuluba ngamatye emalunga naye, emphosa nothuli. |
| 14. | Ukumkani nabantu bonke abanaye beza eAyefim, bakha baphefumla khona. |
| 15. | Ke kaloku uAbhisalom nabantu bonke, amadoda akwaSirayeli, beza eYerusalem, benoAhitofele. |
| 16. | Kwathi, akufika uHushayi waseArki, umhlobo kaDavide, kuAbhisalom, wathi uHushayi kuAbhisalom, Makadle ubomi ukumkani, makadle ubomi ukumkani. |
| 17. | Wathi uAbhisalom kuHushayi, Yinceba yakho na le kumhlobo wakho? Yini na ukuba ungabambi nomhlobo wakho? |
| 18. | Wathi uHushayi kuAbhisalom, Hayi, onyulwe nguYehova nangaba bantu, nangamadoda onke akwaSirayeli, ndoba ngowakhe mna, ndihlale naye mna. |
| 19. | Kananjalo ndibe ndifanele ukukhonza bani na? Bendingafanele kukhonza phambi konyana wakhe na? Njengoko ndakhonzayo phambi koyihlo, ndiya kwenjenjalo phambi kwakho. |
| 20. | Wathi uAbhisalom kuAhitofele, Khanenze icebo, ukuba siya kwenza ntoni na. |
| 21. | Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Ngena kumashweshwe kayihlo, awashiyileyo ukuba agcine indlu, eve onke amaSirayeli ukuba uzinukisile kuyihlo, zomelele izandla zabo bonke abanawe. |
| 22. | Bamtwabululela uAbhisalom intente phezu kwendlu; wangena uAbhisalom kumashweshwe kayise emehlweni amaSirayeli onke. |
| 23. | Ke kaloku icebo lika-Ahitofele, abecebisa ngalo ngaloo mihla, belinjengelobuze kwilizwi likaThixo; belinjalo lonke icebo lika-Ahitofele kuDavide nakuAbhisalom. |
| ← 2Samuel (16/24) → |