2Peter (1/3) → |
1. | USimon Petros, umkhonzi nompostile kaYesu Kristu, ubhalela abo baluzuzileyo ukholo oluxabiso lunye nolwethu, ebulungiseni bukaThixo wethu, uMsindisi wethu uYesu Kristu: |
2. | uthi, Makwandiswe kuni ubabalo noxolo, ngokumazi uThixo, noYesu, iNkosi yethu. |
3. | Nibona nje, ukuba amandla akhe obuThixo asiphile zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo, ngako ukumazi lowo wasibizayo ngozuko nesidima. |
4. | Esithe ngezo zinto, saphiwa amadinga amakhulukazi, anqabileyo, ukuze ngawo nibe ngamadlelane ngemvelo yobuThixo, nisinde ekonakaleni okukhoyo ehlabathini ngenkanuko. |
5. | Ewe, ngenxa yoko, nakuba niqokele ukukhuthala konke, yithini elukholweni lwenu nongezelele isidima; esidimeni ke, ukwazi; |
6. | ekwazini ke, ukuzeyisa; ekuzeyiseni ke, umonde; emondeni ke, ukuhlonela uThixo; |
7. | ekuhloneleni ke uThixo, ukuthanda abazalwana; ekuthandeni ke abazalwana, ukuthanda abantu bonke. |
8. | Kuba xa zikhoyo ezo zinto kuni, zisanda, zinenza ukuba ninganqeni, ningabi ngabaswele isiqhamo ekuyazini iNkosi yethu uYesu Kristu. |
9. | Kuba lowo zingekhoyo kuye ezo zinto, uyimfama; ubona luzizi, ekulibele ukuhlanjululwa kwezono zakhe zakudala. |
10. | Endithi ngoko, bazalwana, makube kukhona nikhuthalele ukulwenza luqine ubizo nonyulo lwenu; kuba, nakuzenza ezo zinto, anisayi kukha nikhubeke. |
11. | Kuba ngokunjalo nophiwa ngokobutyebi ukungena ebukumkanini obungunaphakade beNkosi yethu, uMsindisi uYesu Kristu. |
12. | Kungoko ndingakuyekiyo ukuhlala ndinikhumbuza ngezo zinto, noko nizaziyo, nizimasekileyo enyanisweni leyo ikhoyo kuni. |
13. | Ndiba ke kububulungisa, ukuba ngalo gama ndikulo mnquba, ndinivuse ngokunikhumbuza; |
14. | ndisazi nje ukuba kukufuphi ukubekwa nxamnye kwalo mnquba wam, njengokuba nayo iNkosi yethu uYesu Kristu yandazisayo. |
15. | Kananjalo ndiya kukhuthalela ke ukuba nibe nako, amaxa onke emva kokumka kwam, ukuzikhunjuzwa ezo zinto. |
16. | Kuba sithe, singalandelanga zintsomi zabuqhinga, sanazisa amandla nokufika kweNkosi yethu uYesu Kristu; sithe saba ngababoneli bobungangamsha bakhe. |
17. | Kuba wamkela kuThixo uYise imbeko nozuko, ekuzisweni kuye, bubuqaqawuli obubalaseleyo, izwi elinjengeli: Lo nguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo mna nguye. |
18. | Nelo zwi ke saliva thina, lisiza liphuma ezulwini, sinaye entabeni leyo ingcwele. |
19. | Kanjalo sinalo nelona lizwi liqinisekileyo elilelobuprofeti, enityaphayo ukulinyamekela, linjengesibane esikhanyisa endaweni emnyama, kude kuse, liphume ikhwezi ezintliziyweni zenu; |
20. | nisazi oku kuqala, ukuba sonke isiprofeto sesibhalo asibikho ngokuzicombululela. |
21. | Kuba akukhanga kubekho siprofeto ngokuthanda komntu; bathi abantu abangcwele bakaThixo bathetha beqhutywa nguMoya oyiNgcwele. |
2Peter (1/3) → |