← 2Kings (9/25) → |
1. | Ke uElisha umprofeti wabiza omnye koonyana babaprofeti, wathi kuye, Bhinqa isinqe sakho, uphathe eli gutyana leoli ngesandla sakho, uye eRamoti yaseGiliyadi; |
2. | ungene khona, ukhangele khona uYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, uye utsho esuke phakathi kwabazalwana bakhe, umse engontsini engaphakathi; |
3. | uthabathe igutyana leoli, umgalele entloko, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli; uluvule ke ucango, usabe, ungahlali. |
4. | Waya umfana lowo, umkhonzi lowo womprofeti, eRamoti yaseGiliyadi. |
5. | Wafika ke, naba abathetheli bempi behleli phantsi. Wathi, Ndinelizwi kuwe, mthetheli-mkhosi. Wathi uYehu, Kuwuphi na, phakathi kwethu aba sonke? Wathi, Kuwe, mthetheli-mkhosi. |
6. | Wesuka, wangena endlwini, wamgalela ioli entloko, wathi kuye, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kubantu bakaYehova, kumaSirayeli. |
7. | Woyixabela indlu ka-Ahabhi inkosi yakho, ndiwaphindezele amagazi abakhonzi bam abaprofeti, namagazi abakhonzi bonke bakaYehova, esandleni sikaIzebhele; |
8. | idake yonke indlu ka-Ahabhi, ndinqumle kuAhabhi yonke into eyindoda, novalelweyo novulelweyo kwaSirayeli. |
9. | Ndoyenza indlu ka-Ahabhi ibe njengendlu kaYarobheham unyana kaNebhati, nanjengendlu kaBhahesha unyana ka-Ahiya; |
10. | zimdle izinja uIzebhele esiqwengeni esiseYizereli, kungabikho umngcwabayo. Waluvula ucango, wasaba. |
11. | Ephumile uYehu, waya kubakhonzi benkosi yakhe. Kwathiwa kuye, Luxolo na? Ebezeleni na lo mbhudi? Wathi kubo, Le ndoda yaziwa nini, kwanokuthethathetha kwayo. |
12. | Bathi, Xoka; khawusixelele. Wathi, Uthe, wathi ukuthetha kum, Utsho uYehova ukuthi, Ndikuthambisile ukuba ube ngukumkani kumaSirayeli. |
13. | Bakhawuleza, wathabatha elowo ingubo yakhe, wayibeka phantsi kwakhe uYehu ezinyukweni kanye, bavuthela izigodlo, bathi, UYehu ngukumkani! |
14. | UYehu, unyana kaYehoshafati, unyana kaNimshi, wamceba ke uYoram. Ke kaloku uYoram ubeyilinda iRamoti yaseGiliyadi, yena namaSirayeli onke, ngenxa kaHazayeli ukumkani wakwa-Aram; |
15. | ke ukumkani, uYoram, ubebuyele eYizereli, ukuba anyangwe amanxeba awawafumana kuma-Aram, esilwa noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. Wathi uYehu, Ukuba kukuthanda kwenu, makungaphumi kusinde mntu kulo mzi, aye kuxela eYizereli. |
16. | Wakhwela uYehu enqwelweni, waya eYizereli; ngokuba uYoram ebelele khona. Ke uAhaziya ukumkani wamaYuda wehla, waya kumbona uYoram. |
17. | Ke kaloku umlindi, obemi phezu kwenqaba eYizereli, wabona impi kaYehu ekuzeni kwakhe, wathi, Ndibona impi. Wathi uYoram, Thabatha okhwele ihashe, umthume aye kubakhawulela, athi, Luxolo na? |
18. | Waya kumkhawulela loo mkhweli-hashe, wathi, Utsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Jikela emva kwam. Waxela umlindi, wathi, Umthunywa uye wafika kubo, ke akabuyi. |
19. | Wathuma owesibini umkhweli-hashe, waya kubo, wathi, Utsho ukumkani ukuthi, Luxolo na? Wathi uYehu, Yintoni na enawe noxolo? Jikela emva kwam. |
20. | Waxela umlindi, wathi, Uye wafika kubo, ke akabuyi; ke ukuqhuba kunjengokuqhuba kukaYehu, unyana kaNimshi; ngokuba uqhuba ngobudlongodlongo. |
21. | Wathi uYoram, Bopha. Yabotshwa inqwelo yakhe yokulwa. Waphuma uYoram ukumkani wamaSirayeli, noAhaziya ukumkani wamaYuda, elowo esenqwelweni yakhe yokulwa. Baphuma baya kumkhawulela uYehu, bamfumana esiqwengeni somhlaba sikaNabhoti waseYizereli. |
22. | Kwathi uYoram, akumbona uYehu, wathi, Luxolo na, Yehu? Wathi yena, Luxolo lwani na, xa ukuhenyuza kukaIzebhele unyoko, nokukhafula kwakhe okuninzi, kusahleliyo nje? |
23. | UYoram wawajika amahashe ngezandla zakhe, wasaba. Wathi kuAhaziya, Licebo, Ahaziya. |
24. | UYehu waqubula isaphetha sakhe, watsho kuYoram phakathi kwamagxa, utolo lwaphumela ephaphini lakhe, wee buthuthu enqwelweni yakhe. |
25. | Wathi uYehu kuBhidekare, umphathi-mkhosi wakhe, Mthwale, umphose esiqwengeni somhlaba kaNabhoti wakwaYizereli; ngokuba, khumbula, oko sasikhwele thina sobabini, mna nawe, emva koAhabhi uyise, uYehova wahlaba eso sihlabo ngaye. |
26. | Inene amagazi kaNabhoti, namagazi oonyana bakhe, ndiwabonile izolo, utsho uYehova; ndiya kukuphindezelela kwesi siqwenga somhlaba, utsho uYehova. Ke ngoko mthwale, umphose esiqwengeni eso ngokwelizwi likaYehova. |
27. | UAhaziya ukumkani wakwaYuda, ekubonile oko, wasaba ngendlela yendlu yasemyezweni. UYehu wamsukela, wathi, Naye mgwazeleni enqwelweni yokulwa (kube kuseqhineni leGure elingaseIhlam). Wasaba ke waya eMegido, wafela khona. |
28. | Abakhonzi bakhe bamsa ngenqwelo eYerusalem, bamngcwabela engcwabeni lakhe kooyise, emzini kaDavide. |
29. | Ngomnyaka weshumi elinamnye kaYoram unyana ka-Ahabhi, uAhaziya waba ngukumkani wakwaYuda. |
30. | Uthe uYehu akufika eYizereli, weva uIzebhele, waziqaba amehlo, wazihombisa intloko, wavela ngefestile. |
31. | Wangena uYehu esangweni, wathi yena, Luxolo na, Zimri, wena mbulali wenkosi yakho? |
32. | Wawaphakamisa uYehu amehlo akhe, wabheka efestileni, wathi, Ngubani na ongakum? Ngubani na? Kwalunguza ababusi ababini, abathathu. |
33. | Wathi, Mkhahleleni phantsi. Amkhahlela phantsi; igazi lakhe lachaphazela udonga namahashe, wamnyathelisa ngawo. |
34. | Wangena, wadla, wasela; wathi, Khanimvelele laa mqalekiswakazi, nimngcwabe; ngokuba yintombi yokumkani. |
35. | Baya kumngcwaba: abawufumana umzimba wakhe, yaba lukakayi, neenyawo, neentende zezandla kuphela. |
36. | Babuya ke, bamxelela. Wathi, Lilizwi likaYehova elo, abelithethe ngomkhonzi wakhe uEliya waseTishbhi, lisithi, Izinja ziya kuyidla inyama kaIzebhele esiqwengeni somhlaba saseYizereli, |
37. | sithi isidumbu sikaIzebhele sibe njengomgquba phezu komhlaba esiqwengeni saseYizereli, kukuze kungathiwa, Lo nguIzebhele. |
← 2Kings (9/25) → |