| ← 2Kings (7/25) → |
| 1. | Wathi uElisha, Liveni ilizwi likaYehova. Utsho uYehova ukuthi, Eli xa ngomso iseha yomgubo ocoliweyo yoba yishekele, neeseha zombini zerhasi zoba yishekele esangweni lakwaSamari. |
| 2. | Wamphendula umfo wakwaThixo umphathi-mkhosi, abesayama esandleni sakhe ukumkani, wathi, Yabona, khona ukuba uYehova wenze iifestile ezulwini, ingabakho na loo nto? Wathi yena, Khangela, uya kuyibona loo nto ngamehlo akho, ungadli kuyo. |
| 3. | Ke kaloku kwakukho amadoda amane aneqhenqa ngaphandle kwesango. Yathi enye kwenye, Sihlaleleni na apha, side sife? |
| 4. | Ukuba sithe, masingene kulo mzi, kukho indlala kuwo umzi lo, siya kufa khona; ukuba sithe sahlala apha, siya kufa. Kaloku ke masihambe, sizilahlele emkhosini wama-Aram. Ukuba athe asisindisa, sodla ubomi; ukuba athe asibulala, hayi ke, siya kufa. |
| 5. | Asuka ngongcwalazi, aya eminqubeni yama-Aram, ada afika ekupheleni kweminquba yama-Aram. Yini le? Kusenxiweni. |
| 6. | Kuba iNkosi yayiwenze umkhosi wama-Aram ukuba uve isandi seenqwelo zokulwa, isandi samahashe, nesandi sempi enkulu. Bathi omnye komnye, Niyabona, ukumkani wamaSirayeli usiqeshele ookumkani bamaHeti nookumkani bamaYiputa, ukuba basiwele. |
| 7. | Besuka ke, basaba ngongcwalazi, bazishiya iintente zabo, namahashe abo, namaesile abo eminqubeni, injengoko ibinjalo; basabisa ubomi babo. |
| 8. | Afika ke loo madoda aneqhenqa ekupheleni kweminquba, angena kwenye intente, adla, asela, athabatha apho isilivere negolide neengubo, aya kuziqhusheka; abuya, angena kwenye intente, athabatha nakhona, aya kuqhusheka. |
| 9. | Yathi enye kwenye, Asilungisi; le mini yimini yeendaba ezilungileyo, sithe cwaka nje; ukuba silinde kwada kwasa, siya kuzeka ityala. Hambani ke ngoko, siye sixele endlweni yokumkani. |
| 10. | Afika, abiza umlindi wesango lomzi, amxelela, athi, Sifike eminqubeni yama-Aram, nanko kungekho mntu khona, nazwi lamntu, kuphela ingamahashe abotshelelweyo namaesile abotshelelweyo, neentente zinjengoko bezinjalo. |
| 11. | Bamemeza abalindi-masango omzi; baxelela indlu yokumkani ngaphakathi. |
| 12. | Wavuka ukumkani ebusuku, wathi kubakhonzi bakhe, Makhe ndinixelele into ayenzileyo kuthi ama-Aram. Ayazi ukuba silambile; aphumile eminqubeni, aya kuzimela endle, esithi, Bothi bakuphuma kuwo umzi, sibabambe behleli, singene kuwo umzi. |
| 13. | Waphendula omnye wakubakhonzi bakhe, wathi, Makhe kuthatyathwe abe mahlanu kumahashe aseleyo, la aseleyo phakathi komzi (yabona, anjengengxokolo yonke yamaSirayeli eseleyo kuwo; yabona, anjengengxokolo yonke yakwaSirayeli ephelileyo), siwathume sibone. |
| 14. | Kwathatyathwa iinqwelo ezimbini zokulwa ezinamahashe, waphuthumisa ukumkani emva komkhosi wama-Aram, wathi, Hambani niye kubona. |
| 15. | Bawaphuthuma, bada baya eYordan; nantso indlela yonke izele ziingubo neempahla, abezilahlile ama-Aram ekubalekeni kwawo buphuthuphuthu. Babuya abathunywa abo, bamxelela ukumkani. |
| 16. | Baphuma ke abantu, bayiphanga iminquba yama-Aram. Yathi iseha yomgubo ocoliweyo yayeyeshekele, iiseha ezimbini zerhasi zazezeshekele, ngokwelizwi likaYehova. |
| 17. | Ukumkani wamphathisa isango umphathi-mkhosi abesayama esandleni sakhe. Bamnyathela abantu esangweni, wafa, njengoko wakuthethayo umfo wakwaThixo, owathetha ekuhleni kokumkani, esiza kuye. |
| 18. | Kwenzeka ke njengoko wakuthethayo umfo wakwaThixo kukumkani, esithi, Iiseha ezimbini zerhasi zoba zezeshekele, iseha yomgubo ocoliweyo yoba yeyeshekele, eli xa ngomso, esangweni lakwaSamari; |
| 19. | ukuze amphendule umphathi-mkhosi lowo umfo wakwaThixo, esithi, Yabona, khona ukuba uYehova wenze iifestile ezulwini, ingabakho na loo nto? Ukuze athi ke yena, Khangela, uya kuyibona ngamehlo akho, ungadli kuyo. |
| 20. | Kwaba njalo ke kuye; bamnyathela abantu esangweni, wafa. |
| ← 2Kings (7/25) → |