| ← 2Kings (25/25) |
| 1. | Kwathi ngomnyaka wesithoba wobukumkani bakhe, ngenyanga yeshumi, ngosuku lweshumi enyangeni leyo, wayifikela iYerusalem uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli; yena nempi yakhe yonke wayirhawula; wakha iinqaba zokubonisela ngeenxa zonke. |
| 2. | Wangqingwa ke umzi, kwada kwangumnyaka weshumi elinamnye wokumkani uZedekiya. |
| 3. | Ngosuku lwesithoba lwenyanga yesine yaqina indlala phakathi komzi; ababa nasonka abantu belizwe. |
| 4. | Wagqojozwa umzi, asaba onke amadoda okulwa ngobusuku, ngendlela yesango eliphakathi kweendonga zombini, elisemyezweni wokumkani (aye amaKaledi ewujikelezile umzi); wahamba ukumkani ngendlela yaseArabha. |
| 5. | Impi yamaKaledi yamsukela ukumkani, yamfikela ezinkqantosini zaseYeriko, yamphalala, yemka kuye yonke impi yakhe. |
| 6. | Ambamba ukumkani, anyuka naye, amsa kukumkani waseBhabheli eRibhela; lathethwa apho ityala lakhe. |
| 7. | Abasika oonyana bakaZedekiya ekhangele; amtyhaphaza amehlo uZedekiya, amkhonkxa ngamakhamandela obhedu, amsa eBhabheli. |
| 8. | Ngenyanga yesihlanu, ngosuku lwesixhenxe enyangeni leyo (loo mnyaka ke ngoweshumi elinesithoba engukumkani uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli), kwafika uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki babantu, umkhonzi wokumkani waseBhabheli, eYerusalem. |
| 9. | Wayitshisa indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nezindlu zonke zaseYerusalem; izindlu zonke ezinkulu wazitshisa ngomlilo. |
| 10. | Iindonga zaseYerusalem yazidiliza ngeenxa zonke impi leyo yamaKaledi, ebinomthetheli wabasiki babantu. |
| 11. | Amasalela abantu ababesele phakathi komzi, namaphamba awayephambele kukumkani waseBhabheli, namasalela engxokolo, wawafudusa uNebhuzaradan, umthetheli wabasiki babantu. |
| 12. | Ke umphathi wabasiki babantu wawasalisa amahlwempu elizwe, ukuze abe ngabasebenzi bezidiliya nabalimi. |
| 13. | Iintsika zobhedu ezibe zisendlwini kaYehova, neenqwelwana, nolwandle lobhedu obe lusendlwini kaYehova, ezo zinto aziqhekeza amaKaledi, aluthwalela eBhabheli ubhedu lwazo. |
| 14. | Athabatha neembiza, nemihlakulwana, nezitshetshe, neenkamba, neempahla zonke zobhedu ebe kulungiselelwa ngazo. |
| 15. | Umphathi wabasiki babantu wathabatha nezitya, izitya zokutshiza, igolide kwezegolide, isilivere kwezesilivere; |
| 16. | neentsika zombini, ulwandle olunye, neenqwelwana, awazenzela indlu kaYehova uSolomon; alwaba nakulinganiswa ubhedu lwezo mpahla zonke. |
| 17. | Ukuphakama kwenye intsika bekuziikubhite ezilishumi elinesibhozo, ingqukuva yayo iyeyobhedu; ukuphakama kwengqukuva bekuziikubhite ezintathu; umnatha neerharnate ezibe zisengqukuveni ngeenxa zonke, yonke loo nto yabe ilubhedu; intsika yesibini yabe ikwanjalo, kunye nomnatha wayo. |
| 18. | Umphathi wabasiki babantu wamthabatha uSeraya, umbingeleli oyintloko, noZefaniya, umbingeleli wolwesibini udidi, nabagcini-mnyango bobathathu. |
| 19. | Kuwo umzi wathabatha umbusi wamnye, awayengumphathi wamadoda okulwa; namadoda amahlanu kwabehlala nokumkani, awafunyanwayo phakathi komzi; nombhali womthetheli womkhosi, obesakuhlanganisa abantu belizwe; namadoda amashumi mathandathu kubantu belizwe, awafunyanwayo phakathi komzi. |
| 20. | Wabathabatha abo uNebhuzaradan, umphathi wabasiki babantu, wabasa kukumkani waseBhabheli eRibhela. |
| 21. | Wabaxabela ukumkani waseBhabheli, wababulalela eRibhela ezweni laseHamati. Afuduswa ke amaYuda emhlabeni wawo. |
| 22. | Ke abantu abasalayo ezweni lakwaYuda, awabasalisayo uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, wabamisela umphathi onguGedaliya, unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan. |
| 23. | Bakuva ke bonke abathetheli bemikhosi, bona namadoda abo, akuba ukumkani waseBhabheli umenze umphathi uGedaliya, beza kuGedaliya lowo eMizpa; bengooIshmayeli unyana kaNetaniya, noYohanan unyana kaKareha, noSeraya, unyana kaTanumete waseNetofa, noYahazaniya unyana kaMahakati, bona namadoda abo. |
| 24. | Wabafungela bona namadoda abo uGedaliya, wathi kubo, Musani ukuboyika abakhonzi bamaKaledi; hlalani kweli lizwe, nikhonze ukumkani waseBhabheli, konilungela. |
| 25. | Ke kaloku kwathi ngenyanga yesixhenxe, kweza uIshmayeli unyana kaNetaniya, unyana kaElishama, wasembewini yookumkani, enamadoda alishumi, bamxabela uGedaliya, wafa, namaYuda namaKaledi abenaye eMizpa. |
| 26. | Besuka ke bonke abantu, bethabathela komncinane bezisa komkhulu, nabathetheli bemikhosi, baya eYiputa; ngokuba babewoyika amaKaledi. |
| 27. | Kwathi ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe wokufuduswa kukaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yeshumi elinesibini, ngosuku lwamashumi omabini anesixhenxe enyangeni leyo: uEvili-merodaki, ukumkani waseBhabheli, ngomnyaka wokwenziwa kwakhe ukumkani, wayiphakamisa intloko kaYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, wamkhupha entolongweni. |
| 28. | Wathetha naye kakuhle, wayimisa itrone yakhe, yangaphezu kwetrone yookumkani ababenaye eBhabheli. |
| 29. | Zakhululwa iingubo zakhe zasentolongweni, wamana ukudla isonka phambi kwakhe yonke imihla yokuphila kwakhe. |
| 30. | Wawunikwa umxhesho wakhe, umxhesho wamaxesha onke, uvela kukumkani: into yemini ngangemini yayo, yonke imihla yokuphila kwakhe. |
| ← 2Kings (25/25) |