← 2Kings (24/25) → |
1. | Ngemihla yakhe kwenyuka uNebhukadenetsare, ukumkani weBhabheli. UYehoyakim waba ngumkhonzi kuye iminyaka emithathu, wabuya wagwilika kuye. |
2. | UYehova wamthumela izimpi zamaKaledi, nezimpi zama-Aram, nezimpi zakwaMowabhi, nezimpi zoonyana baka-Amon, wazithumela elakwaYuda, ukuba zilitshabalalise ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngabakhonzi bakhe abaprofeti. |
3. | Kwaye kungomlomo kaYehova wodwa ukwenzeka kwale nto kumaYuda, ukuba awasuse ebusweni bakhe ngenxa yezono zikaManase, njengako konke awakwenzayo; |
4. | nangenxa yegazi elingenatyala awaliphalazayo; wayizalisa iYerusalem ngegazi elingenatyala; akavumanga uYehova ukuxolela. |
5. | Ezinye izinto zikaYehoyakim, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? |
6. | Walala uYehoyakim kooyise; uYehoyakin, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. |
7. | Akabanga saphinda ukumkani waseYiputa aphume ezweni lakhe; ngokuba ukumkani waseBhabheli wayezithimbile zonke izinto ezizezokumkani waseYiputa, eqalele emlanjeni waseYiputa, wada wesa emlanjeni ongumEfrati. |
8. | UYehoyakin ubeminyaka ilishumi elinesibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; zantathu iinyanga engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguNehushta, intombi kaElinatan waseYerusalem. |
9. | Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uyise. |
10. | Ngelo xesha benyuka abakhonzi bakaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, beza eYerusalem; wangqingwa umzi lowo. |
11. | Wawufikela uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, bewungqingile abakhonzi bakhe. |
12. | Waphuma uYehoyakin, ukumkani wakwaYuda, waya kukumkani waseBhabheli, yena nonina, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nababusi bakhe; ukumkani waseBhabheli wamthabatha ke ngomnyaka wesibhozo wobukumkani bakhe. |
13. | Warhola khona bonke ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wazinqunqa zonke iimpahla zegolide, awazenzayo uSolomon ukumkani wakwaSirayeli etempileni kaYehova, njengoko wakuthethayo uYehova. |
14. | Wayifudusa yonke iYerusalem, nabathetheli bonke, namagorha onke anobukroti, ishumi lamawaka abathinjwa, zonke iingcibi nabakhandi; akwasala mntu, yaba ngamahlwempu elizwe odwa asalayo. |
15. | Wamfudusa uYehoyakin, wamsa eBhabheli, nonina wokumkani, nabafazi bokumkani, nababusi bakhe, neenjengele zelizwe; wabafudusa eYerusalem abathinjwa abo, wabasa eBhabheli; |
16. | namadoda onke anobukroti angamawaka asixhenxe, neengcibi nabakhandi abaliwaka, onke amagorha anokulwa; abo ukumkani waseBhabheli wabasa bengabathinjwa eBhabheli. |
17. | Ukumkani waseBhabheli wamenza uMataniya, uyisekazi kaYehoyakin, ukumkani esikhundleni sakhe; waliguqula igama lakhe languZedekiya. |
18. | UZedekiya ubeminyaka imashumi mabini anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguHamutali, intombi kaYeremiya waseLibhena. |
19. | Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uYehoyakim. |
20. | Ngokuba ngenxa yomsindo kaYehova kwenzeka oko eYerusalem nakwaYuda, wada wabalahla ebusweni bakhe. UZedekiya wamana egwilika kukumkani waseBhabheli. |
← 2Kings (24/25) → |