| ← 2Kings (21/25) → | 
| 1. | UManase ubeminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamihlanu engukumkani eYerusalem; igama lonina belinguHefetsibha. | 
| 2. | Wenza okubi emehlweni kaYehova, ngokwamasikizi eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli. | 
| 3. | Wabuya wazakha iziganga, awayezidilizile uHezekiya uyise, wammisela uBhahali izibingelelo, wenza ooAshera, njengoko wenzayo uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, waqubuda kumkhosi wonke wezulu, wawukhonza. | 
| 4. | Wakha izibingelelo endlwini kaYehova, leyo wathi uYehova ngayo, Ndiya kulibeka eYerusalem igama lam. | 
| 5. | Wawakhela izibingelelo wonke umkhosi wezulu ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova. | 
| 6. | Wamcandisa unyana wakhe emlilweni, waba litola, wahlaba izihlabo, wamisa abaneshologu noosiyazi, waphikela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise. | 
| 7. | Wawumisa umfanekiso oqingqiweyo ka-Ashera abewenzile, endlwini leyo wayethe ngayo uYehova kuDavide nakuSolomon unyana wakhe, Kuyo le ndlu naseYerusalem, endiyinyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli, ndiya kulibeka khona igama lam ngonaphakade; | 
| 8. | ndingaphindi ndilushukumise unyawo lwamaSirayeli emhlabeni endawunika ooyise; kodwa makabe aya kugcina ukwenza njengako konke endiwawisele umthetho ngako, nanjengokomyalelo wonke awawawiselayo umkhonzi wam uMoses. | 
| 9. | Akaphulaphula ke; wawalukuhla uManase, ukuba enze okubi, ngaphezu kweentlanga awazitshabalalisayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli. | 
| 10. | Wathetha uYehova ngabakhonzi bakhe abaprofeti, esithi, | 
| 11. | Ngenxa enokuba uManase, ukumkani wakwaYuda, ewenzile loo masikizi, wenza okubi okungaphezulu kwako konke awakwenzayo ama-Amori, abengaphambi kwakhe, wawonisa namaYuda ngezigodo zakhe ezizizithixo: | 
| 12. | ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiyizisela iYerusalem neYuda ububi, eziya kuthi nzwi iindlebe zombini zabo bonke ababuvayo. | 
| 13. | Ndololula phezu kweYerusalem ulutya lokulinganisa lwakwaSamari, nelothe yokulinganisa yendlu ka-Ahabhi, ndiyisule iYerusalem njengosula isitya, asisule, asisibeke. | 
| 14. | Ndowalahla amasalela elifa lam, ndibanikele esandleni seentshaba zabo, ukuba baphangwe bathinjwe zizo zonke iintshaba zabo; | 
| 15. | ngenxa enokuba benze okubi emehlweni am, bandiqumbisa, kususela kwimini abaphuma ngayo ooyise eYiputa unanamhla. | 
| 16. | Kananjalo igazi elimsulwa uliphalaze lalininzi kunene uManase, yada yazala iYerusalem, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye; sisodwa sona isono sakhe awawonisayo ngaso amaYuda, ngokwenza okubi emehlweni kaYehova. | 
| 17. | Ezinye izinto zikaManase, nako konke awakwenzayo, nesono sakhe awonayo ngazo, asibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? | 
| 18. | Walala uManase kooyise, wangcwatyelwa emyezweni wendlu yakhe, emyezweni kaUza. | 
| 19. | UAmon unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. UAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMeshulemete, intombi kaHarutse waseYotebha. | 
| 20. | Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise. | 
| 21. | Wahamba ngendlela yonke awahamba ngayo uyise; wazikhonza izigodo ezizizithixo awazikhonzayo uyise, waqubuda kuzo. | 
| 22. | Wamshiya uYehova, uThixo wooyise, akahamba ngendlela kaYehova. | 
| 23. | Bamceba abakhonzi baka-Amon, bambulala ukumkani lowo endlwini yakhe. | 
| 24. | Abantu belizwe elo bababulala bonke abo babecebe ukumkani uAmon. Bathi abantu belizwe elo bamenza ukumkani uYosiya, unyana wakhe, esikhundleni sakhe. | 
| 25. | Ezinye izinto zika-Amon awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? | 
| 26. | Wangcwatyelwa engcwabeni lakhe, emyezweni kaUza. UYosiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. | 
| ← 2Kings (21/25) → |