← 2Kings (11/25) → |
1. | Ke kaloku uAtaliya, unina ka-Ahaziya, uthe, akubona ukuba unyana wakhe ufile, wesuka wayitshabalalisa yonke imbewu yokumkani. |
2. | Ke uYoshebha, intombi yokumkani uYehoram, udade boAhaziya, wamthabatha uYowashe unyana ka-Ahaziya, wamba phakathi koonyana bokumkani ababulawayo, wamsa yena nomondli wakhe egumbini lokulala, bamfihla kuAtaliya, ukuba angabulawa. |
3. | Wayenaye endlwini kaYehova, ezinyeziwe, iminyaka emithandathu. Waye uAtaliya engukumkanikazi kulo ilizwe. |
4. | Ngomnyaka wesixhenxe uYehoyada wathumela, wathabatha abathetheli-makhulu basebancinithini nabasezigidimini, wabazisa kuye endlwini kaYehova. Wabamisela umnqophiso, wabafungisa endlwini kaYehova, wababonisa unyana wokumkani. |
5. | Wabawisela umthetho, wathi, Yiyo le into eniya kuyenza: Isahlulo sesithathu kuni, bangenayo ngesabatha, sogcina isigxina sendlu yokumkani; |
6. | esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni laseSure; esinye isahlulo sesithathu sibe sesangweni emva kwezigidimi; nisigcine isigxina sendlu, nithintele. |
7. | Ke izahlulo ezibini phakathi kwenu nonke, niphumayo ngesabatha, zosigcina isigxina sendlu kaYehova kukumkani; |
8. | nimphahle ukumkani ngeenxa zonke, elowo eneentonga zakhe esandleni sakhe; athi ongene ezintlwini abulawe, nibe nokumkani ekuphumeni kwakhe nasekubuyeni kwakhe. |
9. | Benza ke abathetheli-makhulu ngako konke uYehoyada umbingeleli abewise umthetho ngako. Bathabatha elowo amadoda akhe, angenayo ngesabatha, kunye naphumayo ngesabatha, beza kuYehoyada umbingeleli. |
10. | Umbingeleli wabanika abathetheli-makhulu iintshuntshe namakhaka abe engawokumkani uDavide, abesendlwini kaYehova. |
11. | Zema izigidimi, saeso saba neentonga zaso esandleni saso, zathabathela kwiphiko lasekunene lendlu, zesa kwiphiko lasekhohlo lendlu, ngasesibingelelweni, ngasendlwini, ngeenxa zonke kukumkani. |
12. | Wamkhuphela phandle unyana wokumkani, wamfaka isithsaba wamnika nesingqiniso. Bamenza ukumkani, bamthambisa, babetha izandla, bathi, Makadle ubomi ukumkani! |
13. | Uthe uAtaliya, akusiva isandi sezigidimi nesabantu, waya kubo abantu endlwini kaYehova. |
14. | Wakhangela, nanko ukumkani emi endaweni ephakamileyo ngokwesiko, nabathetheli nabavutheli ngamaxilongo bengakukumkani; abantu bonke belizwe bevuya, bevuthela amaxilongo. Wazikrazula iingubo zakhe uAtaliya, wakhala wathi, Licebo! Licebo! |
15. | UYehoyada umbingeleli wabawisela umthetho abathetheli-makhulu, abaveleli bempi leyo, wathi kubo, Mkhupheleni phandle phakathi kwezintlu; omlandelayo makabulawe ngekrele. Ngokuba ubesithi umbingeleli, makangabulawelwa endlwini kaYehova. Bamkhwelela ngeenxa zombini. |
16. | Waya endlwini yokumkani ngendlela yokungena kwamahashe, wabulawelwa khona. |
17. | Wawenza uYehoyada umnqophiso phakathi koYehova nokumkani nabantu, ukuba babe ngabantu bakaYehova; naphakathi kokumkani nabantu. |
18. | Baya bonke abantu belizwe endlwini kaBhahali, bayidiliza; izibingelelo zakhe nemifanekiso yakhe bayiqhekeza kwaphela. Bambulala uMatan, umbi ngeleli kaBhahali, phambi kwesibingelelo. Umbingeleli wamisa abaveleli endlwini kaYehova. |
19. | Wabathabatha abathetheli-makhulu, nabancinithi, nezigidimi, nabantu bonke belizwe, behla nokumkani endlwini kaYehova, baya endlwini yokumkani ngendlela yesango lezigidimi. Wahlala ke etroneni yokumkani. |
20. | Bavuya bonke abantu belizwe; wazola umzi; kuba babembulele uAtaliya ngekrele endlwini yokumkani. |
21. | UYowashe ubeminyaka isixhenxe ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. |
← 2Kings (11/25) → |