| ← 2Corinthians (8/13) → |
| 1. | Ke kaloku, bazalwana, siyanazisa ubabalo lukaThixo oluhlakaziweyo phakathi kwamabandla akwelaseMakedoni; |
| 2. | okokuba ekucikidweni kwawo okukhulu yimbandezelo, kuthe ukuphuphuma kovuyo lwawo, nobuhlwempu bawo obendeleyo, kwaphuphumela ekutyebiseni ukunyanisa kwawo. |
| 3. | Ngokuba ndiyangqina ukuba bathe, ngokwamandla abo, ewe nangaphezu kwamandla, banikela ngokuqhutywa yintliziyo, |
| 4. | besikhunga, besibongoza kakhulu, ukuba silwamkele ubabalo olo, ubudlelane ke obo bokulungiselela abangcwele. |
| 5. | Abanelanga kwenza njengoko sathemba ngako; bathi kuqala bazinikela eNkosini, baza kamva bazinikela nakuthi ngokuthanda kukaThixo; |
| 6. | ngokokude simyale uTito, ukuze athi, njengokuba ebeqalile, alufezele kuni ngokunjalo nolo lubabalo. |
| 7. | Ke, kwanjengokuba niphuphuma iinto zonke, ukholo, nokuthetha, nokwazi, nokunyameka konke, nokusithanda kwenu, maniphuphume nakulo olu lubabalo. |
| 8. | Anditsho ngakwammiselo; ukutsho, ndenziwa kukunyameka kwabanye, ndicikida nenyaniso yolwenu uthando; |
| 9. | kuba niyalwazi ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu, okokuba yathi, ibisisityebi nje, yaba lihlwempu ngenxa yenu, ukuze nina nibe zizityebi ngobuhlwempu bayo obo. |
| 10. | Ngale ndawo ke ndinipha okwam ukubona; kuba oko kunilungele nina aba nayiqalayo kwanyakenye le nto; ananela kuyenza, nayithanda nokuyithanda. |
| 11. | Ngoku ke yenzeni niyifeze loo nto, ukuze, kwanjengokuba bekukho intumekelelo yokuthanda, kwangokunjalo kubekho nokuyifeza ngeninako. |
| 12. | Kuba intumekelelo, ukuba selikho, yamkeleka kakuhle ngokoko asukuba enako umntu, kungabi ngokoko angenako. |
| 13. | Kuba andithi mabaphumle abanye, nibandezeleke nina; |
| 14. | ndithi, ukuze kubekho ukulingana ngexesha lakalokunje, ukuphuphuma kwenu makufikelele ekusileleni kwabo; ukuze nokuphuphuma kwabo kufikelele ekusileleni kwenu, ukuze ke kubekho ukulingana; |
| 15. | njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Owabutha kakhulu akabanga nakusalelayo; nowabutha kancinane akabanga nakusilela. |
| 16. | Makubulelwe ke kuThixo, ongenise kwaoko kuninyamekela entliziyweni kaTito. |
| 17. | Ngokuba wasamkela okunene isiyalo; ke uthe, enyameke okunye, waphuma ngokuqhutywa yintliziyo, waya kuni. |
| 18. | Sathuma ke kunye naye umzalwana odume phakathi kwawo onke amabandla, ngokuvakalisa iindaba ezilungileyo. |
| 19. | Asikuphela ke oko; wanyulwa nokunyulwa ngawo amabandla, ukuba abe ngohamba nathi, nalo olu lubabalo lulungiselelwayo sithi, ukuze izukiswe iNkosi, nibe nokuthumekelela nina: |
| 20. | silumkele oku, ukuba kungabikho mntu usibeka bala kule nyambalala yeminikelo ilungiselelwayo sithi; |
| 21. | sikhathalele izinto ezintle, kungekhona emehlweni eNkosi yodwa, kukwanasemehlweni abantu. |
| 22. | Sithume ke kunye nabo umzalwana wethu, esimcikide futhi ngeendawo ezininzi, samfumana ekhuthele; kokukhona akhuthele kakhulu, ekholose kakhulu ngani. |
| 23. | Nokuba kuthethwa ntoni ngoTito, yazini ukuba ulidlelane nam, nomsebenzisi wam kuni; nokuba kuthethwa ngabazalwana bethu, yazini ukuba bangabathunywa bamabandla kaThixo, baluzuko lukaKristu. |
| 24. | Lo mbonakalaliso ngoko wothando lwenu, nowokuzingca kwethu ngani, wubonakalaliseni kubo, naphambi kwamabandla. |
| ← 2Corinthians (8/13) → |