← 2Corinthians (7/13) → |
1. | Sinawo nje ngoko la madinga, zintanda, masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya sibufeza ubungcwele, sisoyika uThixo. |
2. | Samkeleni ngeentliziyo zenu; asonanga mntu, asonakalisanga mntu, asiphanganga mntu. |
3. | Anditsho ngakunigweba; kuba sendithe ngaphambili, nisezintliziyweni zethu ukuba sife nani, sidle ubomi nani. |
4. | Ndinokungafihlisi okukhulu kuni, ndizingca kakhulu ngani; ndizele yintuthuzelo, ndiphuphuma uvuyo kakhulu kuyo yonke imbandezelo yethu. |
5. | Kuba sithe sakufika kwelaseMakedoni, ayaba nakuphumla nakanye inyama yethu; sabandezelwa ngeenxa zonke, ngaphandle ikukulwa, ngaphakathi ikukoyika. |
6. | Ke lowo ubathuthuzelayo abathobekileyo, uThixo ke, wasithuthuzela ngokufika kukaTito; |
7. | akwaba ngakufika kwakhe ke kuphela, kwaba ngayo intuthuzelo awathuthuzeleka ngayo kuni, esityela ulangazelelo lwenu, isijwili senu, nokundizondelela kwenu, ngokokude ndivuye ngakumbi. |
8. | Kuba nakuba ndikhe ndanenza nabuhlungu ngencwadi leyo, andizohlwayi, nakuba ndikhe ndazohlwaya; kuba ndiyabona ukuba loo ncwadi yanenza buhlungu, nakuba kwaba ngumzuzwana. |
9. | Ngoku ke ndiyavuya, ndingavuyeli kuba neenziwa buhlungu, ndivuyela ukuba nenziwa buhlungu ngokwasinga enguqukweni; kuba nenziwa buhlungu ngokokukaThixo, ukuze ningalahlekwa nto ngathi. |
10. | Kuba ubuhlungu obungokukaThixo busebenza inguquko esingisa elusindisweni, ekungekho kuzohlwaya ngayo; ke kona okwehlabathi ukuba buhlungu kusebenza ukufa. |
11. | Kuba, yabonani, kwaoko kwenziwa kwenu buhlungu ngokukaThixo, kwanisebenzela ukunyameka okungakanana; nasuka naziphendulela, nasuka nacaphuka, nasuka noyika, nasuka nalangazelela, nasuka nazondelela, nasuka naphindezela! Ngeendawo zonke niziqondakalisile, ukuba kulo mcimbi nimsulwa nina okwenu. |
12. | Ngoko ke, noko ndanibhalelayo, andikwenzanga oko ngenxa yalowo wamonayo omnye, kanjalo andikwenzanga ngenxa yalowo woniwayo; ndakwenzela ukuze kubonakalaliswe kuni ukuninyamekela kwethu emehlweni kaThixo. |
13. | Ngenxa yoko, sithuthuzelekile ngenxa yokuthuthuzeleka kwenu; sakuvuyela ke ngokugqithiseleyo ngakumbi ukuvuya kukaTito; ngokuba waphunyuzwayo umoya wakhe nini nonke. |
14. | Ngokuba ukuqhayisa endaqhayisa ngako ngani, andidaniswanga ngako; njengokuba sazithetha kuni izinto zonke sinyanisile, ngokunjalo nokuqhayisa kwethu oko phambi koTito kwaba yinyaniso. |
15. | Imfesane yakhe isenkulu ngakuni ngokugqithiseleyo, akukhumbula ukumva kwenu nonke nokokuba namamkelayo ninokoyika nokugubha. |
16. | Ndiyavuya ngoko, kuba ndomelezekile kuni ezintweni zonke. |
← 2Corinthians (7/13) → |