| ← 2Corinthians (2/13) → |
| 1. | Mna ke okwam, ndagqiba kweli lokuba ndingabuyi ndize kuni ndibuhlungu. |
| 2. | Kuba mna ukuba ndinenza buhlungu, kusekho bani na ke ondenza ndibe nemihlali, ongenguye lowo wenziwe wabuhlungu kwandim? |
| 3. | Ndanibhalela ke kwakona oku, ukuze ndakufika ndingabi buhlungu ngabo bendimelwe kukuvuya ngabo; ndikholosile ngani nonke, ukuba uvuyo lwam ikwalolwenu nonke. |
| 4. | Kuba ndanibhalela ekubandezelekeni nasekuxinezelekeni okukhulu kwentliziyo yam, ndineenyembezi ezininzi; ndingenzeli ukuze nenziwe buhlungu, ndisenzela ukuze nilwazi uthando endinithanda ngalo ngokugqithiseleyo. |
| 5. | Ke ukuba ubani wenze kwabuhlungu, akenze kwabuhlungu mna, wenze ngenxenye nina nonke; nditsho ukuze ndingamcinezeli. |
| 6. | Kumanele lowo unjalo oko kumkhalimela kwabona baninzi kuni; |
| 7. | ngokokude nithi kanye senimxolela, nimthuthuzele, hleze lowo unjalo aselesuka edliwa kukuba buhlungu ngokugqithiseleyo. |
| 8. | Kungoko ndiniyalayo, ndithi, luzinziseni uthando kuye; |
| 9. | kuba ndabhalela kona oku, ukuze ndikwazi ukucikideka kwenu, ukuba ningabevayo na ezintweni zonke. |
| 10. | Enimxolelayo ke into, ndiyamxolela nam; kuba nam, ukuba ndixolele into endiyixoleleyo, ndenze ngenxa yenu, phambi kukaKristu; |
| 11. | ukuze singabonelelwa nguye uSathana; kuba amaqhinga akhe siyawazi. |
| 12. | Ke kaloku, ndathi ndakufika eTrowa ngenxa yeendaba ezilungileyo zikaKristu, ndakuba ndiwuvulelwe nomnyango eNkosini, |
| 13. | andibanga nakonwaba emoyeni wam, ngokungamfumani uTito, umzalwana wam; ndesuka ndababulisa, ndanduluka ndava kwelaseMakedoni. |
| 14. | Makubulelwe ke kuThixo, ohlala eduma ngathi sikuKristu, elibonakalalisa ngathi ivumba lokwaziwa kwakhe ezindaweni zonke. |
| 15. | Ngokuba kuye uThixo silivumba elimnandi likaKristu, phakathi kwabasindiswayo naphakathi kwabatshabalalayo. |
| 16. | Kwabanye silivumba lokufa elisa ekufeni; kwabanye silivumba lobomi elisa ebomini. Ngubani na ke ozilingeneyo ezo zinto? |
| 17. | Kuba asithi, njengabaninzi abo, silingxengelele ilizwi likaThixo; sisuka ngokwabokungcwengeka, sisuka ngokwabakwaThixo, sithethe phambi kwamehlo kaThixo, sikuKristu. |
| ← 2Corinthians (2/13) → |