← 2Corinthians (11/13) → |
1. | Akwaba ningandi nyamezela kancinane ekusweleni kuqonda kwam! Kodwa noko niyandinyamezela. |
2. | Kuba ndiyanikhweletela ngekhwele likaThixo; kuba ndanendisa ndodeni-nye, ukuze ndinimise phambi koKristu niyintombi enyulu. |
3. | Ndiyoyika ke, hleze kuthi, njengokuba inyoka yamlukuhlayo uEva ngobuqhetseba bayo, zonakaliswe ngokunjalo nani iingqiqo zenu, zimke ekunyaniseni kuye uKristu. |
4. | Kuba kaloku, xa lowo uzayo avakalisa omnye uYesu, esingamvakalisanga thina, nokuba namkela moya wumbi enaningamkelanga wona, nokuba ziindaba ezilungileyo ezizimbi enaningamkelanga zona, beningaba kambe niyatyapha ukumnyamezela. |
5. | Kuba ndiba andisilele nganto kwabona bapostile baziincamisa. |
6. | Nakuba ke ndiliyilo ngentetho, andinjalo ngokwazi; sabonakala kuni phakathi kwabo bonke ngeendawo zonke. |
7. | Ndenza isono na ngokuzithoba, ukuze niphakanyiswe nina, ngokuba ndanishumayezayo ngesisa iindaba ezilungileyo zikaThixo? |
8. | Amanye amabandla kaThixo ndawabhunyula, ndisamkela umvuzo ukuze ndilungiselele nina. |
9. | Kanjalo xa ndandikho kuni, ndiswele, andibanga mthwalo mntwini; kuba ukuswela kwam bakwenzelela abazalwana, bakuvela kwelaseMakedoni; ndathi ngeendawo zonke ndazigcina, andaba bunzima kuni, ndisaya kuzigcina nangoku. |
10. | Ikum nje inyaniso kaKristu, ndithi olo luqhayiso aluyi kuvingcwa mlomo mayela nam, mna, kwimimandla yelaseAkaya. |
11. | Ngani na ke? Ngokuba ndinganithandi na? Hayi, uThixo uyazi. |
12. | Endikwenzayo ke ndiya kukwenza, ukuze ndibahluthe ithuba lokujinda abafuna ithuba; ukuze entweni abaqhayisa ngayo, bafunyanwe bekwanjengathi. |
13. | Kuba abo banjalo ngabapostile ababuxoki, ngabasebenzi abakhohlisayo, bezimilisa okwabapostile bakaKristu. |
14. | Ke akummangaliso oko, kuba noSathana ngokwakhe uzimilisa okwesithunywa sokukhanya. |
15. | Akunto inkulu ke ngoko, ukuba abalungiseleli bakhe bazimilise okwabalungiseleli bobulungisa; abasiphelo siya kuba ngokwemisebenzi yabo. |
16. | Ndibuya ndithi, Makungabikho mntu uba ndingoswele ukuqonda; okanye ke kambe, ndamkeleni njengoswele ukuqonda, ukuze ke ndiqhayise kancinane nam. |
17. | Oku ndikuthethayo, andikuthethi ngokweNkosi; ndikuthetha ngokoswele ukuqonda, ndinoko kukholosa koqhayiso. |
18. | Ekubeni bebaninzi ke abaqhayisa ngokwenyama, ndoqhayisa nam. |
19. | Kuba niyabanyamezela ngovuyo abaswele ukuqonda, niziingqondi nje nina. |
20. | Kuba kaloku niyanyamezela, ukuba umntu unenza amakhoboka, ukuba umntu uyanidla, ukuba umntu uyanibambisa, ukuba umntu uyaziphakamisa, ukuba umntu uyanibetha ebusweni. |
21. | Ndithi, ndizihlaza, ngathi sasiswele amandla thina. Entweni ke asukuba umntu enobuganga (ndithetha ndinokuswela ukuqonda), ndinobuganga nam. |
22. | BangamaHebhere na? Ndinguye nam. BangamaSirayeli na? Ndinguye nam. Bayimbewu ka-Abraham na? Ndiyiyo nam. |
23. | Bangabalungiseleli bakaKristu na? (Ndithetha nxamnye nengqondo.) Ndithi ndingongaphezulu mna, ngokubulaleka okugqithiseleyo, ngemivumbo egqithe emgceni, ngokuba sezintolongweni ngokugqithiseleyo, ngokuba sekufeni futhi. |
24. | KumaYuda ndazuza kahlanu imivumbo emashumi mane kwaphuke mnye. |
25. | Kukathathu ndibethwa ngeentswazi, okunye ndaxulutywa ngamatye, ndaphukelwa ngumkhombe kathathu, ndenze ubusuku nemini enzulwini; |
26. | ndithi ndingongaphezulu ngokuhamba okufuthi, ngeengozi zemilambo, ngeengozi zezihange, ngeengozi zamakowethu, ngeengozi zeentlanga, ngeengozi phakathi komzi, ngeengozi entlango, ngeengozi elwandle, ngeengozi phakathi kwabazalwana ababuxoki; |
27. | ngokubulaleka nangemigu, ngokungabi nakulala okufuthi, ngokulamba nokunxanwa, ngokuzila ukudla okufuthi, ngengqele nobuze. |
28. | Ndingasazibali zona izinto ezingaphandle kwezo, ndingungelwe imihla ngemihla kukuwaxhalela onke amabandla kaThixo. |
29. | Ngubani na okha aswele amandla, ndingasweli mandla nam? Ngubani na okha akhutyekiswe, ndingatshiseki mna? |
30. | Ukuba ndimelwe kukuqhayisa, ndoqhayisa ngezinto zokuswela amandla kwam. |
31. | UThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, ongowokubongwa ngonaphakade, uyazi ukuba andixoki. |
32. | EDamasko umphathi-luhlanga ka-Areta, ukumkani, wayewulinda umzi waseDamasko, efuna ukundibamba; |
33. | ndaza ngekroba ndathotywa ngomnyazi eludongeni, ndasinda ezandleni zakhe. |
← 2Corinthians (11/13) → |