2Corinthians (1/13) → |
1. | UPawulos, umpostile kaYesu Kristu ngokuthanda kukaThixo, noTimoti umzalwana, ubhalela ibandla likaThixo eliseKorinte, kunye nabo bonke abangcwele abakwelaseAkaya liphela: |
2. | uthi, makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo, uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu. |
3. | Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, uSozimfefe, uThixo onako konke ukuthuthuzela, |
4. | osithuthuzelayo kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo. |
5. | Ngokuba, njengokuba iintlungu zikaKristu ziphuphumela kuthi, ngokunjalo ithi nentuthuzelo yethu iphuphume ngoKristu. |
6. | Nokuba na ke siyabandezelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina, ukusindisa ke okusebenzayo ngokunyamezela kwenu kwa-ezo ntlungu sizivayo nathi; nokuba na ke siyathuthuzelwa, oko kwenzelwa ukuthuthuzela nokusindisa nina. |
7. | Kanjalo ithemba lethu ngani liqinisekile; sisazi ukuba, njengokuba ningamadlelane nathi ngazo iintlungu, ngokunjalo niyakuba ngawo nangentuthuzelo. |
8. | Kuba asithandi ukuba ningayazi, bazalwana, imbandezelo yethu eyasihlelayo kwelaseAsiya: ukuba saxineka ngokuncamisileyo, ngaphezu kwamandla ethu, ngokokude sibuncame kanye nobomi. |
9. | Sasuka ngokwethu saba nesigwebo sokufa ngaphakathi kwethu, ukuze singabi ngabasazithembayo, sithembele kuThixo lo ubavusayo abafileyo; |
10. | owasihlangulayo ekufeni okungako, osihlangulayo nangoku; esithembele kuye ukuba usaya kusihlangula: |
11. | nakubonÂ’ ukuba niyancedisa nani ngokusikhungela, ukuze isipho esingokubabalwa, esenzelwe sona thina ngabantu abaninzi, sibulelwe ngabaninzi ngenxa yethu. |
12. | Kuba oko kuqhayisa kwethu kukungqina kwesazela sethu, ukuba sithe ehlabathini apha, ngokukodwa ke kuni, sahlala singabangenakumbi, sinokungcwengeka okuvela kuThixo, singenabulumko bubobenyama, sinobabalo lukaThixo. |
13. | Kuba asinibhaleli zimbi izinto, ikwazezo nizilesayo, nizaziyo kakuhle. Ndiyathemba ke ukuba niya kuzazi kakuhle, kude kuse nasekupheleni, |
14. | njengokuba nasaziyo kakuhle ngokuyinxenye, ukuba siliqhayiya lenu, kwanjengokuba nani nilelethu ngemini yeNkosi uYesu. |
15. | Ndinaloo nkoloseko ke, ndanqwenela ukunga ndingeza kuni kuqala, ukuze nibabalwe okwesibini; |
16. | ndize ndicande kuni ukuya kwelaseMakedoni; ndibuye, ndivela kwelaseMakedoni, ndize kuni, ndiphelekelelwe nini ukuya kwelakwaYuda. |
17. | Xa ngoko ndandifuna oko, ndandifeketha na kanti? Okanye izinto endizicebayo, ndiziceba ngokwenyama yini na ukuze nje kubekho kum uewe, ewe; nohayi, hayi? |
18. | Ethembekile nje ke uThixo, ilizwi lethu kuni alibanga nguewe nohayi. |
19. | Kuba yena okaThixo uNyana, uYesu Kristu, owavakaliswayo phakathi kwenu sithi (ndim ke noSilvano noTimoti), akabanga nguewe nohayi; kuye nguewe kwakanye; |
20. | kuba ngangoko angako amadinga kaThixo, uewe ukuye, noamen ukuye, ukuze kuzukiswe uThixo ngathi. |
21. | Osiqiniselayo ke ndawonye nani kuKristu, osithambisayo ke, nguThixo; |
22. | ositywine wasiqinisa, wasinika isinyaniso soMoya, saba sezintliziyweni zethu. |
23. | Mna ke ndibiza uThixo, ukuba abe lingqina emphefumlweni wam, ukuba kungokunivela, endithe ndaba andikezi eKorinte. |
24. | Anditsho ngakulugagamela ukholo lwenu; nditsho ngokuba singabasebenza nani uvuyo lwenu; kuba nimi ngokholo. |
2Corinthians (1/13) → |