2Chronicles (34/36)  

1. UYosiya ubeminyaka isibhozo ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mathathu anamnye engukumkani eYerusalem.
2. Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, wahamba ngeendlela zikaDavide uyise, akatyekela ngasekunene nangasekhohlo.
3. Ngomnyaka wesibhozo wobukumkani bakhe, esemncinane, waqala wamquqela uThixo kaDavide uyise, nangomnyaka weshumi elinesibini waqala wawahlambulula amaYuda neYerusalem, kwiziganga, nooAshera, nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo.
4. Bazidiliza phambi kwakhe izibingelelo zooBhahali, neentsika zelanga ezibe ziphezu kwazo, wazigawula; ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo netyhidiweyo wayaphula, wayicola yaluthuli, wayisasaza phezu kwamangcwaba abo babebingelele kuyo.
5. Wawatshisa amathambo ababingeleli phezu kwezibingelelo zabo, wawahlambulula ke amaYuda neYerusalem.
6. Nasemizini yakwaManase neyakwaEfrayim neyakwaSimon, kwesa kweyakwaNafetali, emanxuweni azo ngeenxa zonke,
7. wazidiliza izibingelelo, wabaqoba ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo, wayicola yaluthuli; wazigawula zonke iintsika zelanga ezweni lonke lakwaSirayeli, wabuyela eYerusalem.
8. Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wobukumkani bakhe, ekulihlambululeni kwakhe ilizwe elo nendlu leyo, wathuma uShafan unyana ka-Atsaliya, noMahaseya umphathi womzi, noYowa unyana kaYowahazi, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, ukuba bayihlaziye indlu kaYehova uThixo wakhe.
9. Beza kuHilekiya umbingeleli oyintloko, bayinikela imali ebizisiwe endlwini kaThixo, abayibuthayo abaLevi, abagcini-mnyango, eyabe ivele esandleni samaManase namaEfrayim, nakumaqongqolo onke akwaSirayeli, nakuwo onke amaYuda namaBhenjamin; babuyela eYerusalem.
10. Bayinikela esandleni sabenzi bomsebenzi, ababephethe indlu kaYehova; bayinikela kubenzi bomsebenzi ababesebenza endlwini kaYehova, ukuba bayilungise bayihlaziye indlu leyo;
11. bayinikela ke kwiingcibi zemithi nakubakhi, ukuba kuthengwe amatye axholiweyo, nemithi yemiqadi yokuhlanganisa, neyophahla lwezindlu, ababeziwisile ookumkani bakwaYuda.
12. Amadoda lawo ebesebenza kuloo msebenzi enyanisekile; abaphathi bawo nguYahati no-Obhadiya, abaLevi, bakoonyana bakaMerari; noZekariya noMeshulam, bakoonyana bakaKehati, abokongamela; nabaLevi bonke abo baziqondayo iimpahla zokuvuma.
13. Babephethe abathwali bemithwalo, bebongamele bonke abasebenzi bomsebenzi ngomsebenzi; abanye abaLevi babengababhali namagosa nabamasango.
14. Ekuyikhupheni kwabo imali ebiziswe endlwini kaYehova, uHilekiya umbingeleli wayifumana Incwadi yomyalelo kaYehova, eyabhalwa ngesandla sikaMoses.
15. Waphendula uHilekiya, wathi kuShafan umbhali, Ndiyifumene incwadi leyo yomyalelo endlwini kaYehova. UHilekiya wayinika uShafan le ncwadi.
16. UShafan wayizisa incwadi kukumkani; kanjako wambuyisela ilizwi ukumkani esithi, Konke obekunikelwe esandleni sabakhonzi bakho, bayakwenza;
17. bayikhuphele imali eyafumanekayo endlwini kaYehova, bayinikela esandleni sabaphathi, nasesandleni sabenzi bomsebenzi.
18. UShafan umbhali waxela kukumkani esithi, UHilekiya umbingeleli undinike incwadi. Wayilesa uShafan phambi kokumkani.
19. Kwathi akuweva ukumkani amazwi omyalelo, wasuka wazikrazula iingubo zakhe.
20. Ukumkani wabawisela umthetho ooHilekiya, noAhikam unyana kaShafan, noAbhedon unyana kaMika, noShafan umbhali, noAsaya umkhonzi wokumkani, esithi,
21. Yiyani nibuzise kuYehova ngenxa yam, nangenxa yamasalela akwaSirayeli nakwaYuda, malunga namazwi ale ncwadi ifunyenweyo; ngokuba bukhulu ubushushu bukaYehova, obuphalazelwe phezu kwethu, ngenxa enokuba oobawo bengaligcinanga ilizwi likaYehova, ukuba benze njengoko konke kubhaliweyo kule ncwadi.
22. Waya ke uHilekiya nabakwakumkani kuHulida umprofetikazi, umkaShalum unyana kaTokeha, unyana kaHasera, umgcini-ngubo; waye yena ehleli eYerusalem kwesesibini isahlulo sayo. Bathetha kuye ngolo hlobo.
23. Wathi kubo, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Nothi kuloo ndoda inithumileyo kum,
24. Utsho uYehova ukuthi, Yabona ndiyizisela le ndawo nabemi bayo ububi, zonke iziqalekiso ezibhaliweyo encwadini, abayilesileyo phambi kokumkani wakwaYuda;
25. ngethuba lokuba bandishiyayo, baqhumisela thixweni bambi, ukuze bandiqumbise ngomsebenzi wonke wezandla zabo; ngoko bophalazwa ke ubushushu bam kule ndawo, bungabi nakucinywa.
26. Ke kukumkani wakwaYuda, onithume ukuba nibuzise kuYehova, notsho kuye ukuthi, Utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Okwala mazwi uwavileyo,
27. ngokokuba ibithambile intliziyo yakho, wasuka wazithoba ebusweni bukaThixo ekuweveni kwakho amazwi akhe, malunga nale ndawo nabemi bayo; wazithoba phambi kwam, wazikrazula iingubo zakho, walila phambi kwam: nam ndikuvile; utsho uYehova.
28. Uyabona, ndiya kukuhlanganisela kooyihlo, uhlanganiselwe engcwabeni lakho unoxolo, angabuboni amelulo akho bonke ububi, endiyizisela bona le ndawo, nabemi bayo. Bambuyisela ke ilizwi ukumkani.
29. Wathumela ukumkani, kwahlanganiswa onke amadoda amakhulu akwaYuda neYerusalem.
30. Wenyuka ukumkani waya endlwini kaYehova, namadoda onke akwaYuda, nabemi baseYerusalem, nababingeleli, nabaLevi, nabantu bonke, kwathabathela komkhulu kwesa komncinane. Wawalesela ezindlebeni zabo onke amazwi encwadi yomnqophiso, eyafunyanwa endlwini kaYehova.
31. Wema ukumkani phezu kwendawo yakhe ephakamileyo, wenza umnqophiso phambi koYehova wokulandela uYehova nokugcina imithetho yakhe, nezingqino zakhe, nemimiselo yakhe, ngentliziyo yakhe yonke, nangomphefumlo wakhe wonke, ukuba enze amazwi aloo mnqophiso abhaliweyo kule ncwadi.
32. Wabamisa kuwo bonke abafumanekayo eYerusalem nakwaBhenjamin. Abemi baseYerusalem benza ke ngokomnqophiso kaThixo, uThixo wooyise.
33. UYosiya wawasusa onke amasikizi emazweni onke, angawoonyana bakaSirayeli, wabakhonzisa bonke abafumanekayo kwaSirayeli, ukuba bakhonze uYehova uThixo wabo. Abatyekanga ekumlandeleni uYehova, uThixo wooyise yonke imihla yakhe.

  2Chronicles (34/36)