| ← 2Chronicles (33/36) → |
| 1. | UManase ubeminyaka ilishumi linamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamihlanu engukumkani eYerusalem. |
| 2. | Wenza okubi emehlweni kaYehova, ngokwamasikizi eentlanga awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli. |
| 3. | Wabuya wazakha iziganga, awazidilizayo uHezekiya uyise; wabamisela ooBhahali izibingelelo, wenza ooAshera, wawunqula umkhosi wonke wezulu, wawukhonza. |
| 4. | Wazakha izibingelelo endlwini kaYehova, awathi uYehova, KuseYerusalem apho liya kuba khona igama lam ngonaphakade. |
| 5. | Wawakhela izibingelelo wonke umkhosi wezulu ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova. |
| 6. | Yena wabacandisa oonyana bakhe emlilweni, emfuleni wakwaBhen-hinom, waba litola, wahlaba izihlabo, wakhafula, wamisa abaneshologu noosiyazi, wakwandisa ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise. |
| 7. | Wawumisa umfanekiso oqingqiweyo abewenzile, endlwini kaThixo, awathi uThixo kuDavide nakuSolomon unyana wakhe, Kuyo le ndlu naseYerusalem, endiyinyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli, ndiya kulibeka khona igama lam ngonaphakade, |
| 8. | ndingaphindi ndilususe unyawo lwamaSirayeli emhlabeni endawumisela ooyihlo; kodwa mababe bayakugcina ukukwenza konke endibawisele umthetho ngako, ngokomyalelo wonke nemimiselo namasiko, ngesandla sikaMoses. |
| 9. | Ke uManase wawalahlekisa amaYuda nabemi baseYerusalem, ukuba benze okubi, ngaphezu kweentlanga awazitshabalalisayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli. |
| 10. | UYehova wathetha kuManase nakubantu bakhe; abaphulaphula. |
| 11. | UYehova wabafikisela abathetheli bomkhosi wokumkani waseAsiriya; bambamba uManase ngamakhonkco, bamkhonkxa ngamakhamandela obhedu, bamsa eBhabheli. |
| 12. | Ekubandezelweni kwakhe wambongoza uYehova uThixo wakhe, wazithoba kakhulu phambi koThixo wooyise. |
| 13. | Wathandaza kuye, wathandazeka yena nguye, wakuva ukutarhuzisa kwakhe, wambuyisela eYerusalem ebukumkanini bakhe. Wazi ke uManase ukuba uYehova nguye onguThixo. |
| 14. | Emveni koko wakha udonga olungaphandle lomzi kaDavide ngasentshonalanga, lwaya eGihon esihlanjeni, lwaya ekungeneni ngesango leentlanzi, wayizunguleza iOfele, waluphakamisa kakhulu. Wamisa abathetheli bempi emizini yonke enqatyisiweyo kwaYuda. |
| 15. | Wabasusa oothixo bolunye uhlanga nemifanekiso endlwini kaYehova, nezibingelelo zonke abezakhe entabeni yendlu kaYehova, naseYerusalem; waziphosa ngaphandle komzi. |
| 16. | Wakha isibingelelo sikaYehova, wabingelela phezu kwaso imibingelelo yoxolo neyombulelo; wathi kumaYuda makamkhonze uYehova, uThixo kaSirayeli. |
| 17. | Abantu bebesabingelela noko ezigangeni; kodwa babingelela ke kuYehova uThixo wabo yedwa. |
| 18. | Ezinye izinto zikaManase, nomthandazo wakhe kuThixo, nokuthetha kweemboni ezibe zithetha kuye egameni likaYehova, uThixo kaSirayeli, nanzo zisemicimbini yookumkani bakwaSirayeli. |
| 19. | Nomthandazo wakhe, nokuthandazeka kukaThixo nguye, nezono zakhe, nokumeneza kwakhe, neendawo awakhela kuzo iziganga, wamisa ooAshera nemifanekiso eqingqiweyo, engekazithobi, nanzo zibhaliwe emicimbini kaHozayi. |
| 20. | UManase walala kooyise, wangcwatyelwa endlwini yakhe, uAmon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. |
| 21. | UAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem. |
| 22. | Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise. UAmon wabingelela kwimifanekiso yonke eqingqiweyo awayenzayo uManase uyise, wayikhonza. |
| 23. | Akazithobanga phambi koYehova, njengoko wazithobayo uManase uyise; ke yena lo Amon walikhulisa ityala. |
| 24. | Abakhonzi bakhe bamceba, bambulala endlwini yakhe. |
| 25. | Abantu belizwe bababulala bonke abacebi abo bokumkani uAmon. Abantu belizwe bamenza ukumkani uYosiya, unyana wakhe, esikhundleni sakhe. |
| ← 2Chronicles (33/36) → |