2Chronicles (19/36)  

1. Wabuya uYehoshafati ukumkani wakwaYuda, waya endlwini yakhe eYerusalem enoxolo.
2. Waphuma uYehu, unyana kaHanani, imboni, esiya kumkhawulela. Wathi kukumkani uYehoshafati, Kukuthini na ukuba uncede ongendawo, ubathande abathiyi bakaYehova? Kungoko bugalelekileyo kuwe uburhalarhume obuphuma kuYehova.
3. Noko kambe kukho izinto ezintle ezifumanekileyo kuwe; ngokuba ubatshisile ooAshera ezweni, wayisingisela intliziyo yakho ekumquqeleni uThixo.
4. Wahlala uYehoshafati eYerusalem; wabuya waphuma, wahamba phakathi kwabantu, wathabathela eBher-shebha wesa ezintabeni zakwaEfrayim, wababuyisela kuYehova, uThixo wooyise.
5. Wamisa abagwebi ezweni, emizini yonke yakwaYuda enqatyisiweyo, kwimizi ngemizi.
6. Wathi kubagwebi, Kulumkeleni enikwenzayo; ngokuba akungenxa yomntu ukugweba kwenu, kungenxa kaYehova; unani ke emcimbini wokugweba.
7. Ngoko ke ukoyikwa kukaYehova makube phezu kwenu; yenzani ngobulumko; ngokuba akukho bugqwetha kuYehova uThixo wethu, nakukhetha buso, nakwamkela sicengo.
8. Kananjalo eYerusalem uYehoshafati wamisa inxenye yabaLevi, nababingeleli, neentloko zezindlu zooyise zakwaSirayeli, ngenxa yogwebo lukaYehova, nangenxa yokubambana kwabantu. Babuyela kwaseYerusalem.
9. Wabawisela umthetho wathi, Niya kwenjenjalo ukumoyika uYehova ngokunyanisekileyo, nangentliziyo epheleleyo.
10. Zonke iindawo ekubanjwene ngazo eziza kuni, zivela kubazalwana benu, abahleli emizini yabo, phakathi kwegazi negazi, phakathi komyalelo nomthetho nemimiselo namasiko, nobakhanyisela; ukuze bangabi natyala kuYehova, bunganifikeli nina nabazalwana benu uburhalarhume bakhe; nenjenjalo, ukuze ningabi natyala.
11. Nanko uAmariya umbingeleli omkhulu, ephezu kwenu ezintweni zonke zikaYehova; noZebhadiya unyana kaIshmayeli, inganga yendlu yakwaYuda, ezintweni zonke zokumkani; nabaLevi boba ngababhali phambi kwenu. Yomelelani nenze; uYehova woba nolungileyo kuni.

  2Chronicles (19/36)