| ← 2Chronicles (16/36) → |
| 1. | Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithandathu wobukumkani buka-Asa, wenyuka uBhahesha ukumkani wamaSirayeli, esiza kulwa namaYuda; wayakha iRama, ukuze angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda. |
| 2. | Wayirhola ke uAsa isilivere negolide ebuncwaneni bendlu kaYehova, nobendlu yokumkani, wazithumela kuBhen-hadade ukumkani wama-Aram, ohleli eDamasko, esithi, |
| 3. | Kukho umnqophiso phakathi kwam nawe, phakathi kobawo noyihlo; nanko ndikuthumele isilivere negolide; yiya uwaphule umnqophiso wakho noBhahesha ukumkani wamaSirayeli, ukuba emke kum. |
| 4. | UBhen-hadade wamphulaphula ukumkani uAsa, wathumela abathetheli bempi abenabo emizini yakwaSirayeli, wayithimba i-Iyon, nowakwaDan, neAbhele-mayim, nemizi yonke engoovimba yakwaNafetali. |
| 5. | Kwathi, akuva uBhahesha, wayeka ukuyakha iRama, wawuyeka umsebenzi wakhe. |
| 6. | UAsa ukumkani wawathabatha onke amaYuda; awasusa amatye eRama, nemithi yayo, awayesakha ngayo uBhahesha; wakha ke ngayo iGebha neMizpa. |
| 7. | Ngelo xesha uHanani, imboni, weza kuAsa, ukumkani wamaYuda, wathi kuye, Ekubeni wayama kukumkani wama-Aram, akwayama kuYehova uThixo wakho, ngoko ke iphulukile esandleni sakho impi yokumkani wama-Aram. |
| 8. | AmaKushi namaLubhi abengeyeyona impi ininzi, enento eninzi kunene yeenqwelo zokulwa nabamahashe? Ukanti ngokuba wayama kuYehova, anikelwa esandleni sakho. |
| 9. | Ngokuba uYehova, amehlo akhe asingasinga ehlabathini lonke, ukuba azomelezele abantliziyo ziphelele kuye. Wenza ubudenge ngale nto; ngokuba kususela ngoku woba neemfazwe. |
| 10. | UAsa wayiqumbela imboni leyo, wayifaka endlwini yesitokisi; ngokuba wayeyijalele ngale nto. UAsa wayicinezela inxenye yabantu ngelo xesha. |
| 11. | Yabona, izinto zika-Asa, ezokuqala nezokugqibela, nanzo zibhaliwe encwadini yookumkani bakwaYuda nabakwaSirayeli. |
| 12. | Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba wobukumkani bakhe, uAsa wayesifa ziinyawo, sada senyuka isifo sakhe; kananjalo esifeni sakhe akamquqelanga uYehova, waquqela amagqirha. |
| 13. | UAsa walala kooyise; wafa ngomnyaka wamashumi omane anamnye wobukumkani bakhe. |
| 14. | Bamngcwabela engcwabeni lakhe, awazimbelayo emzini kaDavide, bamlalisa esililini esizele bubulawu, iintlobo ngeentlobo, ezenziwe ubuqholo ngobugcisa babaqholi; bamenzela ibaso elikhulu kunene. |
| ← 2Chronicles (16/36) → |