| ← 2Chronicles (12/36) → |
| 1. | Kwathi bakubonÂ’ ukuba buzinzile ubukumkani bukaRehabheham, akomelela, wawushiya umyalelo kaYehova, namaSirayeli onke kunye naye. |
| 2. | Kwathi, ngomnyaka wesihlanu wokumkani uRehabheham, kwenyuka uShishaki ukumkani waseYiputa, wayingenela iYerusalem, ngokuba bebemenezile kuYehova; |
| 3. | enewaka elinamakhulu amabini eenqwelo zokulwa, namawaka angamashumi omathandathu abamahashe, nabantu abangenakubalwa, abaphuma naye eYiputa, amaLubhi, namaSuki, namaKushi. |
| 4. | Wayithimba imizi enqatyisiweyo ekwaYuda, wafika naseYerusalem. |
| 5. | Weza uShemaya umprofeti kuRehabheham, nakubathetheli bakwaYuda ababehlanganisene eYerusalem ngenxa kaShishaki, wathi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Nina nandishiya, nam ndinishiyile, ndaninikela esandleni sikaShishaki. |
| 6. | Bazithoba abathetheli bamaSirayeli nokumkani, bathi, Ulilungisa uYehova. |
| 7. | Akubona uYehova ukuba bazithobile, lafika ilizwi likaYehova kuShemaya, lisithi, Bazithobile; andiyi kubonakalisa; ndiya kubanika ukusinda ixeshana, bungathululelwa ubushushu bam eYerusalem ngesandla sikaShishaki. |
| 8. | Noko boba ngabakhonzi kuye, ukuze bayazi inkonzo yam, nenkonzo yezikumkani zamazwe. |
| 9. | Wenyuka ke ukumkani waseYiputa, wafika walwa neYerusalem, wabuthabatha ubuncwane bendlu kaYehova, nobuncwane bendlu yokumkani; wabuthabatha bonke; wazithabatha iingweletshetshe zegolide awazenzayo uSolomon. |
| 10. | Ukumkani uRehabheham wenza iingweletshetshe zobhedu esikhundleni sazo, waziphathisa abathetheli bezigidimi, ezibe zigcina umnyango wendlu yokumkani. |
| 11. | Ubesakuthi akungena ukumkani endlwini kaYehova, zize izigidimi ezo ziziphethe, zize zizibuyisele egumbini lezigidimi. |
| 12. | Wathi akuzithoba, umsindo kaYehova wabuya kuye, ukuba angamtshabalalisi kuthi tu; kananjalo kwaYuda kwakukho izinto ezilungileyo. |
| 13. | Waziqinisa ukumkani uRehabheham eYerusalem, waba ngukumkani; ngokuba uRehabheham ebeminyaka imashumi mane anamnye ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinesixhenxe engukumkani eYerusalem, umzi lowo wawunyulayo uYehova kwizizwe zonke zakwaSirayeli, ukuba alimise khona igama lakhe. Igama lonina belinguNahama, umAmonikazi. |
| 14. | Wenza okubi, ngokuba ebengayibhekiselelanga intliziyo yakhe ukumquqela uYehova. |
| 15. | Izinto zikaRehabheham, ezokuqala nezokugqibela, azibhalwanga na emicimbini kaShemaya umprofeti noIdo imboni, ngokokubhalwa kwemilibo yokuzalwa? Yayiziimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham imihla yonke. |
| 16. | URehabheham walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide; uAbhiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. |
| ← 2Chronicles (12/36) → |