| ← 1Timothy (2/6) → |
| 1. | Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke; |
| 2. | ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke. |
| 3. | Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo; |
| 4. | onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso. |
| 5. | Kuba mnye uThixo; mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu, |
| 6. | lowo wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke; ubungqina ke obo bokungqinwa ngamaxesha angawabo; |
| 7. | endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni. |
| 8. | Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo. |
| 9. | Kwangokunjalo mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima, ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile, nesambatho esixabiso likhulu; |
| 10. | mabathi (ngokufanele abafazi abathi bahlonela uThixo), bavathe imisebenzi elungileyo. |
| 11. | Umfazi, ezolile, makafunde ethobele konke. |
| 12. | Umfazi ke andimvumeli ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; makazole. |
| 13. | Kuba kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva. |
| 14. | Kanjalo akulukuhlwanga Adam; kulukuhlwe umfazi, waba sekugqitheni. |
| 15. | Noko ke wosindiswa ngokuzala, ukuba bathe bema elukholweni, naseluthandweni, nasebungcwaliseni, benesidima. |
| ← 1Timothy (2/6) → |