← 1Thessalonians (5/5) |
1. | Ke kaloku ngawo amaxesha namathuba, bazalwana, akufuneki nganto ukuba ndinibhalele; |
2. | kuba nani ngokwenu niyazi ngokucacileyo, ukuba imini yeNkosi, njengesela ebusuku, yenjenjalo ukuza kwayo. |
3. | Kuba xenikweni baya kuthi, Luxolo nokunqaba, oko baya kufikelwa yintshabalaliso ngebhaqo, kwanjengenimba komithiyo; baye bengayi kukha basinde. |
4. | Ke nina, bazalwana, anisebumnyameni, ukuba imini leyo iniqubule njengesela. |
5. | Nonke nina ningabokukhanya, abemini; asingabobusuku, asingabobumnyama. |
6. | Ngoko ke masingalali, njengabanye aba; masiphaphe sibe ziingcathu. |
7. | Kuba abaleleyo balala ebusuku; nabanxilayo banxila ebusuku. |
8. | Ke thina bangabemini masibe ziingcathu; masinxibe isigcina-sifuba sokholo nothando, nesigcina-ntloko esilithemba losindiso. |
9. | Ngokuba uThixo akasimiselanga ngqumbo; usimisele ukuzuza usindiso ngayo iNkosi yethu uYesu Kristu; |
10. | owasifelayo, ukuze nokuba sihleli, nokuba silele, sidle ubomi kwakunye naye. |
11. | Kungoko ndithi, Thuthuzelanani, nakhane, kwanjengokuba nisenjenjalo. |
12. | Ke kaloku siyanicela, bazalwana, ukuba nibazi ababulalekayo phakathi kwenu, abanongamelayo eNkosini, abanilulekayo, |
13. | nibabeke ngokugqithiseleyo kakhulu ukubathanda, ngenxa yomsebenzi wabo. Hlalani ninoxolo phakathi kwenu. |
14. | Siyanivuselela ke, bazalwana, balulekeni abanxaxhayo; bakhuzeni abamxhelo mncinane; basekeleni abathambileyo; yibani nokuzeka kade umsindo kubantu bonke. |
15. | Lumkani, kungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi nakubani; hlalani niphuthuma okulungileyo omnye komnye, nakubantu bonke. |
16. | Hlalani nivuya. |
17. | Thandazani ningayeki. |
18. | Ezintweni zonke bulelani; kuba oko kukuthanda kukaThixo kuKristu Yesu ngani. |
19. | UMoya musani ukumcima. |
20. | Iziprofeto musani ukuzenza into engento. |
21. | Izinto zonke zicikideni, nibambe leyo intle. |
22. | Khumkani kuzo zonke iintlobo zenkohlakalo. |
23. | Wanga ke uThixo woxolo ngokwakhe anganingcwalisa niphelelisekile; uthi, ugqibelele owenu umoya nomphefumlo nomzimba, ugcinwe ngokungenakusoleka ekufikeni kweNkosi yethu uYesu Kristu. |
24. | Uthembekile onibizayo, oya kukwenza nokukwenza oko. |
25. | Bazalwana, sithandazeleni. |
26. | Babuliseni abazalwana bonke ngolwango olungcwele. |
27. | Ndiyanifungisa iNkosi ukuba le ncwadi ileswe kubo bonke abazalwana abangcwele. |
28. | Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Kristu malube nani. Amen. |
← 1Thessalonians (5/5) |