| ← 1Thessalonians (2/5) → |
| 1. | Kuba nikwazi ngokwenu, bazalwana, ukuba ukungena kwethu kuni akulambathanga; |
| 2. | sesuka, nakuba besive ubunzima ngenxa engaphambili, siphethwe kakubi eFilipi, njengoko naziyo, asafihlisa, sikuye uThixo wethu, ukuzithetha kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sinomzamo omkhulu. |
| 3. | Kuba uvuselelo lwethu aluphumi kulahlekiseni, lungaphumi nasekungcoleni, lungekhona nasenkohlisweni. |
| 4. | Sithi, njengoko sicikidiweyo nguThixo, ukuba siphathiswe iindaba ezilungileyo, senjenjalo ukuthetha; singangi sikholisa abantu, kuba sikholisa uThixo ozicikidayo iintliziyo zethu. |
| 5. | Kuba kananjalo, njengoko naziyo, asizanga sibe nantetho yakucengacenga, namkhusane wakubawa, uThixo ulingqina; |
| 6. | singafuni nokufuna luzuko bantwini, nokuba kukuni, nokuba kukwabanye; nakuba besinokuba ngumthwalo ngokwabapostile bakaKristu. |
| 7. | Thina ke sisuke sathantamisa phakathi kwenu njengomdlezana osukuba ebagcinile abakhe abantwana; |
| 8. | ngokunjalo sinilangazelela nje, kwakholeka kuthi ukuba singaneli kunabela iindaba ezilungileyo zikaThixo nje kodwa, sinabele nobomi bethu, ngenxa enokuba naba ziintanda kuthi. |
| 9. | Kuba niyakukhumbula, bazalwana, ukubulaleka kwethu nemigu yethu; kuba sazivakalisa kuni iindaba ezilungileyo zikaThixo, sisebenza ubusuku nemini, ukuze singabi mthwalo nakubani kuni. |
| 10. | Ningamangqina nina kwanoThixo, ukuba saba njani na ukuba ngcwele, nokuba nobulungisa, nokungabi nakusoleka kuni bakholwayo; |
| 11. | kwanjengoko naziyo nonke ngabanye, ukuba besixelisa uyise kubantwana bakhe, siniyala, sinikhuza, siniqononondisa, |
| 12. | ukuba nihambe ngokumfaneleyo uThixo, onibizelayo kobakhe ubukumkani nobuqaqawuli. |
| 13. | Ngenxa yoko, nathi siyabulela kuye uThixo singayeki, okokuba nathi, ukulamkela ilizwi likaThixo lodaba kuthi, analamkela lililizwi labantu; nalamkela, njengokuba kunjalo okwenyaniso, lililizwi likaThixo elisebenzayo nokusebenza kuni bakholwayo. |
| 14. | Kuba nina, bazalwana, naba ngabaxelisa amabandla kaThixo akwelakwaYuda, akuKristu Yesu; ngokuba neva kwaobo bunzima nani ngabesizwe sakowenu, babuvayo nabo ngokwabo kuwe amaYuda; |
| 15. | wona ayibulalayo iNkosi uYesu kwanabawo abaprofeti, asitshutshisa nathi, engamkholosi uThixo, echasene nabantu bonke; |
| 16. | esalela thina ukuba sithethe kuzo iintlanga, ukuze zisindiswe, esenzela ukuba azalise izono zawo ngamaxesha onke. Iwafikele ke ingqumbo, kwada kwasekupheleni. |
| 17. | Thina ke, bazalwana, sanihluthwayo nje ixesha elifutshane ngesiqu, kungengantliziyo, sakhuthalela ngokugqithiseleyo ukububona ubuso benu, sinqwena kakhulu. |
| 18. | Kungoko sathandayo ukuza kuni, mna Pawulos lo, kwakanye nakabini; wesuka uSathana wasibambezela. |
| 19. | Kuba liyintoni na ithemba lethu, novuyo lwethu, nesithsaba sethu soqhayiso? Asinini aba na, phambi kweNkosi yethu uYesu Kristu ekufikeni kwayo? |
| 20. | Inene, nini uzuko novuyo lwethu. |
| ← 1Thessalonians (2/5) → |