← 1Samuel (9/31) → |
1. | Kwakukho ndoda yakwaBhenjamin, igama lalinguKishe, unyana ka-Abhiyeli, unyana kaTserore, unyana kaBhekorati, unyana ka-Afiya, unyana womBhenjamin, indoda esisityebi. |
2. | Yayinonyana ogama linguSawule, umfo omtsha, omhle, ebekungekho mfo phakathi koonyana bakaSirayeli umhle kunaye; ethabathela emagxeni akhe anyuse, ubemde kubantu bonke. |
3. | Ke kaloku uKishe, uyise kaSawule, walahlekelwa ziimazi zakhe zamaesile. Wathi uKishe kuSawule unyana wakhe, Khawuthabathe omnye kubafana ahambe nawe, usuke uye kuzifuna iimazi zamaesile. |
4. | Wacanda kweleentaba lakwaEfrayim, wacanda nasezweni laseShalisha; abazifumana. Wacanda nasezweni laseShahalim, azabakho; wacanda nasezweni lakwaBhenjamin, abazifumana. |
5. | Bakufika ezweni lakwaTsufi, uSawule wathi kumfana obenaye, Hamba sibuye, hleze ubawo azincame iimazi zamaesile, abe nesithukuthezi ngathi. |
6. | Wathi ke yena kuye, Uyabona ke, kulo mzi kukho umntu kaThixo; ngumntu ozukileyo; konke akuthethayo kuyenzeka ngenene. Makhe siye khona ke, mhlawumbi angasibonisa indlela yethu esohamba ngayo. |
7. | Wathi uSawule kumfana lowo, Yabona, sihamba nje, siya kumnika ntoni na umntu lowo? Kuba isonka siphelile empahleni yethu; akukho sipho singasisa kumntu kaThixo. Into esinayo yintoni na? |
8. | Waphinda umfana wamphendula uSawule, wathi, Nanku kufumaneke esandleni sam isahlulo sesine seshekele yesilivere; ndosinika umntu kaThixo, asibonise indlela yethu. |
9. | Ngaphambili, kwaSirayeli, umntu xa aya kubuza kuThixo ubesithi, Hamba siye kwimboni; ngokuba onguprofeti namhla bekusithiwa yimboni ngenxa engaphambili. |
10. | Wathi uSawule kumfana lowo, Lihle ilizwi lakho; hamba siye. Bahamba baya kuloo mzi, apho umntu kaThixo wayekhona. |
11. | Bathi benyuka eqhineni lomzi, baqubisana nomthinjana, uphuma usiya kukha amanzi; bathi kuwo, Ikho na apha imboni? |
12. | Wabaphendula, wathi, Ikho, nantso phambi kwenu; khawulezani ngoku, kuba ifike namhlanje kulo mzi, ngokuba abantu banombingelelo namhla esigangeni; |
13. | xa ningena kulo mzi, noyifumana ingekenyuki iye kudla esigangeni; kuba abayi kudla abantu ingekafiki; ngokuba usikelelwa yiyo umbingelelo, baze badle emveni koko abamenyiweyo; nyukani ngoku, ngokuba noyifumana ngoku. Benyuka ke baya kuloo mzi. |
14. | Bakubona ukuba bayangena kuloo mzi, nanko uSamuweli ephuma equbisana nabo, eza kunyuka aye esigangeni. |
15. | Ke kaloku uYehova wayeyityhilele indlebe kaSamuweli ngosuku olungaphambi kokuza kukaSawule, esithi, |
16. | Ngeli xesha ngomso, ndiya kuthumela kuwe indoda yasezweni lakwaBhenjamin, ukuze uyithambise, ibe yinganga yabantu bam amaSirayeli, ibasindise abantu bam esandleni samaFilisti; ngokuba ndibabonile abantu bam; kuba ukukhala kwabo kufikile kum. |
17. | USamuweli wambona uSawule. UYehova wamphendula, wathi, Nantso loo ndoda ndibe ndithethe kuwe ngayo. Yiyo eya kuphatha ubukhosi phezu kwabantu bam. |
18. | Wasondela uSawule kuSamuweli esangweni, wathi, Khawundixelele, iphi na apha indlu yemboni? |
19. | USamuweli wamphendula uSawule, wathi, Ndim imboni; nyuka phambi kwam uye esigangeni, nidle nam namhla, ndikundulule ngomso, ndikuxelele konke okusentliziyweni yakho. |
20. | Ke iimazi zamaesile esekuntsuku ntathu namhla zikulahlekile, musa ukuyibekela kuzo intliziyo yakho; ngokuba zifunyenwe. Kokukabani na konke okunqwenelekayo kwaSirayeli? Asikokwakho na, nokwendlu yonke kayihlo? |
21. | Waphendula uSawule, wathi, AndingumBhenjamin yini na, wesizwe esincinanana kwaSirayeli? Nomzalwane wakowethu awuphantsi na emizalwaneni yonke yesizwe sakwaBhenjamin? Yini na ukuba uthethe ilizwi elinje kum? |
22. | USamuweli wamthabatha uSawule nomfana lowo, wabangenisa egumbini, wabanika indawo yobukhulu phakathi kwabamenyiweyo abo, bengamadoda akumashumi amathathu. |
23. | Wathi uSamuweli kumpheki, Ethe isabelo endakunikayo, ndathi kuwe, Sibeke. |
24. | Wawuzisa umlenze lowo nento ephezu kwawo, wabeka phambi koSawule. Wathi uSamuweli, Nantso into endikubekeleyo, ibekiwe phambi kwakho, yidla; ngokuba ibigcinelwe wena, ukuba ibe yeyeli xesha, kususela koko ndathi, Ndibamemile abantu. Wadla uSawule noSamuweli ngaloo mini. |
25. | Behla esigangeni apho, beza phakathi komzi; wathetha noSawule phezu kwendlu. |
26. | Bavuka kusasa; kwathi, xa kunyuka isifingo, uSamuweli wamemeza kuSawule phezu kwendlu, esithi, Vuka, ndikugoduse. Wavuka uSawule; baphuma baya phandle bobabini, yena noSamuweli. |
27. | Behlile, baya ekupheleni komzi, wathi uSamuweli kuSawule, Yitsho kumfana lo agqithele phambi kwethu (wagqitha ke); khawume wena ngoku, ndikuvise ilizwi likaThixo. |
← 1Samuel (9/31) → |