| ← 1Samuel (8/31) → |
| 1. | Kwathi, xenikweni uSamuweli alixhego, wabamisa oonyana bakhe baba ngabagwebi kumaSirayeli. |
| 2. | Igama lonyana wakhe wamazibulo lalinguYoweli, igama lowesibini lalinguAbhiya; bengabagwebi eBher-shebha. |
| 3. | Oonyana bakhe abahambanga ngendlela yakhe, banabela inzuzo embi, bamkela izicengo, basijika isigwebo. |
| 4. | Aza ahlanganisana onke amadoda amakhulu akwaSirayeli, eza kuSamuweli eRama, athi kuye, Uyabona, |
| 5. | waluphele wena, oonyana bakho abahambi ngendlela yakho; simisele ngoko ukumkani wokusilawula, njengeentlanga ezi zonke. |
| 6. | Laba libi elo zwi emehlweni kaSamuweli, xa bathi, Sinike ukumkani wokusilawula. Wathandaza uSamuweli kuYehova. |
| 7. | Wathi uYehova kuSamuweli, Liphulaphule izwi labantu entweni yonke abayithethayo kuwe; ngokuba ingenguwe abamgibileyo, bagibe mna, ukuze ndingabi ngukumkani kubo. |
| 8. | Ngokwezenzo zonke abazenzileyo, kuselokwemini endabanyusayo eYiputa kwada kwaba namhla, bandishiya, bakhonza thixo bambi, benjenjalo namhla nakuwe. |
| 9. | Liphulaphule ngoko izwi labo; kodwa uze ubaqononondise kakuhle, ubaxelele isiko aya kuphatha ngalo ukumkani oya kuba ngukumkani wabo. |
| 10. | Wabaxelela ke uSamuweli abo bantu babebiza ukumkani kuye onke amazwi kaYehova. |
| 11. | Wathi, Lilo eli isiko lokumkani oya kuba ngukumkani kuni: Oonyana benu uya kubathabatha abamisele yena ezinqwelweni zakhe zokulwa, nasemahasheni akhe akhwelwayo, babaleke phambi kwenqwelo yakhe; |
| 12. | abamisele yena babe ngabathetheli bamawaka, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, balime amasimi akhe, bavune ukutya kwakhe, benze iimpahla zakhe zemfazwe neempahla zenqwelo yakhe. |
| 13. | Iintombi zenu wozithabatha zibe ngabaqholikazi, nabapheki, nabosi bezonka. |
| 14. | Amasimi enu wowathabatha, nezidiliya zenu, nezinquma zenu ezona zilungileyo, azinike abakhonzi bakhe; |
| 15. | nesishumi sembewu yenu asibize, nesezidiliya zenu, asinike ababusi bakhe nabakhonzi bakhe. |
| 16. | Abakhonzi benu uya kubathabatha, nabakhonzazana benu, namadodana enu, namaesile enu, enze umsebenzi wakhe; |
| 17. | isishumi sempahla yenu emfutshane asibize; nina nibe ngabakhonzi bakhe. |
| 18. | Niya kukhala ngaloo mini ngokumkani wenu enazinyulelayo, anganiphenduli uYehova ngaloo mini. |
| 19. | Abavuma abantu ukuliphulaphula ilizwi likaSamuweli; bathi, Hayi, inene, masibe nokumkani; |
| 20. | nathi sibe njengeentlanga ezi zonke, asilawule ukumkani wethu, aphume phambi kwethu, alwe iimfazwe zethu. |
| 21. | Waweva uSamuweli onke amazwi abantu, wawathetha ezindlebeni zikaYehova. |
| 22. | Wathi uYehova kuSamuweli, Liphulaphule izwi labo, ubenzele ukumkani. Wathi uSamuweli kumadoda akwaSirayeli, Hambani niye elowo emzini wakhe. |
| ← 1Samuel (8/31) → |