← 1Samuel (4/31) → |
1. | Ilizwi likaSamuweli laya kumaSirayeli onke. Aphuma amaSirayeli, eya kuwahlangabeza amaFilisti alwe nawo; amisa iintente ngase-Ebhenezere, amaFilisti amisa eAfeki. |
2. | Aza amaFilisti akha uluhlu lokulwa namaSirayeli. Idabi lanwenwezela, abulawa amaSirayeli phambi kwamaFilisti. Kwabulawa eluhlwini ethafeni apho amadoda akumawaka amane. |
3. | Beza abantu eminqubeni, athi amadoda amakhulu akwaSirayeli, Yini na ukuba uYehova asibulale namhla phambi kwamaFilisti? Masiye kuthabatha ityeya yomnqophiso kaYehova eShilo, ibe kuthi, ize phakathi kwethu, isisindise esandleni seentshaba zethu. |
4. | Bathumela ke abantu eShilo; bayithabatha khona ityeya yomnqophiso kaYehova wemikhosi, ohleli phezu kweekerubhi; babekhona bobabini oonyana bakaEli, uHofeni noPinehasi, benetyeya yomnqophiso kaThixo. |
5. | Kwathi, xa ifikayo ityeya yomnqophiso kaYehova eminqubeni, aduma kakhulu onke amaSirayeli, umhlaba wathi ndi. |
6. | Asiva amaFilisti isandi sokuduma kwawo, athi, Sesani na esi sandi sokuduma kungaka eminqubeni yamaHebhere? Azi ke ukuba ityeya kaYehova ifikile eminqubeni. |
7. | Oyika amaFilisti, kuba ebesithi, UThixo ufikile eminqubeni. Athi, Yeha ke thina! Ngokuba akuzanga kube nje ngaphambili. |
8. | Yeha ke thina! Ngubani na oya kusihlangula esandleni saba thixo babungangamsha bungaka? Ngaba thixo aba babulala amaYiputa ngezibetho zonke entlango. |
9. | Yomelelani, nibe ngamadoda, nina maFilisti, hleze nikhonze kumaHebhere, njengokuba ekhonze kuni wona. Yibani ngamadoda, nilwe. |
10. | Alwa ke amaFilisti, awabulala amaSirayeli; asaba ke wona, waya elowo ententeni yakhe; abulawa kakhulu kunene. Kwawa kumaSirayeli amawaka angamashumi amathathu angumqikela. |
11. | Kwathinjwa netyeya yomnqophiso kaThixo; bafa oonyana bobabini bakaEli, uHofeni noPinehasi. |
12. | Kwabaleka indoda yakwaBhenjamin, ivela emkhosini, yafika eShilo kwangaloo mini, iingubo zayo zikrazukile, inomhlaba entloko. |
13. | Yafika; nanko uEli ehleli esihlalweni ecaleni kwendlela, ebonisela; ngokuba ibigubha intliziyo yakhe ngenxa yetyeya kaThixo. Yafika indoda leyo, yawuxelela umzi; wasitsho isililo wonke umzi. |
14. | Waliva uEli izwi lesililo, wathi, Lelani na eli lizwi lale ntlokoma? Indoda leyo yakhawuleza, yeza yamxelela uEli. |
15. | Ke kaloku uEli ebeminyaka imashumi asithoba anesibhozo ezelwe, amehlo akhe enorhatyazo, engenakubona. |
16. | Yathi indoda leyo kuEli, Ndingulo uvela emkhosini mna, ndisabe emkhosini namhlanje. Wathi yena, Kuhle ntoni na, nyana wam? |
17. | Waphendula umbiki, wathi, Asabile amaSirayeli phambi kwamaFilisti, kananjalo babulewe kakhulu abantu, kananjalo oonyana bakho bobabini bafile, ooHofeni noPinehasi; ityeya kaThixo ithinjiwe. |
18. | Kwathi, akukhankanya ityeya kaThixo, wawa esihlalweni sakhe, eqethuka ngomva ngasecaleni kwesango, waphuka ilungu lentamo, wafa; ngokuba indoda leyo ibiselilixhego; inzima. Yayiwalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mane. |
19. | Ke kaloku umolokazana wayo, umkaPinehasi, ebemithi, eza kuzala. Wathi akuziva iindaba zokuthinjwa kwetyeya kaThixo, nezokufa koyise wendoda nokwendoda yakhe, waguqa, wazala; ngokuba yamfikela inimba. |
20. | Ngexesha lokufa kwakhe, abafazi ababemi phezu kwakhe bathetha, bathi, Musa ukoyika, ngokuba uzele unyana. Akaphendula, akakhathala koko. |
21. | Wathi umntwana nguIkabhode, esithi, Uzuko lumkile kwaSirayeli, ngenxa yokuthinjwa kwetyeya kaThixo, nangenxa yoyise wendoda, nendoda yakhe. |
22. | Wathi, Uzuko lumkile kwaSirayeli; kuba ityeya kaThixo ithinjiwe. |
← 1Samuel (4/31) → |