← 1Samuel (30/31) → |
1. | Kwathi, akufika uDavide namadoda akhe eTsikelage ngomhla wesithathu, afika ama-Amaleki elingenele elasezantsi neTsikelage, ayibetha iTsikelage, ayitshisa ngomlilo. |
2. | Abathimba abafazi ababekhona, kodwa akabulala mntu, ukuthabathela komncinane ase komkhulu; aqhuba ahamba ngendlela yawo. |
3. | Akufika ke uDavide namadoda akhe ekhaya, nalo litshisiwe ngomlilo, bethinjiwe abafazi babo, noonyana babo, neentombi zabo. |
4. | Baliphakamisa ooDavide nabantu ababenaye ilizwi labo, balila, kwada akwabakho mandla kubo okulila. |
5. | Nabafazi bakaDavide bobabini babethinjiwe, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali, umkaNabhali, waseKarmele. |
6. | Wabandezeleka kunene uDavide; ngokuba abantu babethetha ngokumxuluba ngamatye; kuba umphefumlo wabantu bonke ubukrakra, elowo ngenxa yoonyana bakhe nangenxa yeentombi zakhe. Ke uDavide wazomelezela kuYehova uThixo wakhe. |
7. | Wathi uDavide kuAbhiyatare umbingeleli, unyana ka-Ahimeleki, Khawuzise iefodi kum. UAbhiyatare wayizisa iefodi kuDavide. |
8. | Wabuza uDavide kuYehova, esithi, Ndiwasukele na la matutu? Ndowafumana na? Wathi kuye, Sukela; ngokuba uya kuwafumana okunene; uya kuhlangula konke. |
9. | Wahamba ke uDavide, yena namadoda angamakhulu amathandathu anawo. Bafika emlanjaneni oyiBhesore, amanye asala khona. |
10. | Wasukela uDavide, yena namakhulu amane amadoda; asala ke amakhulu amabini amadoda aphelelweyo, angenakuwela emlanjaneni oyiBhesore. |
11. | Ke kaloku bafumana indoda engumYiputa isendle. Bayizisa kuDavide, bayinika isonka; yadla; bayiseza amanzi; |
12. | bayinika ke icandelo lesicumba samakhiwane namacandelo amabini esicumba seerasintyisi, yadla. Wabuyela kuyo umoya wayo; kuba ibingadlanga kudla, ingaselanga manzi, iimini ezintathu nobusuku obuthathu. |
13. | Wathi uDavide kuyo, Ungumni na? Uvela phi na? Yathi, Ndingumfana ongumYiputa, isicaka sendoda engumAmaleki; indishiyile inkosi yam; kuba ndintsuku ntathu namhla ndisifa. |
14. | Sibe sithe sangenela elasezantsi lamaKreti nelakwaYuda, nelasezantsi lakwaKalebhi, sayitshisa iTsikelage ngomlilo. |
15. | Wathi uDavide kuyo, Ungandisa na kuloo matutu? Yathi, Ndifungele uThixo, ukuba akuyi kundibulala, akuyi kundinikela esandleni senkosi yam; ndokusa kuloo matutu. |
16. | Yamsa ke. Nango ezithe dwe phezu kwelizwe lonke, esidla, esela, eduda ngenxa yalo lonke ixhoba elikhulu, abelithimbile ezweni lamaFilisti, nasezweni lakwaYuda. |
17. | UDavide wawabulala, eqale ngocolothi kwada kwahlwa ngomhla olandelayo; akwasinda namnye kubo, yaba ngamakhulu amane amadodana odwa abekhwele ezinkameleni, asaba. |
18. | Wayihlangula uDavide yonke into abeyithimbile ama-Amaleki. Nabafazi bakhe bobabini wabahlangula uDavide; |
19. | akwasala nanye into kuzo, kuthabathela kwencinane kwesa kwenkulu, kwesa koonyana neentombi; kwathabathela kwixhoba kwesa kwinto yonke abeyithimbile kubo. Yonke into wayibuyisa uDavide. |
20. | Wayithimba yonke impahla emfutshane neenkomo; baqhuba phambi kwaloo mfuyo yakhe, bathi, Lixhoba likaDavide eli. |
21. | Wafika ke uDavide kulaa madoda angamakhulu mabini abephelelwe, abengenakumlandela uDavide, awayewashiye emlanjaneni oyiBhesore. Aphuma aya kumkhawulela uDavide aya kubakhawulela abantu ababenaye. UDavide wafika ebantwini, wababuza ukuphila kwabo. |
22. | Aphendula onke amadoda obubi namatshijolo akumadoda abehambe noDavide, athi, Ngenxa enokuba bengahambanga nathi, asiyi kubanika nto emaxhobeni esiwahlanguleyo; elowo makaqhube umkakhe, nabantwana bakhe, ahambe. |
23. | Wathi uDavide, Ningenjenjalo, bazalwana bam, ngento asinikileyo uYehova, wasigcina, wayinikela esandleni sethu impi leyo ibisifikele. |
24. | Ngubani na oya kuniva kweli lizwi? Njengoko sinjalo isabelo sohla aye ekulweni, sinjalo isabelo sosele nempahla; baya kwabelana ngakunye. |
25. | Kwaba njalo, kuthabathela kuloo mini kunyuse, wakumisa kwaba ngummiselo nesiko kwaSirayeli unanamhla. |
26. | Weza uDavide eTsikelage, wathumela inxenye yamaxhoba kumadoda amakhulu akwaYuda, kumakowabo, esithi, Nantso intsikelelo yenu emaxhobeni eentshaba zikaYehova; |
27. | kwawaseBheteli, nakwawaseRamoti esezantsi, nakwawaseYatire, |
28. | nakwawaseArohere, nakwawaseSifimoti, nakwawase-Eshtemowa, |
29. | nakwawaseRakali, nakwawasemizini yamaYerameli, nakwawasemizini yamaKeni, |
30. | nakwawaseHorma, nakwawaseKorashan, nakwawaseAtaki, |
31. | nakwawaseHebron, nasezindaweni zonke apho uDavide abehambahamba khona, yena namadoda akhe. |
← 1Samuel (30/31) → |