← 1Samuel (20/31) → |
1. | Wabaleka uDavide eNayoti ngaseRama, weza, wathi phambi koYonatan, Ndenze ntoni na? Buyini na ubugwenxa bam? Siyini na isono sam phambi koyihlo, ukuba angxamele umphefumlo wam nje? |
2. | Wathi yena kuye, Makube lee oko; akuyi kufa. Uyabona, ubawo akenzi nenkulu into, nencinane into, angayityhileli indlebe yam; ubawo uyifihleleni na ke le nto kum? Akunjalo. |
3. | Wafunga phezu koko uDavide, wathi, Uyihlo uyazi kakuhle ukuba undibabale; uthi, Makangakwazi oku uYonatan, hleze abe buhlungu. Inene, ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, ngathi sisithuba esinye sokunyathela esiphakathi kwam nokufa. |
4. | Wathi uYonatan kuDavide, Into oyithethayo umphefumlo wakho, ndiya kuyenza. |
5. | Wathi uDavide kuYonatan, Uyabona, iya kuthwasa inyanga ngomso; ndifanele ukuhlala nokumkani, ndidle; ndindulule, ndiye kuzifihla endle, kude kuhlwe ngosuku lwesithathu. |
6. | Ukuba uyihlo uthe wandifuna, wothi wena, Ucele kum wandibongoza uDavide, ukuba agidime aye eBhetelehem emzini wakowabo; ngokuba kukho umbingelelo weminyaka ngeminyaka apho, owenzelwa umzi wonke wakowabo. |
7. | Ukuba uyihlo uthe, Kulungile: koba kuluxolo kumkhonzi wakho. Ke ukuba uthe wavutha kakhulu ngumsindo, yazi ukuba ugqibe kwelobubi. |
8. | Ngoko ke uze umenzele inceba umkhonzi wakho; ngokuba umngenise emnqophisweni kaYehova umkhozi wakho lo nawe. Ke ukuba buthe bakho kum ubugwenxa, ndibulale wena ngokwakho; yini na ukuba undise kuyihlo? |
9. | Wathi uYonatan, Makube lee kuwe; ukuba ndithe ndazi kakuhle ukuba ubawo ugqibe kwelokuba ufikelwe bububi, ndibe ndingekuxeleli na? |
10. | Wathi uDavide kuYonatan, Hi, ukuba uyihlo ukuphendule kalukhuni, ndoxelelwa ngubani na? |
11. | Wathi uYonatan kuDavide, Hamba, siphume siye ezindle. Baphuma bobabini baya ezindle. |
12. | Wathi uYonatan kuDavide, Yehova, Thixo kaSirayeli! Xa ndithe ndamgocagoca ubawo malunga neli xesha ngomso nangomsomnye, kwabonakala ukuba kulungile kuDavide, ndaza andathumela kuwe, ndiyityhilele indlebe yakho: |
13. | makenjenje uYehova kuYonatan, makaqokele ukwenjenje. Xa kuthe kwalunga kubawo ukuba akwenze ububi, ndoyityhilela indlebe yakho, ndikundulule, uhambe unoxolo; uYehova makabe nawe, njengokuba ebenobawo. |
14. | Wanga ungathi, ukuba ndisaphilile, undenzele inceba kaYehova; |
15. | ungathi, ndakufa, uyinqumle inceba yakho endlwini yam nanini, ungenjenjalo nasekuzinqamleni kukaYehova iintshaba zikaDavide zonke ngazinye, ebusweni bomhlaba. |
16. | Wanqophisana ke uYonatan nendlu kaDavide, esithi, UYehova makakubuze ke oku esandleni seentshaba zikaDavide. |
17. | Waphinda uYonatan ukumfungisa uDavide ngokumthanda kwakhe; ngokuba ebemthanda njengomphefumlo wakhe. |
18. | UYonatan wathi kuye, Ngomso iya kuthwasa inyanga; uya kubuzwa, ngokuba isihlalo sakho siya kuba sodwa. |
19. | Ngomhla wesithathu uze uhle kamsinya, uye kuloo ndawo wawuzifihle kuyo ngemini yomsebenzi lowa, uhlale ecaleni lelitye le-Ezeli; |
20. | ndizitolele ecaleni lalo iintolo zontathu, ndinge ndizixunela etekenini. |
21. | Yabona, ndiya kumthuma umfana, ndithi, Yiya, uzithabathe iintolo. Ukuba ndithe kumfana, Nanzi iintolo, zinganeno kwakho, zithabathe: woza wena; ngokuba koba kuluxolo kuwe, akukho nto, ehleli nje uYehova. |
22. | Ke ukuba ndithe kwindodana leyo, Nanzo iintolo zingaphaya kwakho: hamba, ngokuba uYehova woba ukundulule. |
23. | Ke ilizwi eliya silithethileyo mna nawe, yabona, uYehova uphakathi kwam nawe kude kuse ephakadeni. |
24. | Wazimela ke uDavide ezindle. Yathwasa inyanga; wahlala ukumkani esidlweni ukuba adle. |
25. | Wahlala ukumkani esihlalweni sakhe njengezinye izihlandlo, esihlalweni saseludongeni. Wesuka wema uYonatan. Wahlala uAbhinere ecaleni likaSawule, yayodwa, indawo kaDavide. |
26. | Akathetha nto uSawule ngaloo mini; ngokuba ebesithi, Uhlelwe yinto; akahlambulukile, inene, akahlambulukile. |
27. | Kwathi ngengomso, iselithwasile nenyanga ngosuku lwesibini, ayaba namntu indawo kaDavide. Wathi uSawule kuYonatan, unyana wakhe, Yini na ukuba angezi kudla unyana kaYese nayizolo nanamhla? |
28. | UYonatan wamphendula uSawule, wathi, UDavide ucele kum, wandibongoza ukuba aye eBhetelehem; |
29. | wathi, Khawundiyeke ndiye; ngokuba kukho umbingelelo wemizalwane yakowethu ekhaya; ke yena umkhuluwa wam undiwisele umthetho; kaloku ukuba undibabale, makhe ndigidime, ndibone umkhuluwa wam. Kungenxa yoko angezanga etafileni yokumkani. |
30. | Wavutha ke umsindo kaSawule kuYonatan, wathi kuye, Nyana wegwenxakazi eligwilikileyo, andazi yini na ukuba unyana kaYese umnyulele ukuba abe lihlazo lakho, nehlazo lobuze bonyoko? |
31. | Kuba yonke imihla, unyana kaYese aya kudla ubomi ngayo emhlabeni, akuyi kuqiniseka wena nobukumkani bakho. Thumela ngoko, umzise kum, ngokuba engumntwana wokufa. |
32. | UYonatan wamphendula uSawule uyise, wathi kuye, Yini na ukuba abulawe? ufa ngani na? |
33. | USawule wabinza ngentshuntshe ukuba atsho kuye. Wazi uYonatan, ukuba uyise ugqibe kwelokuba ambulale uDavide. |
34. | UYonatan wesuka ke etafileni evutha ngumsindo; akadla kudla ngomhla wesibini wenyanga; ngokuba ubebuhlungu ngoDavide, kuba uyise ubemhlazisile. |
35. | Kwathi ngengomso, waphuma uYonatan waya ezindle, ukuba ahlangane noDavide, enomfana omncinane. |
36. | Wathi kumfana, Khawubaleke, uzithabathe iintolo endizixunayo. Umfana wabaleka; ke yena wazixuna iintolo, ukuze zigqithe kuye. |
37. | Wafika umfana kuloo ndawo belukuyo utolo abeluxunile uYonatan. Wamemeza uYonatan kumfana, wathi, Nalo ngaphaya kwakho utolo. |
38. | Wamemeza uYonatan kumfana, wathi, Khawuleza, ngxama, musa ukuma. Umfana wakwaYonatan waluchola utolo, waluzisa enkosini yakhe. |
39. | Umfana ubengazi nto. NguYonatan noDavide ababeyazi loo nto. |
40. | UYonatan wayinikela impahla yakhe umfana lo abenaye, wathi kuye, Hamba uyise ekhaya. Waya umfana lowo. |
41. | Wesuka uDavide, evela ecaleni langasezantsi, wawa ngobuso emhlabeni, waqubuda izihlandlo zozithathu; bangana, balilelana, wada uDavide watsho kakhulu. |
42. | Wathi uYonatan kuDavide, Hamba unoxolo; makume esikufungele igama likaYehova thina sobabini, sisithi, UYehova makabe phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yam nembewu yakho, kude kuse ephakadeni. Wesuka ke wahamba. Ke uYonatan waya ekhaya. |
← 1Samuel (20/31) → |