| ← 1Samuel (19/31) → |
| 1. | Wathetha uSawule kuYonatan unyana wakhe, nakubakhonzi bakhe bonke, ukuba bambulale uDavide. |
| 2. | Ke uYonatan, unyana kaSawule, ube emthanda kunene uDavide. UYonatan wamxelela uDavide, esithi, USawule ubawo ufuna ukukubulala; ngoko uze ukhe uzigcine kusasa, uhlale endaweni esese, uzimele. |
| 3. | Mna ndiya kuphuma, ndime ngasecaleni likabawo endle, apho ukhona, ndithethe kubawo ngawe, ndikubone oko aya kukuthetha, ndikuxelele. |
| 4. | UYonatan wathetha okulungileyo ngoDavide kuSawule uyise, wathi kuye, Makangoni ukumkani kumkhonzi wakhe uDavide; ngokuba akonanga kuwe; kuba izenzo zakhe zithe zalunga kunene kuwe; |
| 5. | umphefumlo wakhe wawenza isichenge, wambulala umFilisti, uYehova wawenzela amaSirayeli onke usindiso olukhulu; wabona nawe wavuya. Yini na ke ukuba wone kwigazi elimsulwa, umbulale uDavide kungekho sizathu? |
| 6. | Waliphulaphula uSawule izwi likaYonatan, wafunga uSawule, wathi, Ehleli nje uYehova, akayi kubulawa. |
| 7. | UYonatan wambiza uDavide; uYonatan wamxelela la mazwi onke. UYonatan wamzisa uDavide kuSawule; waba phambi kwakhe, njengangaphambili. |
| 8. | Yabuya yabakho imfazwe; waphuma uDavide, walwa namaFilisti, wawabulala kakhulu; asaba phambi kwakhe. |
| 9. | Umoya ombi kaYehova wamfikela uSawule, ehleli endlwini yakhe, intshuntshe yakhe isesandleni sakhe, uDavide ebetha uhadi ngesandla. |
| 10. | USawule wafuna ukumqhama nodonga uDavide ngentshuntshe. Wathi nyebelele ebusweni bukaSawule; watsho yangena intshuntshe eludongeni. Wasaba uDavide, wasinda ngobo busuku. |
| 11. | USawule wathumela abathunywa endlwini kaDavide ukuba bamlinde, bambulale kusasa. UMikali, umkakhe, wamxelela uDavide, esithi, Ukuba uthe akwawusindisa umphefumlo wakho kwangobu busuku, wobulawa ngomso. |
| 12. | UMikali wamhlisa uDavide ngefestile. Wahamba wabaleka, wasinda. |
| 13. | UMikali wayithabatha imilonde-khaya, wayilalisa elukhukweni, wabeka nomluko woboya beebhokhwe entlokweni yayo, wayigubungela ngengubo. |
| 14. | USawule wasusa abathunywa ukuba bamthabathe uDavide. Wathi yena, Uyafa. |
| 15. | USawule wasusa abathunywa ukuba baye kumkhangela uDavide, esithi, Nyukani, nize naye kum ngokhuko, ndimbulale. |
| 16. | Bangena abathunywa, O! yimilonde-khaya le iselukhukweni, nomluko woboya beebhokhwe entlokweni yayo. |
| 17. | Wathi uSawule kuMikali, Yini na ukuba wenjenje ukundikhohlisa, ulundulule uthsaba lwam lusinde. Wathi uMikali kuSawule, Wathi yena kum, Ndiyeke ndimke, yini na ukuba ndikubulale? |
| 18. | Ebalekile uDavide, wasinda, waya kuSamuweli eRama, wamxelela konke abekwenzile uSawule kuye. Wahamba yena noSamuweli, bahlala eNayoti. |
| 19. | Waxelelwa uSawule, kusithiwa, Nanko uDavide eNayoti ngaseRama. |
| 20. | USawule wasusa abathunywa bokumbamba uDavide. Babona ibandla labaprofeti beprofeta, noSamuweli emi engumongameli wabo. UMoya kaThixo wabafikela abathunywa bakaSawule, baprofeta kananjalo nabo. |
| 21. | Waxelelwa uSawule, wasusa abanye abathunywa, baprofeta kananjalo nabo. Waphinda uSawule wasusa abathunywa bengabesithathu, baprofeta kananjalo nabo. |
| 22. | Waya naye eRama, wafika kwiqula elikhulu eliseSeku, wabuza, wathi, Baphi na ooSamuweli noDavide? Kwathiwa, Nabaya eNayoti ngaseRama. |
| 23. | Waya khona eNayoti ngaseRama, uMoya kaThixo wamfikela naye; wahamba ehamba eprofeta, wada wafika eNayoti ngaseRama. |
| 24. | Wazihluba naye iingubo zakhe, waprofeta naye phambi koSamuweli, wawa phantsi eze yonke loo mini, nobo busuku bonke. Ngenxa yoko kwathiwa, Ukubaprofeti noSawule na? |
| ← 1Samuel (19/31) → |