| ← 1Samuel (14/31) → |
| 1. | Kwathi ngamhla uthile, uYonatan unyana kaSawule wathi kumfana ophatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yamaFilisti ephesheya phaya. Akamxelela uyise. |
| 2. | USawule ke wayehleli ekupheleni kweGibheha phantsi komrharnate oseMigron. Abantu ababenaye babekumakhulu amathandathu amadoda, |
| 3. | enoAhiya, unyana ka-Ahitubhi, umkhuluwa kaIkabhodi, unyana kaPinehasi, unyana kaEli, umbingeleli kaYehova eShilo, enxibe iefodi. Bebengazi abantu ukuba uYonatan uyile. |
| 4. | Ezingxingweni, abefuna ukuphumela kuzo uYonatan, aye ekampini yamaFilisti, bekukho itsolo lengxondorha ngapha; kukho itsolo lengxondorha ngaphaya; igama lelinye libe linguBhotsetse, igama lelinye linguSene. |
| 5. | Okunye ukutsola bekuyintsika ngasentla malunga neMikmas, okunye kungasezantsi malunga neGibheha. |
| 6. | Wathi ke uYonatan kumfana lowo uphatha iintonga zakhe, Hamba siphumele, siye ekampini yaba bangalukileyo; mhlawumbi uYehova wosisebenzela; ngokuba akukho sithintelo kuYehova ukuba asindise ngabaninzi nangabambalwa. |
| 7. | Wathi umphathi weentonga zakhe kuye, Yenza konke okusentliziyweni yakho; singa phaya; yabona, ndinawe ngokwentliziyo yakho. |
| 8. | Wathi uYonatan, Yabona, siyaphumela, siya kulaa madoda, siya kuzibonakalisa kuwo. |
| 9. | Ukuba athe kuthi, Hlalani, side size kuni; siya kuma kuloo ndawo yethu, singenyuki siye kuwo. |
| 10. | Ukuba athe, Nyukani nize kuthi: sonyuka, ngokuba uYehova uwanikele esandleni sethu; lowo woba ngumqondiso kuthi. |
| 11. | Bazibonakalisa bobabini ekampini yamaFilisti; athi amaFilisti, Nanga amaHebhere ephuma emingxunyeni abezimele kuyo. |
| 12. | Abaphendula amadoda asekampini ooYonatan nomphathi weentonga zakhe, athi, Nyukani nize kuthi, sinibonise. Wathi uYonatan kumphathi weentonga zakhe, Nyuka emva kwam; ngokuba uYehova uwanikele esandleni samaSirayeli. |
| 13. | Wenyuka uYonatan, ekhasa ngezandla neenyawo, umphathi weentonga zakhe esemva kwakhe. Awa phambi koYonatan; nomphathi weentonga zakhe esemva kwakhe ebulala. |
| 14. | Kwathi, ukuxabela kokuqala awaxabela ngako uYonatan nomphathi weentonga zakhe, kwaxatyelwa amadoda angathi amashumi mabini, esiqingatheni sendima eyiakile yentsimi. |
| 15. | Kwabakho umothuko emkhosini, nasezindle, nasebantwini bonke; ikampu namatutu bothuka nabo; wanyikima umhlaba; yaba sisothuso esivela kuThixo. |
| 16. | Bakhangela ababoniseli bakaSawule, baseGibheha yakwaBhenjamin, nantso ingxokolo inyibilika; yaye ichithana yodwa. |
| 17. | Wathi uSawule ebantwini ababenaye, Khanibale, nibone ukuba ngubani na ongekhoyo kuthi. Babala; yini? akakho uYonatan nomphathi weentonga zakhe. |
| 18. | Wathi usawule kuAhiya, Zisa apha ityeya kaThixo; ngokuba ityeya kaThixo ibinoonyana bakaSirayeli ngaloo mini. |
| 19. | Kwathi, esathetha uSawule kumbingeleli, ingxokozelo yempi yamaFilisti yaya ikhula. Wathi uSawule kumbingeleli, Sibuyise umva isandla sakho. |
| 20. | Bahlanganisana uSawule nabantu bonke ababenaye, baya kulwa; nalo ikrele lomntu limi kummelwane wakhe, isisaqunge esikhulu. |
| 21. | Ke kaloku athi namaHebhere abekumaFilisti njengaphambili, abenyuke ngeenxa zonke, eza nawo emkhosini, esuka aphamba nawo, angakumaSirayeli la abenoSawule noYonatan. |
| 22. | Kwanamadoda onke akwaSirayeli, abezimele kweleentaba lakwaEfrayim, eva ukuba amaFilisti asabile, awalandela athana mbende nawo ekulweni. |
| 23. | UYehova wawasindisa ke amaSirayeli ngaloo mini. Ukulwa kwegqitha eBhetaven. |
| 24. | Amadoda akwaSirayeli ayeminyekile kukudinwa ngaloo mini. USawule wabafungisa abantu, esithi, Uqalekisiwe odla isonka kungekahlwi, ndide ndiziphindezelele ezintshabeni zam. Bonke abantu abadla nento. |
| 25. | Lonke ilizwe leza ehlathini; kwaye kukho ubusi phezu komhlaba. |
| 26. | Bafika abantu ehlathini, nanko kuvuza ubusi. Akwabakho usa isandla emlonyeni wakhe; ngokuba abantu babesoyika isifungo. |
| 27. | Ke uYonatan ubengamvanga uyise, ukubafungisa kwakhe abantu, wesa incam yentonga ebisesandleni sakhe, wayifaka enqatheni lobusi, wasibuyisela emlonyeni wakhe isandla sakhe; aqabuka amehlo akhe. |
| 28. | Yaphendula indoda yasebantwini, yathi, Uyihlo ubafungisile wabafungisa abantu, esithi, Uqalekisiwe odla isonka, namhlanje. Babethe ncithi abantu liphango. |
| 29. | Wathi uYonatan, Ubawo ulihlisele ishwangusha ilizwe; khanikhangele, amehlo am aqabukile, ngokuba ndive le ntwana yobusi. |
| 30. | Ukuba babethe abantu badla, besidla namhla emaxhobeni eentshaba zabo abawafumeneyo, ngelubeke phi na ke ukugqithisela ukuba lukhulu ngoku uxabelo kumaFilisti? |
| 31. | Bawaxabela ngaloo mini amaFilisti, bathabathela eMikmas besa eAyalon; betyhafile kunene abantu. |
| 32. | Baziphosa abantu emaxhobeni, bathabatha impahla emfutshane, neenkomo, namathole eenkomo, baxhelela emhlabeni, abantu bayidla inegazi. |
| 33. | Waxelelwa uSawule, kwathiwa, Uyabona, abantu bayona kuYehova ngokuyidla inegazi. Wathi, Nitshinizile; qengqelani kum ilitye elikhulu ngoku. |
| 34. | Wathi uSawule, Yithini saa phakathi kwabantu, nithi kubo, Zisani kum elowo inkomo yakhe, elowo igusha yakhe, nixhelele apha, nidle; ningoni kuYehova ngokuyidla inegazi. Bonke abantu bazisa elowo inkomo yakhe ngesandla sakhe ngobo busuku, baxhelela khona. |
| 35. | USawule wakha isibingelelo kuYehova, waqala ngaso ukwakha isibingelelo kuYehova. |
| 36. | Wathi uSawule, Masihle siwaphuthume amaFilisti ebusuku, siwaphange kude kuse ngomso, singashiyi mntu kuwo. Bathi, Yenza konke okulungileyo emehlweni akho. Wathi umbingeleli, Masisondele kuThixo apha. |
| 37. | USawule wabuza kuThixo, esithi, Ndihle ndiwalandele na amaFilisti? Wowanikela na esandleni samaSirayeli? Akamphendula loo mini. |
| 38. | Wathi uSawule, Yizani apha, nonke nina zibonda zabantu, nazi, nibone ukuba sikwini na esi sono namhlanje? |
| 39. | Ngokuba ehleli nje uYehova osindise amaSirayeli, nokuba sibe sikuYonatan unyana wam, ubeya kufa. Akwabakho umphendulayo ebantwini bonke. |
| 40. | Wathi kumaSirayeli onke, Yibani ngelinye icala nina, ndibe ngelinye icala, mna noYonatan unyana wam. Bathi abantu kuSawule, Yenza okulungileyo emehlweni akho. |
| 41. | Wathi uSawule kuYehova, Thixo kaSirayeli, velisa inyaniso. Kwathatyathwa ke uYonatan noSawule, basinda abantu. |
| 42. | Wathi uSawule, Yenzani amaqashiso kum noYonatan unyana wam. Kwathatyathwa ke uYonatan. |
| 43. | Wathi uSawule kuYonatan, Ndixelele, yintoni na le nto uyenzileyo? UYonatan wamxelela, wathi, Ndisuke ndeva intwana yobusi ngencam yentonga ebisesandleni sam; nanku ndiya kufa. |
| 44. | Wathi uSawule, UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje; inene, ukufa uya kufa, Yonatan. |
| 45. | Bathi abantu kuSawule, Afe na uYonatan, owenze olu lusindiso lukhulu kwaSirayeli? Makube lee oko! Ehleli nje uYehova, akusayi kuwa nonwele lwentloko yakhe emhlabeni; ngokuba usebenzisene noThixo namhla. Bamkhulula ke abantu uYonatan, akafa. |
| 46. | Wenyuka uSawule ekuwalandeleni amaFilisti; athi amaFilisti aya kuloo ndawo yawo. |
| 47. | Wabuthabatha ke uSawule ubukumkani bakwaSirayeli; walwa ngeenxa zonke neentshaba zakhe zonke, amaMowabhi, noonyana baka-Amon, namaEdom nookumkani baseTsobha, namaFilisti; wathi, ezindaweni zonke abheka kuzo, wawatyela. |
| 48. | Wavelisa amandla, wawaxabela ama-Amaleki, wawahlangula amaSirayeli esandleni sabo babewaphanga. |
| 49. | Ke kaloku oonyana bakaSawule bebengooYonatan, noIshevi, noMalekishuwa. Ke amagama eentombi zakhe zombini ngawo la: igama leyamazibulo nguMerabhi, igama lenci nguMikali. |
| 50. | Igama lomkaSawule belinguAhinowam, intombi ka-Ahimahatse. Igama lomthetheli womkhosi wakhe belinguAbhinere, unyana kaNere, uyisekazi kaSawule. |
| 51. | Uyise kaSawule ubenguKishe; uNere, uyise ka-Abhinere, wayengunyana ka-Abhiyeli. |
| 52. | Kwaye kunzima ukulwa namaFilisti yonke imihla kaSawule; ngoko uSawule ubesithi akubona indoda eligorha nokuba yiyiphi, nendoda enobukroti nokuba yiyiphi, ayithabathele kuye. |
| ← 1Samuel (14/31) → |