← 1Samuel (13/31) → |
1. | USawule ebeneminyaka ezelwe, akuba ngukumkani, waba ngukumkani kumaSirayeli iminyaka emibini. |
2. | USawule wazinyulela amawaka amathathu kumaSirayeli; amawaka amabini ayenoSawule eMikmas nakweleentaba laseBheteli, iwaka elinye laye linoYonatan eGibheha yakwaBhenjamin. Abantu abaseleyo wabandulula, baya elowo ententeni yakhe. |
3. | UYonatan wayoyisa ikampu yamaFilisti eseGebha, eva amaFilisti. USawule wavuthela ngesigodlo ezweni lonke, esithi, Makeve amaHebhere. |
4. | AmaSirayeli onke eva kusithiwa, USawule uyoyisile ikampu yamaFilisti; kananjalo amaSirayeli azinukisile kumaFilisti. Abantu bahlatyelwa umkhosi, beza bamlandela uSawule baya eGiligali. |
5. | AmaFilisti azihlanganisela ukulwa namaSirayeli: iinqwelo zokulwa zaba ngamashumi omathathu amawaka, nabamahashe bangamawaka amathandathu, abantu bangangentlabathi eselunxwemeni lolwandle ukuba baninzi; anyuka ke amisa iintente eMikmas phambi kweBhetaven. |
6. | Abona amadoda akwaSirayeli ukuba abandezelekile (kuba abantu bebefingiwe), abantu bazimela emiqolombeni, nasezimfanteni, nasezingxondorheni, nasemiweweni, nasemihadini. |
7. | Ke kaloku kwawela amaHebhere eYordan, aya ezweni lakwaGadi nelaseGiliyadi. Ke yena uSawule ebeseseGiligali; abantu bonke bamlandela begubha. |
8. | Walinda iintsuku zasixhenxe, ngokwexesha elibe limisiwe nguSamuweli, akafika uSamuweli eGiligali; bamphalala abantu bemka kuye. |
9. | Wathi uSawule, Zisani kum idini elinyukayo nemibingelelo yoxolo. Wenyusa idini elinyukayo. |
10. | Kwathi, xa agqibileyo ukulinyusa idini elinyukayo, nanko uSamuweli efika; waphuma uSawule waya kumkhawulela, ukuba ambulise. |
11. | Wathi uSamuweli, Yintoni le uyenzileyo? Wathi uSawule, Kungokuba bendibona abantu bendiphalala, besimka kum, nawe ungafiki ngexesha elibe limisiwe, namaFilisti ehlanganiselana eMikmas; |
12. | ndathi, Kaloku amaFilisti aya kuda ehle eze kum eGiligali, ndingambongozanga uYehova; ndazinyanzela, ndalinyusa idini elinyukayo. |
13. | Wathi uSamuweli kuSawule, Wenze ngobudenge; akuwugcinanga umthetho kaYehova uThixo wakho awakuwiselayo; ngokuba uYehova ange ebuzinzisile kaloku ubukumkani bakho kwaSirayeli, kude kuse ephakadeni. |
14. | Ke ngoko ubukumkani bakho abusayi kuma. UYehova uzifunele indoda engantliziyo yakhe; wayimisa uYehova ukuba ibe yinganga yabantu bakhe; ngokuba akukugcinanga oko uYehova akuwisele umthetho ngako. |
15. | Wesuka uSamuweli wenyuka, wemka eGiligali, waya eGibheha yakwaBhenjamin. USawule wababala abantu abafunyenwe benaye, bengamadoda akumakhulu amathandathu. |
16. | USawule, noYonatan unyana wakhe, nabantu abafunyenwe benabo, bahlala eGibheha yakwaBhenjamin. AmaFilisti amisa iintente eMikmas. |
17. | Kwaphuma amatutu emkhosini wamaFilisti, engamaqela amathathu: elinye iqela labheka ngendlela yaseOfra ezweni lakwaShuwali; |
18. | elinye iqela labheka endleleni yaseBhete-horon; elinye iqela labheka endleleni yasemdeni ovelela umfula weTsebhoyim, uye entlango. |
19. | Ke bekungekho mkhandi ezweni lonke lakwaSirayeli; ngokuba amaFilisti ebesithi, Aya kuze amaHebhere enze amakrele neentshuntshe. |
20. | AmaSirayeli onke abesihla aye kumaFilisti, alole elowo isikhali sakhe, nesitshetshe sepuluwa yakhe, nezembe lakhe, negaba lakhe, |
21. | zakuba nezikhewu iintlangothi zamagaba, nezezitshetshe zeepuluwa, nezeefolokhwe, nezamazembe, nezokubaza iimviko. |
22. | Kwathi ke ngomhla wokulwa, akwafunyanwa krele nantshuntshe esandleni sabantu bonke ababenoSawule noYonatan; ke kuSawule noYonatan unyana wakhe bezikho. |
23. | Kwaphuma amaFilisti ekampini, aya engxingweni yaseMikmas. |
← 1Samuel (13/31) → |