| ← 1Samuel (12/31) → |
| 1. | Wathi uSamuweli kumaSirayeli onke, Yabonani, ndiliphulaphule izwi lenu ngako konke enakuthethayo kum, ndanimisela ukumkani. |
| 2. | Kaloku nanko ukumkani ehamba phambi kwenu. Ke mna ndaluphele, ndiyingwevu; nabo oonyana bam benani. Mna ndibambe phambi kwenu kwasebuncinaneni bam unanamhla. |
| 3. | Nanku ndikho; ngqinani ngam phambi koYehova, naphambi komthanjiswa wakhe: ndathabatha nkomo kabani na? ndathabatha esile likabani na? ndacudisa bani na? ndavikiva bani na? ndathabatha esandleni sikabani na ucamagusho lokumfamekisa amehlo am? ndonibuyisela. |
| 4. | Athi, Akusicudisanga, akusivikivanga, akuthabathanga nto sandleni samntu. |
| 5. | Wathi kubo, UYehova ulingqina ngani, nomthanjiswa wakhe ulingqina namhla, ukuba anifumananga nto sandleni sam. Bathi, Ulingqina. |
| 6. | Wathi uSamuweli ebantwini, NguYehova owenza ooMoses noAron; owenyusa ooyihlo ezweni laseYiputa. |
| 7. | Kaloku ke yimani, ndimangalelane nani phambi koYehova ngayo yonke imisebenzi yobulungisa kaYehova, ayenzileyo kuni nakooyihlo. |
| 8. | Xenikweni uYakobi waya eYiputa, bakhala ooyihlo kuYehova: uYehova wathuma ooMoses noAron, babakhupha ooyihlo eYiputa, bababeka kule ndawo. |
| 9. | Bamlibala uYehova uThixo wabo; wathengisa ngabo esandleni sikaSisera, umthetheli-mkhosi waseHatsore, nasesandleni samaFilisti, nakwesokumkani wakwaMowabhi, balwa nabo. |
| 10. | Bakhala kuYehova, bathi, Sonile, ngokuba samlahlayo uYehova, sakhonza ooBhahali nooAshtaroti; kaloku ke sihlangule esandleni seentshaba zethu, sikukhonze. |
| 11. | UYehova wathuma ooYerubhahali, noBhedan, noYifeta, noSamuweli, wanihlangula esandleni seentshaba zenu ngeenxa zonke, nahlala nonwabile. |
| 12. | Kwathi nakubona uNahashe, ukumkani woonyana baka-Amon, esiza kulwa nani, nathi kum, Hayi, masilawulwe ngukumkani, uYehova uThixo wenu engukumkani wenu. |
| 13. | Nanko ke ukumkani enimnyulileyo, enimbizileyo; yabonani, uYehova unimisele ukumkani. |
| 14. | Anaba beniya kumoyika uYehova, nimkhonze, niliphulaphule ilizwi lakhe, ningawuphikisi umlomo kaYehova, nithane mbende noYehova uThixo wenu, nina nokumkani onilawulayo, ukuze kulunge. |
| 15. | Ke ukuba anithanga niliphulaphule izwi likaYehova, ukuba nithe nawuphikisa umlomo kaYehova, isandla sikaYehova sonichasa, njengokuba sachasa ooyihlo. |
| 16. | Nangoku yimani, niyibone le nto inkulu, ayenzayo uYehova phambi kwenu. |
| 17. | Akuvunwa ingqolowa yini na namhla? Ndiya kunqula uYehova ahlise iindudumo nemvula; nazi, nibone ukuba ububi benu bukhulu enibenzileyo phambi koYehova ngokubiza ukumkani. |
| 18. | USamuweli wanqula uYehova; waza uYehova wahlisa iindudumo nemvula ngaloo mini. Bonke abantu bamoyika kunene uYehova noSamuweli. |
| 19. | Bathi bonke abantu kuSamuweli, Bathandazele abakhonzi bakho kuYehova uThixo wakho, ukuze singafi; ngokuba ezonweni zethu songeze ububi bokubiza ukumkani. |
| 20. | Wathi uSamuweli ebantwini, Musani ukoyika. Nina nibenzile bonke obo bubi; noko ke musani ukutyeka ekumlandeleni uYehova; mkhonzeni uYehova ngentliziyo yenu yonke. |
| 21. | Ize ningatyeki; ngokuba ningaba nilandela izinto ezililize, ezingenakunyusa, ezingenakuhlangula, ngokuba zililize. |
| 22. | Kuba uYehova akayi kubashiya abantu bakhe, ngenxa yegama lakhe elikhulu; ngokuba kwakholeka kuYehova ukunenza abantu bakhe. |
| 23. | Kananjalo makube lee kum ukuthi ndone kuYehova ngokuyeka ukunithandazela; ndoniyalela indlela elungileyo ethe tye. |
| 24. | Kodwa moyikeni uYehova, nimkhonze ngenyaniso, ngentliziyo yenu yonke; ngokuba kuboneni okukhulu anenzele khona. |
| 25. | Ke ukuba niphikele ukwenza, nithe nenza okubi, nocinywa, nina kwanokumkani wenu. |
| ← 1Samuel (12/31) → |