← 1Samuel (10/31) → |
1. | USamuweli wathabatha igutyana leoli, wamgalela entloko, wamanga, wathi, Inene, uYehova ukuthambisile ukuba ube yinganga yelifa lakhe. |
2. | Ekumkeni kwakho kum namhla, uya kufumana amadoda amabini ngasengcwabeni likaRakeli, emdeni wakwaBhenjamin, eTseletsa; aya kuthi kuwe, Zifunyenwe iimazi zamaesile obuye kuzifuna. Yabona, ukuyekile uyihlo ukuthetha ngeemazi zamaesile ezo; unesithukuthezi ngani, esithi, Ndiya kuthini na ngonyana wam. |
3. | Ugqithile apho, woqhubela phambili, ufike kumoki weTabhore, uhlangane khona namadoda amathathu enyuka esiya kuThixo eBheteli, enye ithwele amatakane amathathu, enye ithwele iintenda zezonka ezithathu, enye ithwele intsuba yewayini. |
4. | Okubuza ukuphila kwakho, akunike izonka ezibini; uzithabathe ezandleni zawo. |
5. | Emveni koko uya kufika eGibheha kaThixo, apho kukhoyo ikampu yamaFilisti; kuthi, xa ufikileyo emzini apho, uthane nqiphu negqiza labaprofeti, lisihla livela esigangeni, phambi kwalo ingumrhubhe, nengqongqo, nogwali, nohadi, beprofeta. |
6. | UMoya kaThixo wokufikela ngamandla, uprofete ndawonye nabo, uguquke ube mntu wumbi. |
7. | Kothi, xa ithe yafika kuwe loo miqondiso, uzenzele njengoko siya kufumana ngako isandla sakho; ngokuba uThixo unawe; |
8. | uhle uye phambi kwam eGiligali. Yabona, ndiyehla, ndiza kuwe, ukuze ndinyuse amadini anyukayo, ndibingelele imibingelelo yoxolo. Wolinda imihla esixhenxe ndide ndize kuwe, ndikwazise oko uya kukwenza. |
9. | Wathi uSawule, akuthi khwitshi ukuba emke kuSamuweli, uThixo wamguqula, wanantliziyo yimbi. Yafika yonke loo miqondiso kwangayo loo mini. |
10. | Bafika eGibheha apho, nalo igqiza labaprofeti limkhawulela; wamfikela ngamandla uMoya kaThixo, waprofeta phakathi kwabo. |
11. | Kwathi, bakumbona bonke ababemazi ngaphambili, eprofeta ndawonye nabaprofeti, bathi abantu omnye komnye, Uhliwe yintoni na unyana kaKishe? Ukubaprofeti noSawule na? |
12. | Waphendula umntu wakhona, wathi, Ngubani na uyise wabo? Ngenxa yoko kwabakho umzekeliso wokuthi, Ukubaprofeti noSawule na? |
13. | Wagqiba ukuprofeta, waya esigangeni. |
14. | Wathi uyisekazi kaSawule kuye, nakumfana lowo, Beniye phi na? Wathi, Besifuna iimazi zamaesile; sakubona ukuba asizifumani, saya kuSamuweli. |
15. | Wathi uyisekazi kaSawule, Khawundixelele ukuba utheni na uSamuweli kuni. |
16. | Wathi uSawule kuyisekazi, Usixelele ukuba zifunyenwe iimazi zamaesile. Ke ngobukumkani, abethethe ngabo uSamuweli, akamxelelanga nto. |
17. | Ke kaloku uSamuweli wabahlabela umkhosi abantu; |
18. | beza kuYehova eMizpa. Wathi koonyana bakaSirayeli, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndawanyusa mna amaSirayeli eYiputa, ndanihlangula esandleni samaYiputa, nasesandleni sezikumkani zonke ezanixinayo. |
19. | Namhla ke nimcekisile nina uThixo wenu, owanisindisayo ebubini benu bonke, nasekubandezelweni konke, nathi kuye, Simisele ukumkani phezu kwethu. Kaloku ke zimiseni phambi koYehova ngokwezizwe zenu, nangokwamawaka enu. |
20. | Wazisondeza ke uSamuweli zonke izizwe zakwaSirayeli, kwathatyathwa isizwe sakwaBhenjamin. |
21. | Wasisondeza isizwe sakwaBhenjamin ngokwemizalwane yaso, kwathatyathwa umzalwane wakwaMatri, kwathatyathwa ke uSawule unyana kaKishe. Bamfuna, abamfumana. |
22. | Babuya babuza kuYehova, bathi, Uselefikile na umntu? Wathi uYehova, Nanko ezimele yena phantsi kwempahla. |
23. | Babaleka, bamthabatha apho. Wema phakathi kwabantu, wamde kubantu bonke, ethabathela emagxeni anyuse. |
24. | Wathi uSamuweli kubantu bonke, Niyambona na lo unyuliweyo nguYehova; ukuba akukho unjengaye ebantwini bonke? Baduma bonke abantu, bathi, Makadle ubomi ukumkani! |
25. | USamuweli walithetha ebantwini isiko lobukumkani, walibhala encwadini, wayibeka phambi koYehova. USamuweli wabandulula abantu bonke; baya elowo endlwini yakhe. |
26. | Naye uSawule waya endlwini yakhe eGibheha; lahamba naye iqela elinobukroti, elintliziyo zichukunyisiweyo nguThixo. |
27. | Ke bona abangamatshijolo bathi, wothini na ukusisindisa lo? Bamdela; abamzisela mnikelo. Yena wanga akeva. |
← 1Samuel (10/31) → |