← 1Peter (2/5) → |
1. | Ngoko, nilulahlile nje lonke ulunya, nayo yonke inkohliso, nokuhanahanisa, nomona, nako konke ukuthetha okubi, walangazeleleni, |
2. | ngokweentsana ezisandula ukuzalwa, amasi angawelizwi, angenankohliso, ukuze nikhule ngawo; |
3. | ukuba okunene nikuvile, ukuba iNkosi inobubele. |
4. | Nisiza nje kuyo, ililitye eliphilileyo, licekisiwe okunene ngabantu, kodwa linyuliwe nguThixo, linqabile: |
5. | nani ngokwenu, njengamatye aphilileyo, yakhekani nibe yindlu eyiyeyomoya, isibingeleli esingcwele sokunyusa imibingelelo eyiyeyomoya, eyamkeleka kakuhle kuye uThixo ngoYesu Kristu. |
6. | Kungoko ikhoyo nokubakho esibhalweni indawo ethi, Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lembombo, elinyuliweyo, elinqabileyo; Lowo ukholwayo kuye akayi kukha adaniswe. |
7. | Kuni ngoko bakholwayo, liyimbeko; ke kwabangevayo, Ilitye abalicekisayo abakhi, Lelona laba yintloko yembombo, |
8. | Ilitye ke lokuwisa, iliwa ke lokukhubekisa, kwabo bakhubekayo, bengaliva ilizwi; into ke leyo abamiselwe nokumiselwa yona. |
9. | Ke nina nisisizukulwana esinyuliweyo, isibingeleli esibukumkani, uhlanga olungcwele, abantu abayinqobo, ukuze nivakalise isidima salowo wanibizayo ukuba niphume ebumnyameni, ningene ekukhanyeni kwakhe okungummangaliso; |
10. | enanifudula ningebantu, ke ngoku ningabantu bakaThixo; enaningenzelwanga nceba, ke ngoku nenzelwe inceba. |
11. | Zintanda, ndiyanivuselela njengabaphambukeli nabasemzini, ukuba nikhumke ezinkanukweni ezizezenyama, zona ziwuphumele umkhosi umphefumlo. |
12. | Ihambo yenu mayibe ntle phakathi kweentlanga; ukuze kulo nto bathetha okubi ngani, ngathi ningabenzi bokubi, bathi ngokubona imisebenzi yenu emihle, bamzukise uThixo ngomhla wokuvelelwa. |
13. | Wuthobeleni ngoko wonke ummiso ongowomntu, ngenxa yayo iNkosi; nokuba ngukumkani, njengowongamileyo; |
14. | nokuba ngabalawuli, njengabathunyiweyo nguye, ukuze baphindezele okunene kubenzi bokubi, badumise abenzi bokulungileyo. |
15. | Ngokuba ukuthanda kukaThixo kukuba nithi, ngokwenza okulungileyo, nibethe ithi cwaka intswela-kwazi yabantu abaziintsweli-kuqonda; |
16. | nithi ningabakhululekileyo nje, ningabi ngabayenza inkululeko ibe sisigqubuthelo sobubi; nibe ngabakhonzi bakathixo. |
17. | Bekani abantu bonke. Thandani isizalwana. UThixo moyikeni. Ukumkani mbekeni. |
18. | Nina zicaka, bathobeleni ninako konke ukoyika abanikhonzisayo, ingabi ngabalungileyo nabathantamisayo bodwa, ibe kwanabagwenxa. |
19. | Kuba oku kuyabuleleka, ukuba umntu uthwala iintsizi, ngenxa yokumazi uThixo, eve ubunzima esoniwa. |
20. | Kuba kuya kuba ludumo luni na, ukuba ninyamezele nakuntlithwa nisona? Ke ukuba nithi, nisenza okulungileyo, nive ubunzima, nize ninyamezele, oko kuyabuleleka kuThixo. |
21. | Kuba nabizelwa oko; ngokuba noKristu weva ubunzima ngenxa yethu, esishiya nomzekelo, ukuze silandele emkhondweni wakhe: |
22. | ongenzanga sono, ekungafunyanwanga nkohliso emlonyeni wakhe; |
23. | obesithi, etshabhiswa, angaphindezeli atshabhise, athi esiva ubunzima, angaphindezeli asongele; ke ubeyekele kulowo ugwebayo ngokobulungisa; |
24. | owathi ngokwakhe, izono zethu wazithwala ngomzimba wakhe emthini, ukuze sithi, sifile ngakwizono, siphilele ebulungiseni; omivumbo yakhe naphiliswa ngayo. |
25. | Kuba beninjengezimvu zilahlekile, koko nisuke ngoku nabuyela kuye uMalusi noMveleli wemiphefumlo yenu. |
← 1Peter (2/5) → |