← 1Kings (7/22) → |
1. | Eyakhe indlu uSolomon wayakha iminyaka elishumi elinamithathu, wayigqiba indlu yakhe yonke. |
2. | Kuba wakha nendlu yehlathi laseLebhanon: yalikhulu leekubhite ubude bayo, yangamashumi amahlanu eekubhite ububanzi bayo, yangamashumi amathathu eekubhite ukuphakama kwayo, phezu kwemikrozo emine yeentsika zomsedare, ezinemiqadi echweliweyo yemisedare phezu kweentsika ezo. |
3. | Yafulelwa ngemisedare phezulu, phezu kwamagumbi abe ephezu kweentsika ezingamashumi amane anantlanu; aba lishumi elinantlanu lukrozweni lunye. |
4. | Imiqadi ibiyimikrozo emithathu, ikroba likhangelene nekroba kathathu. |
5. | Zonke iingcango nemigubasi yayimbombo-ne, iyimithi; ikroba lilunge nekroba kathathu. |
6. | Wenza ivaranda yeentsika: yaziikubhite ezimashumi mahlanu ubude bayo, neekubhite ezimashumi mathathu ububanzi bayo, zinevaranda engaphambi kwazo, neentsika nezinyuko phambi kwazo. |
7. | Wenza nevaranda yetrone, apho abethetha khona amatyala, iyivaranda yamatyala, wayifulela ngemisedare, ethabathela komnye umgangatho wesa komnye umgangatho. |
8. | Indlu yakhe abehlala kuyo, ekwenye intendelezo phakathi ngasevarandeni, yasetyenzwa kwangokunjalo. Wayenzela indlu intombi kaFaro, awayizekayo uSolomon, yanjengaloo varanda. |
9. | Zonke ezo zinto bezizezamatye anqabileyo, aqingqwe ngokomlinganiso, asarhiweyo ngeesarha, ngaphakathi nangaphandle; ethabathela esisekweni esa elungqwini, ethabathela nangaphandle esa entendelezweni enkulu. |
10. | Useko lwalungamatye anqabileyo, amatye amakhulu, amatye eekubhite ezilishumi, amatye eekubhite ezisibhozo. |
11. | Ngaphezulu yabe ingamatye anqabileyo, aqingqwe ngokomlinganiso, nemisedare. |
12. | Intendelezo enkulu ejikelezayo yayineengcamba ezintathu zamatye aqingqiweyo, nocamba lwemisedare echweliweyo; njengentendelezo engaphakathi yendlu kaYehova, nevaranda yendlu layo. |
13. | Wathumela ukumkani uSolomon, wathabatha uHuram eTire. |
14. | Yena ebengunyana womhlolokazi wesizwe sakwaNafetali, uyise ebengumTire, ingcibi yobhedu; wayezele bubulumko nayingqondo, nakukwazi ukwenza yonke imisebenzi yobhedu. Weza ke kukumkani, kuSolomon, wayenza yonke imisebenzi yakhe. |
15. | Wayila iintsika zambini zobhedu: zalishumi elinesibhozo iikubhite ukuphakama kwentsika inye, nomtya oziikubhite ezilishumi elinambini ukuthandela intsika inye. |
16. | Wenza iingqukuva zambini ngobhedu olutyhidiweyo, zokubekwa emantloko eentsika ezo: ukuphakama kwengqukuva enye kuziikubhite ezintlanu, ukuphakama kwengqukuva yesibini kuziikubhite ezintlanu. |
17. | Wenza iminatha, umsebenzi onguphinyephinye, nezidanga, umsebenzi osontelwe ezingqukuveni, ezisemantloko eentsika ezo: yasixhenxe kwenye ingqukuva, yasixhenxe kweyesibini ingqukuva. |
18. | Wenza ke iirharnate, imikrozo emibini yokuwujikeleza omnye umnatha, yokugubungela iingqukuva ezisemantloko eentsika, wenjenjalo nakweyesibini ingqukuva. |
19. | Iingqukuva ezisemantloko eentsika ezo zibe zingumsebenzi oyinyibiba, ngokwevaranda, ziziikubhite ezine; |
20. | iingqukuva ezisezintsikeni ezo zombini wazenza nangaphezulu, kufuphi nesisu esalekwe ngomnatha, neerharnate ezimakhulu mabini, zikrozile zajikeleza engqukuveni yesibini. |
21. | Wazimisa iintsika evarandeni yetempile, wayimisa intsika yasekunene, wathi igama layo nguZinzisayo; wayimisa intsika yasekhohlo, wathi igama layo nguMandlakuye. |
22. | Phezu kweentloko zeentsika ezo bekukho umsebenzi weenyibiba. Wagqitywa ke umsebenzi weentsika. |
23. | Wenza ulwandle olutyhidiweyo: lwaziikubhite ezilishumi ukusuka kolunye udini lwalo, kuyiwe kolunye udini lwalo, luyinqila ngeenxa zonke, lwaziikubhite ezintlanu ukuphakama kwalo; kwajikeleza kulo umtya oziikubhite ezimashumi mathathu ngeenxa zonke. |
24. | Ngaphantsi kodini lwalo ngeenxa zonke yangamathangazana alishumi kubhitini-nye, azunguleza ulwandle olo ngeenxa zonke; eyimikrozo emibini amathangazana, athyidwa nalo ekutyhidweni kwalo. |
25. | Lwema phezu kweenkomo ezilishumi elinambini: ezintathu zibheke entla, ezintathu zibheke entshonalanga, ezintathu zibheke ezantsi, ezintathu zibheke empumalanga; ulwandle lubekwe kuzo ngaphezulu, imiva yazo zonke isinge phakathi. |
26. | Ubungqingqwa balo bebungangobubanzi besandla; udini lwalo belwenziwe lwanjengodini lwendebe, lwaneentyantyambo zeenyibiba; lulingene amawaka amabini eebhate. |
27. | Wenza iingqwelwana zalishumi ngobhedu; baziikubhite ezine ubude benqwelwana inye, baziikubhite ezine ububanzi bayo, kwaziikubhite ezintathu ukuphakama kwayo. |
28. | Kwakunje ukwenziwa kwenqwelwana: zazineepanele phakathi kwemiqhele; |
29. | naphezu kweepanele eziphakathi kwemiqhele ibiziingonyama neenkomo neekerubhi; naphezu kwemiqhele bekukho useko ngaphezulu; ngaphantsi kweengonyama neenkomo bekukho izidanga, umsebenzi ojingayo. |
30. | Inqwelwana inye yabe ineevili ezine zobhedu, neeasi zobhedu; iinyawo zazo zozine zazinamagxa; ngaphantsi kwezitya zokuhlambela ingamagxa lawo atyhidiweyo, ngaphaya kwelinye ibizizidanga. |
31. | Umlomo wayo ubusesazulwini sesiciko, uyikubhite ukuphakama kwawo; umlomo wesiciko uyinqila, senziwe ngokwenziwa koseko; siyikubhite enesiqingatha sekubhite ububanzi; nasemlonyeni waso kwakukho imikrolo; iipanele zaso zazimbombo-ne, azaba zinqila. |
32. | Ngaphantsi kweepanele yabe iziivili ezine, iiasi zeevili ezo bezimi enqwelwaneni; ukuphakama kwevili kwakuyikubhite nesiqingatha sekubhite. |
33. | Ukwenziwa kweevili bekunjengokwenziwa kweevili zeenqwelo zonke; iiasi zazo, neefeleni zazo, nezipeki zazo, neenafu zazo, zibe zityhidiwe zonke. |
34. | Amagxa omane abesezimbombeni zone zenqwelwana, emilile enqwelwaneni amagxa lawo. |
35. | Emphezulwini wenqwelwana kwakukho inqila ngeenxa zonke; ukuphakama kwawo kusisiqingatha sekubhite; phezu komphezulu wenqwelwana kwaphuma izinto zokubamba neepanele. |
36. | Emacebeni azo okubamba, nasezipaneleni zawo, wakrola iikerubhi neengonyama namasundu, ngangebala lalo elinye, nezidanga ngeenxa zonke. |
37. | Wenjenjalo ukuzenza iinqwelwana ezilishumi: waba mnye umtyhido, waba mnye umlinganiso, kwaba kunye ukubonakala kwazo zonke. |
38. | Wenza ke izitya zokuhlambela zalishumi ngobhedu; sisinye isitya sokuhlambela salingana amashumi amane eebhate: sisinye isitya sokuhlambela siziikubhite ezine; sasisitya sokuhlambela enqwelwaneni kuzo zoshumi. |
39. | Wabeka iinqwelwana zantlanu ngecala lokunene layo indlu, wabeka zantlanu ngecala lasekhohlo layo indlu; walubeka ulwandle ngecala lokunene layo indlu, lwabheka empumalanga malunga ezantsi. |
40. | UHuram wazenza nezitya zokuhlambela, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza. UHuram wagqiba ke ukuwenza wonke umsebenzi abewenzela ukumkani uSolomon, wendlu kaYehova: |
41. | iintsika zombini, neembumba zeengqukuva ebezisemantloko eentsika ezo zombini, neminatha yomibini yokuzunguleza iimbumba zombini zeengqukuva ebezisemantloko eentsika; |
42. | neerharnate ezimakhulu mane zeminatha yomibini: imikrozo emibini yeerharnate kumnatha umnye yokuzunguleza iimbumba ezimbini zeengqukuva, ezibe zisezintsikeni; |
43. | neenqwelwana ezilishumi, nezitya zokuhlambela ezilishumi ezinqwelwaneni; |
44. | nolwandle olunye, neenkomo ezilishumi elinambini ngaphantsi kolwandle olo; |
45. | neembiza, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neempahla zonke. Zizo ezo izinto uHuram awazenzela ukumkani uSolomon, zendlu kaYehova; bezizezo bhedu olubengezelayo. |
46. | Ukumkani wazityhidela emmandleni weYordan, emhlabeni oludongwe, phakathi kweSukoti neTsaretan. |
47. | Waziyeka uSolomon zonke iimpahla zingalinganiswanga, ngokuba bezizininzi kakhulu kunene; abafumaneka ubunzima bobhedu olo. |
48. | Wazenza ke uSolomon zonke iimpahla zendlu kaYehova: isibingelelo segolide, netafile yegolide ebezikuyo izonka zokubonisa; |
49. | neziphatho zezibane zegolide ethe shinyi: zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, phambi kwendawo yezihlabo; neentyantyambo, nezibane, nezifinyiso zegolide, |
50. | nezitya, nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neengcedevu zegolide ethe shinyi, neehinjizi zegolide zeengcango zendlu engaphakathi, eyingcwele kangcwele, nezeengcango zendlu elibhotwe. |
51. | Wagqitywa ke wonke umsebenzi, abewenzela indlu kaYehova ukumkani uSolomon. Wazingenisa uSolomon zonke Izinto, abezingcwalisile uDavide uyise, isilivere negolide, wazibeka iimpahla ezo endaweni yobuncwane bendlu kaYehova. |
← 1Kings (7/22) → |