| ← 1Kings (6/22) → |
| 1. | Kwathi, ngomnyaka wamakhulu omane anamanci asibhozo bephumile oonyana bakaSirayeli ezweni lamaYiputa, ngomnyaka wesine uSolomon engukumkani kumaSirayeli, ngenyanga enguZivi, eyinyanga yesibini, wamakhela uYehova indlu leyo. |
| 2. | Loo ndlu ukumkani uSolomon wamakhelayo uYehova ibiziikubhite ezimashumi mathandathu ubude bayo, iziikubhite ezimashumi mabini ububanzi bayo, iziikubhite ezimashumi mathathu ukuphakama kwayo. |
| 3. | Ivaranda, ebiphambi kwebhotwe lendlu, ibiziikubhite ezimashumi mabini ubude bayo bungangobubanzi bendlu; ibiziikubhite ezilishumi ububanzi bayo phambi kwendlu. |
| 4. | Ke indlu wayenzela iifestile ezinamanqwanqwa athe nkqi. |
| 5. | Wakha eludongeni lwendlu umayamo ngeenxa zonke; ezindongeni zendlu ngeenxa zonke, ezo zebhotwe nezendawo yezihlabo, wenza amagumbi emacaleni ngeenxa zonke; |
| 6. | udidi oluphantsi beluziikubhite ezintlanu ububanzi balo; oluphakathi beluziikubhite ezintandathu ububanzi balo; olwesithathu beluziikubhite ezisixhenxe ububanzi balo; ngokuba wenza iingqameko endlwini ngaphandle, wajikelezisa, ukuze imiqadi ingafakwa ezindongeni zendlu. |
| 7. | Indlu ekwakhiweni kwayo yakhiwa ngamatye aselegqityiwe ukulungiswa endaweni ambiwa kuyo; izando nezixholo, zonke iimpahla zesinyithi, azivakalanga kuloo ndlu ekwakhiweni kwayo. |
| 8. | Umnyango wegumbi eliphakathi ubusecaleni lasekunene lendlu; kwenyukwa ngezinyuko ezizungulezayo ukuya kweloluphakathi udidi, nokusuka kulo kuyiwe kwelolwesithathu. |
| 9. | Wayakha ke indlu, wayigqiba, wayifulela ngemiqadi neeplanga zemisedare. |
| 10. | Wakha ke umayamo endlwini yonke, waziikubhite ezintlanu ukuphakama kwawo; wabambelela endlwini ngemisedare. |
| 11. | Lafika ilizwi likaYehova kuSolomon, lisithi, |
| 12. | Ngale ndlu uyakhayo wena, ukuba uthe wahamba ngemimiselo yam, wawenza amasiko am, wayigcina yonke imithetho ngokuhamba ngayo: ndolimisa kuwe ilizwi lam, endalithethayo kuDavide uyihlo; |
| 13. | ndihlale phakathi koonyana bakaSirayeli, ndingabashiyi abantu bam amaSirayeli. |
| 14. | Wayakha ke uSolomon indlu, wayigqiba. |
| 15. | Wazakha iindonga zendlu ngaphakathi ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini yophahla; waleka ngemithi ngaphakathi, wawaleka umgangatho wendlu ngeeplanga zemisipres. |
| 16. | Wakha iikubhite ezimashumi mabini, ethabathela emaphundwini endlu, ngeeplanga zemisedare, ethabathela emgangathweni wesa emiqadini; wazakhela yona ngaphakathi indawo yezihlabo, ingcwele kangcwele. |
| 17. | Yayingamashumi amane eekubhite indlu leyo ilibhotwe elingaphambili. |
| 18. | Yayimisedare kule ndlu ngaphakathi, ilukrolo lwamathangazana neentyantyambo ezithe bhenqe; yangumsedare yonke; akwabonakala litye. |
| 19. | Walungisa indawo yezihlabo endlwini ngaphakathi, ukuba ibekwe khona ityeya yomnqophiso kaYehova. |
| 20. | Umphakathi wendawo yezihlabo ubuziikubhite ezimashumi mabini ubude bawo, uziikubhite ezimashumi mabini ububanzi bawo, uziikubhite ezimashumi mabini ukuphakama kwawo; wawaleka ngegolide ethe shinyi, wasaleka nesibingelelo ngomsedare. |
| 21. | Wayaleka ke uSolomon indlu ngaphakathi ngegolide ethe shinyi, wavala ngemixokelelwane yegolide ngaphambi kwendawo yezihlabo, wasaleka ngegolide. |
| 22. | Wayaleka ngegolide yonke ke indlu, wada wayigqiba yonke indlu; nesibingelelo sonke esibe sisendaweni yezihlabo wasaleka ngegolide. |
| 23. | Endaweni yezihlabo wenza iikerubhi zambini ngeminquma yasendle: zalishumi leekubhite ukuphakama kwazo. |
| 24. | Libe liziikubhite ezintlanu elinye iphiko lekerubhi, libe liziikubhite ezintlanu elesibini iphiko lekerubhi: zaba ziikubhite ezilishumi, zithabathela encamini yelinye iphiko layo, zise encamini yelinye iphiko layo. |
| 25. | Ibiziikubhite ezilishumi neyesibini ikerubhi: ubumnye umlinganiso, kukunye ukubonakala kweekerubhi zombini. |
| 26. | Ukuphakama kwenye ikerubhi bekuziikubhite ezilishumi, bekunjalo nakweyesibini ikerubhi. |
| 27. | Wazibeka iikerubhi ezo ngaphakathi kwengaphakathi indlu; oluka amaphiko eekerubhi: lafikelela iphiko lenye eludongeni, lathi iphiko lekerubhi yesibini lafikelela kolunye udonga; aza amaphiko azo afikelelana esazulwini sendlu: elinye iphiko lafikelela kwelinye iphiko. |
| 28. | Wazaleka iikerubhi ezo ngegolide. |
| 29. | Wathi zonke iindonga zendlu ngeenxa zonke wazikrola imikrolo, zaba nemikrolo yeekerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, ngaphakathi nangaphandle. |
| 30. | Umgangatho wendlu wawaleka ngegolide ngapha nangapha. |
| 31. | Umnyango wendawo yezihlabo wawenzela iingcango ngeminquma; ulungqu lwemigubasi belusisahlulo sesihlanu sodonga. |
| 32. | Iingcango zombini bezizezomnquma; wazikrola ngemikrolo yeekerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, wazaleka ngegolide; eyihambisa igolide phezu kweekerubhi namasundu. |
| 33. | Wenjenje ukuwenzela umnyango webhotwe imigubasi ngeminquma, esisahlulo sesine sodonga. |
| 34. | Iingcango zombini wazenza ngemisipres; amaphiko omabini olunye ucango aba ngajingayo, amaphiko omabini olwesibini ucango aba ngajingayo. |
| 35. | Wakrola kuwo iikerubhi, namasundu, neentyantyambo ezithe bhenqe, waleka ngegolide, yagudiswa emikrolweni. |
| 36. | Wakha intendelezo engaphakathi ngeengcamba ezintathu zamatye aqingqiweyo, nangeengcamba zemisedare echweliweyo. |
| 37. | Yasekwa ngomnyaka wesine, ngenyanga enguZivi, indlu kaYehova; |
| 38. | ngomnyaka weshumi elinamnye, ngenyanga enguBhuli, eyinyanga yesibhozo leyo, yagqitywa loo ndlu ezintweni zayo zonke, nasezimfanelekweni zayo zonke. Wayakha ngeminyaka esixhenxe. |
| ← 1Kings (6/22) → |