| ← 1Kings (4/22) → |
| 1. | Ukumkani uSolomon waba ngukumkani wamaSirayeli onke. |
| 2. | Ngabo aba ke abathetheli abenabo: nguAzariya, unyana kaTsadoki, umbingeleli; |
| 3. | ngooElihorefe noAhiya, oonyana bakaShisha, ababhali; nguYehoshafati, unyana ka-Ahiludi, umkhumbuzi wezinto zakomkhulu; |
| 4. | nguBhenaya, unyana kaYehoyada, obephethe umkhosi; ngooTsadoki noAbhiyatare ababingeleli; |
| 5. | nguAzariya, unyana kaNatan, obephethe abongameli; nguZabhudi, unyana kaNatan, umbingeleli, obengumhlobo wokumkani; |
| 6. | nguAhishare obephethe indlu; nguAdoniram unyana ka-Abheda, obephethe abafakwa uviko. |
| 7. | USolomon ubenabongameli abalishumi elinababini phezu kwamaSirayeli onke, ababemxhasa ukumkani nendlu yakhe: elowo ubexhasa ngenyanga yakhe ngomnyaka. |
| 8. | Ngawo ke la amagama abo: nguBhen-hure, wakweleentaba lakwaEfrayim; |
| 9. | nguBhen-dekere eMakatse, naseShahalebhim, naseBhete-shemeshe, nase-Elon-bhete-hanan; |
| 10. | nguBhen-hesede eArubhoti; yayikuye iSoko, nelizwe lonke lakwaHefere; |
| 11. | nguBhen-abhinadabhi ezindulini zonke zaseDore: uTafati intombi kaSolomon ibingumkakhe; |
| 12. | nguBhahana unyana ka-Ahiludi eTahanaki naseMegido, naseBhete-shehan yonke esecaleni laseTsaretan, ezantsi kweYizereli, kwathabathela eBhete-shehan, kwesa eAbhele-mehola, kwesa ele kowakwaYokemeham; |
| 13. | nguBhen-gebhere eRamoti yaseGiliyadi, enamagxamesi akwaYahire unyana kaManase aseGiliyadi, enommandla waseArgobhi oseBhashan: amashumi amathandathu emizi emikhulu eneendonga nemivalo yobhedu; |
| 14. | nguAhinadabhi unyana kaIdo, eMahanayim; |
| 15. | nguAhimahatse kwaNafetali: yena kananjalo wazeka uBhasemati, intombi kaSolomon, yangumkakhe; |
| 16. | nguBhahana unyana kaHushayi, kwa-Ashere naseAloti; |
| 17. | nguYehoshafati unyana kaParuwa, kwaIsakare; |
| 18. | nguShimehi unyana kaEla, kwaBhenjamin; nguGebhere unyana kaUri, |
| 19. | elizweni laseGiliyadi, ezweni lakwaSihon ukumkani wama-Amori, nelakwaOgi ukumkani waseBhashan; ekuphela komongameli obekwelo zwe. |
| 20. | AmaYuda namaSirayeli ebemaninzi, enjengentlabathi engaselwandle ukuba maninzi, esidla, esela, evuya. |
| 21. | USolomon ubelawula ezikumkanini zonke, ethabathela kuwo uMlambo, naselizweni lamaFilisti, wesa nasemdeni weYiputa, zizisa iminikelo, zimkhonza uSolomon yonke imihla yobomi bakhe. |
| 22. | Ke ukudla kukaSolomon kwamini-nye bekungamashumi omathathu eekore zomgubo ocoliweyo, namashumi omathandathu eekore zomgubo, |
| 23. | ishumi leenkomo ezityetyisiweyo, namashumi omabini eenkomo zasemadlelweni, nekhulu lempahla emfutshane, ewodwa amaxhama, namabhadi, namanqa, neenkuku ezityetyisiweyo. |
| 24. | Ngokuba ubenobukhosi kulo lonke eliphesheya kwawo uMlambo, lithabathela eTifesa lesa eGaza, kookumkani bonke abaphesheya koMlambo. Wayenoxolo ngeenxa zonke kuye. |
| 25. | Ahlala amaYuda namaSirayeli ekholosile, elowo ehleli phantsi komdiliya wakhe naphantsi komkhiwane wakhe, ethabathela kwaDan esa eBher-shebha, yonke imihla kaSolomon. |
| 26. | USolomon wayenamawaka amane emikhumbi yezitali zamahashe eenqwelo zakhe, neshumi elinamabini lamawaka amahashe akhwelwayo. |
| 27. | Abo bongameli babemxhasa ukumkani uSolomon, nabo bonke abasondela etafileni yokumkani uSolomon, elowo exhasa ngenyanga yakhe; bekungasweleki nto. |
| 28. | Irhasi nomququ wamahashe, nowamahashe aziimbaleki, babeyizisa endaweni apho ibifanele ukuba khona, elowo njengokumiselwa kwakhe. |
| 29. | UThixo wamnika ke uSolomon ubulumko nengqondo ngokuninzi kunene, nobubanzi bentliziyo, njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle. |
| 30. | Ubulumko bukaSolomon bebubuninzi ngaphezu kobulumko boonyana bonke basempumalanga, naphezu kobulumko bonke bamaYiputa. |
| 31. | Ubelumkile ngaphezu kwabantu bonke, ngaphezu koEtan umEzera, noHeman, noKalekole, noDarda, oonyana bakaMaholi. Igama lakhe belisezintlangeni zonke ngeenxa zonke. |
| 32. | Wathetha amawaka amathathu emizekeliso; zathi neengoma zakhe zaliwaka elinantlanu. |
| 33. | Wathetha ngemithi, ethabathela kumsedare waseLebhanon, ase nakwihisope ephuma eludongeni; wathetha nangeenkomo, nangeentaka, nangezinambuzane, nangeentlanzi. |
| 34. | Baye bevela ezintlangeni zonke, besiza kuva ubulumko bukaSolomon bevela kookumkani bonke bomhlaba, ababebuvile ubulumko bakhe. |
| ← 1Kings (4/22) → |