← 1Kings (19/22) → |
1. | UAhabhi wamxelela uIzebhele konke awakwenzayo uEliya, nokubabulala kwakhe abaprofeti bonke ngekrele. |
2. | UIzebhele wathuma umthunywa kuEliya, esithi, Mabenjenje oothixo kum baqokele ukwenjenje, ukuba andithanga, mayela ngeli xa ngomso, ndiwenze umphefumlo wakho ube njengomphefumlo womnye kubo. |
3. | Wabona, wesuka wabambela ukusindisa umphefumlo wakhe. Waya eBher-shebha, eyeyakwaYuda, wayishiya khona indodana yakwakhe. |
4. | Wahamba entlango uhambo lwemini enye, waya wahlala phantsi konwele, wazicelela ukuba afe, wathi, Kwanele ngoku, Yehova; wuthabathe umphefumlo wam, ngokuba ndingalungile ngaphezu koobawo. |
5. | Wangqengqa ke, wozela, walala phantsi konwele. Kwabonakala khona isithunywa sezulu simshukumisa, sathi kuye, Vuka udle. |
6. | Wakhangela, nanko kukho ngasentlokweni yakhe iqebengwana elosiweyo lesonka, neselwa lamanzi. Wadla ke, wasela, wabuya walala. |
7. | Sabuya isithunywa sikaYehova okwesibini, samshukumisa, sathi, Vuka udle, ngokuba uhambo lukhulu kuwe. |
8. | Wavuka ke, wadla wasela, wahamba ngamandla oku kudla iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mane, wada wafika entabeni kaThixo eHorebhe. |
9. | Waya emqolombeni apho, walala khona. Nalo ilizwi likaYehova lifika kuye. Wathi kuye, Uyintoni na apha, Eliya? |
10. | Wathi yena, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndasala ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe. |
11. | Wathi, Phuma, ume entabeni phambi koYehova. Nanko uYehova edlula, nomoya omkhulu onamandla uzikrazula iintaba, uziqhekeza iingxondorha phambi koYehova, engekho uYehova emoyeni lowo. Emveni komoya kwakho inyikima, akabakho uYehova enyikimeni. |
12. | Emveni kwenyikima kwabakho umlilo. Akabakho uYehova emlilweni; emveni komlilo kwabakho ulwandile lokuphephezela okuhle. |
13. | Kwathi, akuva uEliya, wabugqubuthela ubuso bakhe ngengubo yakhe enkulu, waphuma wema esangweni lomqolomba; nanko kufika kuye ilizwi, lisithi, Uyintoni na apha, Eliya? |
14. | Wathi, Ndenziwe likhwele ngenxa kaYehova, uThixo wemikhosi; ngokuba bawushiyile umnqophiso wakho oonyana bakaSirayeli, izibingelelo zakho bazigungxula, abaprofeti bakho bababulala ngekrele; ndisele ndedwa; bafuna umphefumlo wam ke, ukuba bawukhuphe. |
15. | Wathi uYehova kuye, Hamba ubuye ngendlela yakho, uye entlango yaseDamasko, uye uthambise uHazayeli, abe ngukumkani kuma-Aram; |
16. | uthambise uYehu, unyana kaNimshi, abe ngukumkani kumaSirayeli; uthambise uElisha, unyana kaShafati waseAbhele-mehola, abe ngumprofeti esikhundleni sakho. |
17. | Kothi ke, athi osinde ekreleni likaHazayeli, abulawe nguYehu; athi osinde ekreleni likaYehu, abulawe nguElisha. |
18. | Ke ndozishiyela kwaSirayeli isixhenxe samawaka, amadolo onke angaguqanga kuBhahali, imilomo yonke engamanganga. |
19. | Wemka ke apho, wafumana uElisha, unyana kaShafati, elima; kukho ishumi elinesibini leedyokhwe phambi kwakhe; yena ke elunge neyeshumi elinesibini. UEliya wegqitha kuye, waphosa ingubo yakhe enkulu kuye. |
20. | Wazishiya iinkabi, wabaleka emva koEliya, wathi, Makhe ndiye kwanga ubawo noma, ndikulandele ke. Wathi kuye, Hamba ubuye; ndikwenze ntoni na? |
21. | Wabuya ke ekumlandeleni, wazithabatha iinkabi zedyokhwe enye, wabingelela ngazo, wayipheka inyama ngeempahla zeenkabi ezo, wanika abantu, badla. Wesuka ke, walandela uEliya, wamlungiselela. |
← 1Kings (19/22) → |