| ← 1Kings (15/22) → |
| 1. | Ngomnyaka weshumi elinesibhozo wokumkani uYarobheham unyana kaNebhati, waba ngukumkani uAbhiyam kwaYuda. |
| 2. | Waba neminyaka emithathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom. |
| 3. | Wahamba ezonweni zonke zikayise, awa zenzayo ngaphambi kwakhe; yayingaphelele intliziyo yakhe kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise. |
| 4. | Noko wathi uYehova uThixo wakhe, ngenxa kaDavide, wamnika isibane eYerusalem, sokumisa unyana wakhe emva kwakhe, sokumisa iYerusalem; |
| 5. | ekubeni uDavide wakwenzayo okuthe tye emehlweni kaYehova, akatyeka kuko konke awawisayo ngako umthetho, yonke imihla yobomi bakhe, kwaba semcimbini kaUriya umHeti wodwa. |
| 6. | Yaye iyimfazwe phakathi koRehabheham noYarobheham yonke imihla yobomi bakhe. |
| 7. | Ezinye izinto zika-Abhiyam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Yaye iyimfazwe ke phakathi koAbhiyam noYarobheham. |
| 8. | UAbhiyam walala kooyise, bamngcwabela emzini kaDavide. UAsa, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. |
| 9. | Ngomnyaka wamashumi amabini kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, uAsa waba ngukumkani kwaYuda. |
| 10. | Waba neminyaka emashumi mane anamnye engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMahaka, intombi ka-Abhisalom. |
| 11. | UAsa wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengoDavide uyise. |
| 12. | Wawakhwelelisa amangÂ’awu, akabakho ezweni, wazisusa zoruke izigodo ezizizithixo, ababezenzile ooyise. |
| 13. | KwanoMahaka unina wamguzula, akaba yinkosikazi; ngokuba wamenzela uAshera isithixo esilisikizi. Waza uAsa wasigawula isithixo sakhe esilisikizi, wasitshisa emlanjaneni oyiKidron. |
| 14. | Ke iziganga azisuswanga; kodwa yona intliziyo ka-Asa yabe iphelele kuYehova yonke imihla yakhe. |
| 15. | Wazingenisa izinto ezingcwele zikayise, nezakhe izinto ezingcwele, endlwini kaYehova, isilivere negolide nempahla. |
| 16. | Yaye iyimfazwe phakathi koAsa noBhahesha, ukumkani wakwaSirayeli, yonke imihla yabo. |
| 17. | Wenyuka uBhahesha ukumkani wakwaSirayeli, esiza kulwa namaYuda; wakha iRama, ukuba angavumi ukuba kuphume bani aye kuAsa ukumkani wakwaYuda. |
| 18. | Wayithabatha uAsa yonke isilivere negolide ebisele ebuncwaneni bendlu kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, wayinikela ezandleni zabakhonzi bakhe. UAsa ukumkani wayithumela kuBhen-hadade, unyana kaTabrimon, unyana kaHeziyon, ukumkani wakwa-Aram, ohleli eDamasko, esithi, |
| 19. | Kukho umnqophiso phakathi kwam nawe, phakathi kobawo noyihlo; nanko, ndikuthumele isipho sokukucenga sesilivere negolide; yiza, uwaphule umnqophiso wakho noBhahesha ukumkani wamaSirayeli, ukuba emke kum. |
| 20. | UBhen-hadade wamphulaphula ukumkani uAsa, wathumela abathetheli bempi abenabo emizini yakwaSirayeli, waxabela i-Iyon, nowakwaDan, neAbhele-bhete-mahaka, neKineroti yonke, kunye nelizwe lonke lakwaNafetali. |
| 21. | Wathi, akuva uBhahesha, wayiyeka ukuyakha iRama, wahlala eTirtsa. |
| 22. | Ukumkani uAsa wawahlabela umkhosi amaYuda onke, akwabakho namnye ukhululekileyo. Bawasusa amatye eRama, kwanemithi yayo abesakha ngayo uBhahesha ukumkani; uAsa wakha ke ngayo iGebha yakwaBhenjamin, neMizpa. |
| 23. | Zonke ezinye izinto zika-Asa, nobugorha bakhe bonke, nako konke awakwenzayo, nemizi awayakhayo, ayibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? Uthe ke akuba yindoda enkulu, wabulawa ziinyawo. |
| 24. | UAsa walala kooyise, wangcwatyelwa kooyise, emzini kaDavide uyise. UYehoshafati, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. |
| 25. | UNadabhi, unyana kaYarobheham, waba ngukumkani kwaSirayeli ngomnyaka wesibini ka-Asa, ukumkani wakwaYuda; waba neminyaka emibini engukumkani kwaSirayeli. |
| 26. | Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kayise, nangesono sakhe awawonisa ngaso amaSirayeli. |
| 27. | Waza uBhahesha, unyana ka-Ahiya, wendlu kaIsakare, wamceba. UBhahesha wamxabela eGibheton yakumaFilisti, beyingqinga iGibheton uNadabhi namaSirayeli onke. |
| 28. | UBhahesha wambulala ke ngomnyaka wesithathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. |
| 29. | Kwathi, xa angukumkani, wayibulala yonke indlu kaYarobheham; akasalisa namnye uphefumlayo kwaYarobheham, wada wamtshabalalisa, ngokwelizwi likaYehova, abelithethile ngomkhonzi wakhe uAhiya waseShilo: |
| 30. | ngenxa yezono zikaYarobheham awona ngazo, awawonisa ngazo amaSirayeli; ngokumqumbisa kwakhe awamqumbisa ngako uYehova uThixo kaSirayeli. |
| 31. | Ezinye izinto zikaNadabhi, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? |
| 32. | Yaye iyimfazwe phakathi koAsa noBhahesha, ukumkani wakwaSirayeli, yonke imihla yabo. |
| 33. | Ngomnyaka wesithathu ka-Asa ukumkani wakwaYuda, uBhahesha, unyana ka-Ahiya, waba ngukumkani kumaSirayeli onke eTirtsa; iminyaka yaba ngamashumi amabini anamine. |
| 34. | Wenza okubi emehlweni kaYehova, wahamba ngendlela kaYarobheham, nangesono sakhe awawonisa ngaso amaSirayeli. |
| ← 1Kings (15/22) → |