| ← 1Kings (13/22) → |
| 1. | Nanko, kuvela umfo wakwaThixo kwaYuda ngokwelizwi likaYehova, weza eBheteli; uYarobheham wayemi ugasesibingelelweni eqhumisela. |
| 2. | Wankqangaza esibingelelweni ngokwelizwi likaYehova, wathi, Sibingelelo, sibingelelo! Utsho uYehova ukuthi, Uyabona, kuya kuzalwa unyana kwindlu kaDavide, ogama linguYosiya; oya kubabingelela phezu kwakho lo ababingeleli beziganga, abaqhumisela phezu kwakho, kutshiswe amathambo abantu phezu kwakho. |
| 3. | Kwangaloo mini wabaxelela isimanga esiya kuhla, esithi, Siso esi isimanga asithethileyo uYehova: Yabona, isibingelelo esi siya kukrazuka, luphalale uthuthu oluphezu kwaso. |
| 4. | Kwathi, akuliva ukumkani ilizwi lomfo wakwaThixo, owankqangazayo esibingelelweni eBheteli, wasolula uYarobheham isandla sakhe esesibingelelweni, wathi, Mbambeni. Sesuka soma isandla sakhe abesolulele kuye, akaba nako ukusibuyisela kwakuye. |
| 5. | Sakrazuka isibingelelo, lwaphalala uthuthu esibingelelweni, ngokwesimanga abesixelile umfo wakwaThixo ngelizwi likaYehova. |
| 6. | Waphendula ukumkani, wathi kumfo wakwaThixo, Khawumbongoze uYehova uThixo wakho, undithandazele, sibuyiselwe kum isandla sam. Umfo wakwaThixo wambongoza ke uYehova, sabuyiselwa kuye isandla sokumkani, saba njengokwangaphambili. |
| 7. | Wathetha ke ukumkani kumfo wakwaThixo, wathi, Hamba siye ekhaya, uzixhase, ndikunike isipho. |
| 8. | Wathi umfo wakwaThixo kukumkani, Ungafanelana uthe wandinika isiqingatha sendlu yakho, andingekhe ndiye nawe, andingekhe ndidle sonka, andingekhe ndisele manzi kule ndawo. |
| 9. | Ngokuba kwenjiwa nje ukumiselwa kwam lilizwi likaYehova, kwathiwa, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi, ungabuyi ngendlela obuze ngayo. |
| 10. | Waza wahamba ngandlela yimbi, akabuya ngendlela abeze ngayo eBheteli. |
| 11. | Ke kaloku kwakuhleli eBheteli umprofeti othile, obeseleyindoda enkulu; weza unyana wakhe, wamcacisela konke awakwenzayo umfo wakwaThixo loo mini eBheteli; namazwi awawathethayo kukumkani, wawacacisa kuyise. |
| 12. | Wathi uyise kubo, Uhambe ngayiphi na indlela? Babeyibonile ke indlela oonyana bakhe, ahambe ngayo umfo wakwaThixo, owayevele kwaYuda. |
| 13. | Wathi koonyana bakhe, Ndibopheleni iesile. Bambophela ke iesile, wakhwela kulo. |
| 14. | Walandela umfo wakwaThixo, wamfumana ehleli phantsi komterebhinti, wathi kuye, Unguye na umfo wakwaThixo lo ubevela kwaYuda? Wathi yena, Ndinguye. |
| 15. | Wathi kuye, Hamba siye ekhaya, udle isonka. |
| 16. | Wathi yena, Andinakubuya nawe; andinakungena nawe; andiyi kudla sonka, andiyi kusela manzi nawe kule ndawo; |
| 17. | kuba kuthiwe kum lilizwi likaYehova, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi khona, ungabuyi uhambe ngendlela obuze ngayo. |
| 18. | Wathi kuye, Ndingumprofeti nam njengawe; kuthethe isithunywa sezulu kum ngelizwi likaYehova, sisithi, Mbuyise, eze nawe endlwini yakho, adle isonka, asele amanzi. Watsho emxokisa. |
| 19. | Wabuya ke naye, wadla isonka endlwini yakhe, wasela amanzi. |
| 20. | Kwathi, behleli etafileni apho, kwafika ilizwi likaYehova kuloo mprofeti ubembuyisile; |
| 21. | wankqangaza kuloo mfo wakwaThixo ubevele kwaYuda, esithi, Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa enokuba uwuphikisile umlomo kaYehova, akwawugcina umthetho abekuwisele uYehova uThixo wakho, |
| 22. | wesuka wabuya, wadla isonka, wasela amanzi kule ndawo awathetha ngayo kuwe, esithi, Uze ungadli sonka, ungaseli manzi: isidumbu sakho asiyi kungena engcwabeni looyihlo. |
| 23. | Kwathi emveni kokudla kwakhe isonka, emveni kokusela kwakhe, wambophela iesile umprofeti lowo abembuyisile. |
| 24. | Wahamba, wafunyanwa yingonyama endleleni, yambulala; sathi isidumbu sakhe saqungquluza endleleni; lema ecaleni laso iesile, nengonyama yema ecaleni lesidumbu eso. |
| 25. | Kwabonakala kudlula amadoda; asibona isidumbu eso siqungquluzile endleleni, imi ingonyama leyo ecaleni lesidumbu; afika axela kuloo mzi, abehleli kuwo umprofeti obeseleyindoda enkulu. |
| 26. | Weva umprofeti obembuyise endleleni, wathi, Ngulaa mfo wakwaThixo uwuphikisileyo umlomo kaYehova. UYehova umnikele engonyameni; yamqoba, yambulala ngokwelizwi likaYehova, abelithethe kuye. |
| 27. | Wathetha koonyana bakhe, esithi, Ndibopheleni iesile. Balibopha. |
| 28. | Wahamba ke, wasifumana isidumbu sakhe siqungquluzile endleleni, limi iesile nengonyama ecaleni lesidumbu, ingonyama ingasidlanga isidumbu, ingaliqobanga ne-esile. |
| 29. | Wasifunqula umprofeti isidumbu somfo wakwaThixo, wasibeka e-esileni, wabuya naso. Weza ekhaya umprofeti lowo useleyindoda enkulu, ukuba ammbambazelele, amngcwabe. |
| 30. | Wasibeka isidumbu engcwabeni lakhe, bammbambazelela besithi, Yoo! Mzalwana wam! |
| 31. | Kwathi, emveni kokumngcwaba kwabo, wathetha koonyana bakhe, esithi, Ndakufa, ndingcwabeleni engcwabeni angcwatyelwe kulo umfo wakwaThixo; walaliseni ngasemathanjeni akhe amathambo am. |
| 32. | Ngokuba, inene, liya kwenzeka ilizwi, alinkqangazileyo ngelizwi likaYehova esibingelelweni esiseBheteli, nasezindlwini zonke zasezigangeni, ezisemizini yakwaSamari. |
| 33. | Emva koko uYarobheham akabuyanga endleleni yakhe embi; wabuya wenza ababingeleli beziganga eluntwini lonke; wathi athe wamthanda, wammisela, waba ngowababingeleli beziganga. |
| 34. | Yathi loo nto yaba sisono sendlu kaYarobheham, ukuba itshone itshabalale, ingabikho phezu komhlaba. |
| ← 1Kings (13/22) → |