| ← 1Kings (11/22) → |
| 1. | Ke kaloku ukumkani uSolomon wathanda abafazi abaninzi bezinye iintlanga, ndawonye nentombi kaFaro: amaMowabhikazi, nama-Amonikazi, namaEdomikazi, namaTsidonikazi, namaHetikazi; |
| 2. | ezintlangeni, abethe uYehova koonyana bakaSirayeli, Ize ningangeni kuzo, nazo zingangeni kuni; inene, zozitsalela koothixo bazo iintliziyo zenu. Wanamathela kubo abo uSolomon ngothando. |
| 3. | Wayenabafazi abamakhulu asixhenxe, amakhosikazi; namakhulu amathathu amashweshwe; abafazi bakhe bayityekisa ke intliziyo yakhe. |
| 4. | Kwathi, ngexesha lobudala bukaSolomon, abafazi bakhe bayityekisela intliziyo yakhe ekulandeleni thixo bambi; intliziyo yakhe ayaphelela kuYehova uThixo wakhe, njengentliziyo kaDavide uyise. |
| 5. | USolomon walandela uAshtoreti, uthixo wamaTsidon; walandela uMoleki, izothe lama-Amon. |
| 6. | Wenza okubi emehlweni kaYehova; akamlandela uYehova ngokukholisekileyo, njengoDavide uyise. |
| 7. | Waza uSolomon wamakhela isiganga uKemoshe, izothe lamaMowabhi, entabeni ekhangelene neYerusalem, noMoleki, izothe loonyana baka-Amon. |
| 8. | Wabenjela njalo bonke abafazi bakhe bezinye iintlanga, ababeqhumisela bebingelela koothixo babo. |
| 9. | UYehova ke waba nomsindo kuSolomon, ngokuba ibityekile intliziyo yakhe, yemka kuYehova uThixo kaSirayeli, owayebonakele kuye izihlandlo ezibini; |
| 10. | emwisele umthetho ngaloo nto, ukuba angalandeli thixo bambi; akawugcina umthetho abemwisele wona uYehova. |
| 11. | Wathi ke uYehova kuSolomon, Ngenxa enokuba unaloo nto, akwawugcina umnqophiso wam, nemimiselo yam endikumiseleyo, okwenene, ndiya kubukrazula ubukumkani kuwe, ndibunike umkhonzi wakho. |
| 12. | Kodwa ke andiyi kukwenza oko ngemihla yakho, ngenxa kaDavide uyihlo; ndiya kubukrazula esandleni sonyana wakho. |
| 13. | Kodwa andiyi kubukrazula bonke ubukumkani; ndomnika isizwe esinye unyana wakho, ngenxa kaDavide umkhonzi wam, nangenxa yeYerusalem endiyinyulileyo. |
| 14. | Ke uYehova wamvelisela uSolomon utshaba olunguHadade umEdom; yena ubengowembewu yokumkani kwaEdom. |
| 15. | Kwakuthe, oko uDavide ebekwaEdom, ekunyukeni kukaYowabhi umthetheli-mkhosi eye kungcwaba abahlatyiweyo, waxabela yonke into engamadoda kwaEdom |
| 16. | (ngokuba wahlala iinyanga zantandathu khona uYowabhi namaSirayeli onke, wada wayinqumla yonke into engamadoda kwaEdom); |
| 17. | wabaleka uHadade, yena namaEdom akubakhonzi boyise kunye naye, baya eYiputa; ke uHadade waye eyinkwenkwana oko. |
| 18. | Besuka kwaMidiyan, beza eParan; bathabatha amadoda eParan, ahamba nabo; beza eYiputa kuFaro, ukumkani waseYiputa. Yena ke wamnika indlu, wathi makazuze ukudla, wamnika ilizwe. |
| 19. | UHadade wababalwa kakhulu nguFaro; wamnika umfazi, umsakwabo bomkakhe, umsakwabo boTapenes inkosikazi. |
| 20. | Ke umsakwabo boTapenes wamzalela uGenubhati, unyana wakhe; uTapenes wamlumlela endlwini kaFaro, uGenubhati waba ngowendlu kaFaro phakathi koonyana bakaFaro. |
| 21. | UHadade eseYiputa, weva ukuba uDavide ulele kooyise, ufile noYowabhi umthetheli-mkhosi; wathi uHadade kuFaro, Ndindulule ndiye ezweni lakowethu. |
| 22. | Wathi uFaro kuye, Uswele ntoni na kum, le nto ufuna ukuya ezweni lakowenu? Wathi, yena, Nento le; noko ke ndindulule. |
| 23. | UThixo wamvelisela omnye umchasi onguRezon, unyana kaEliyada, owabalekayo kuHadadezere, ukumkani waseTsobha, inkosi yakhe. |
| 24. | Wabuthela kuye amadoda, waba ngumthetheli wempi, ekubabulaleni kukaDavide abo. Baya ke eDamasko, bahlala khona, baba nobukumkani eDamasko. |
| 25. | Waba lutshaba lwamaSirayeli yonke imihla kaSolomon; ke ngobu bubi wabenzayo uHadade, wakruquka ngamaSirayeli; waye engukumkani kwa-Aram. |
| 26. | NoYarobheham, unyana kaNebhati, umEfrayim waseTsereda, umkhonzi kaSolomon, ogama lonina belinguTseruya, umhlolokazi, wasiphakamisa isandla kukumkani. |
| 27. | Nantsi ke imbangi yokuba amphakamisele isandla ukumkani. USolomon wayesakha iMilo, wavala ithuba lomzi kaDavide uyise. |
| 28. | Ke le ndoda inguYarobheham ibiligorha elinobukroti. Wayibona uSolomon le ndodana, ukuba iyasebenza, wayenza umphathi womthwalo wonke wendlu kaYosefu. |
| 29. | Kwathi ngelo xesha, uYarobheham waphuma eYerusalem; wathi uAhiya waseShilo, umprofeti, wamfumana endleleni; wayambethe ke ingubo entsha; baye bobabini bebodwa endle. |
| 30. | Wesuka uAhiya, wayibamba loo ngubo intsha abenayo, wayiqwenga; yaziziqwenga ezilishumi elinazibini. |
| 31. | Wathi uAhiya kuYarobheham, Zithabathele iziqwenga zibe lishumi: ngokuba utsho uYehova uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiya kubukrazula ubukumkani esandleni sikaSolomon, ndikunike izizwe zibe lishumi; |
| 32. | esinye isizwe sibe kuye ngenxa yomkhonzi wam uDavide, nangenxa yeYerusalem, umzi endiwunyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli. |
| 33. | Ndibukrazula ngenxa enokuba bendishiyile mna, baqubuda kuAshtoreti, uthixo wamaMowabhi, nakuMilikom, uthixo woonyana baka-Amon; abahamba ngeendlela zam, ukuba benze okuthe tye ngeendlela zam, ukuba benze okuthe tye emehlweni am, nemimiselo yam, namasiko am, njengoDavide uyise. |
| 34. | Andiyi kubuthabatha bonke ubukumkani esandleni sakhe; ndomenza abe sisikhulu yonke imihla yobomi bakhe, ngenxa kaDavide umkhonzi wam endamnyulayo, owayigcinayo imithetho yam nemimiselo yam. |
| 35. | Ndobuthabatha ubukumkani esandleni sonyana wakhe, ndinike wena izizwe ezilishumi ke; |
| 36. | unyana wakhe ndimnike isizwe esinye, ukuze kubekho isibane kuDavide, umkhonzi wam, yonke imihla phambi kwam eYerusalem, umzi endiwunyulileyo ukuba ndibeke khona igama lam. |
| 37. | Ndokuthabatha, ube ngukumkani kuko konke othe wakunqwenela umphefumlo wakho, ube ngukumkani kumaSirayeli. |
| 38. | Kothi, ukuba uthe wakuphulaphula konke endikuwisela umthetho ngako, wahamba ngeendlela zam, wenza okuthe tye emehlweni am, ukuba ugcine imimiselo yam nemithetho yam, njengoko wenza ngako uDavide umkhonzi wam: ndibe nawe, ndikwakhele indlu esimakade, njengoko ndamakhelayo uDavide, ndikunike amaSirayeli; |
| 39. | ndiyibandezele imbewu kaDavide ngenxa yoku; kodwa kungade kube ngonaphakade. |
| 40. | USolomon wafuna ukumbulala uYarobheham; wesuka uYarobheham wabalekela eYiputa kuShishaki, ukumkani weYiputa. Waba seYiputa wada wafa uSolomon. |
| 41. | Ezinye izinto zikaSolomon, nako konke awakwenzayo, nobulumko bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi kaSolomon? |
| 42. | Ke imihla abengukumkani ngayo uSolomon eYerusalem kumaSirayeli onke, yaba yiminyaka emashumi mane. |
| 43. | USolomon walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide uyise; uRehabheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. |
| ← 1Kings (11/22) → |