← 1Corinthians (6/16) → |
1. | Kukho na umntu kuni, enendawo ngakomnye, onobuganga bokummangalela phambi kwabangemalungisa, angammangaleli phambi kwabangcwele? |
2. | Anazi na, ukuba abangcwele aba baya kuligweba ihlabathi? Ukuba ke ihlabathi ligwetywa phambi kwenu, anikufanele na ukuwathetha awona mancinanana amatyala? |
3. | Anazi na, ukuba siya kugweba izithunywa zezulu? Kobeka phi na ke kwizinto zobu bomi? |
4. | Xa sukuba ke ngoko nisiya ematyaleni ngezinto zobu bomi, nimisa abo bangento kulo ibandla, ukuba kugwebe bona na? |
5. | Nditsho ukuze nidane. Kude akwabakho noko sisinye na isilumko phakathi kwenu, esingaba nako ukulamla phakathi kwabo abazalwana? |
6. | Usuka umzalwana amangalelane nomzalwana, athi noko akwenze phambi kwabangakholiweyo. |
7. | Seninciphile ke kanye ngokokuthi nimangalelane. Yini na ukuba ningathi kanye nivume ukoniwa? Yini na ukuba ningathi kanye nivume ukulunyukiswa? |
8. | Nisuka nina none abanye, nilumkise, nako oko nibe nikwenza kubazalwana. |
9. | Anazi na, ukuba abangemalungisa abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo? Musani ukulahlekiswa; abenza umbulo, nabakhonzi bezithixo, nabakrexezi, nezifebe, namadoda alalanayo, |
10. | namasela, namabawa, namanxila, nabatshabhisi, nabaphangi, abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo. |
11. | Naye ninjalo ke inxenye yenu; kuloko nahlanjululwayo, kuloko nangcwaliswayo, kuloko nagwetyelwayo egameni leNkosi uYesu, nangoMoya kaThixo wethu. |
12. | Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke. Zonke izinto zivumelekile kum, noko asindim oya kubekwa phantsi kwagunya lelayiphi; |
13. | izidlo zezesisu, nesisu sesezidlo; kodwa uThixo uya kubhangisa kokubini, sona nazo. Ke wona umzimba asingowombulo, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba. |
14. | UThixo ke wayivusa iNkosi leyo; uya kusivusa nathi ngamandla akhe. |
15. | Anazi na ukuba imizimba yenu ngamalungu kaKristu? Ndiya kuthi na ke, ndiwathabathe amalungu kaKristu lowo, ndiwenze amalungu ehenyukazi? Nakanye! |
16. | Anazi na, ukuba onamathele kulo ihenyukazi, umzimba mnye nalo? Kuba kuthiwa, Abo babini boba nyama-nye. |
17. | Ke onamathele eNkosini, umoya mnye nayo. |
18. | Wubalekeni umbulo. Zonke izono athe umntu wazenza, zingaphandle komzimba; ke lowo wenza umbulo, wona owakhe umzimba. |
19. | Anazi na, ukuba umzimba wenu uyitempile yoMoya oyiNgcwele ongaphakathi kwenu, eninaye evela kuThixo; nokuba ke aningabenu? |
20. | Kuba nathengwa ngexabiso. Mzukiseni ke uThixo ngomzimba wenu nangomoya wenu, izinto ezizezikaThixo ezo. |
← 1Corinthians (6/16) → |