1Corinthians (5/16)  

1. Kwandile ukuvakala ukuba kukho umbulo phakathi kwenu; ngumbulo ke lowo ongazanga ukhankanywe naphakathi kweentlanga, owokuba uthile abe nomfazi kayise.
2. Nibe ke nikhukhumele; ningabi kanye nikhedamile, ukuze anyothulwe phakathi kwenu lowo wenze loo ntlondi.
3. Kuba mna, ndingekho nje okunene ngesiqu, ndikho ngomoya; sendide ndamgweba oyenzileyo loo nto, njengokungathi ndikho;
4. ndathi, egameni leNkosi yethu uYesu Kristu (nakubonÂ’ ukuba nihlanganisene nomoya wam, kunye nawo amandla eNkosi yethu uYesu Kristu),
5. makanikelwe onjalo kuSathana, ukuba inyama itshatyalaliswe, ukuze wona umoya usindiswe ngomhla weNkosi uYesu.
6. Iqhayiya lenu alilihle! Anazi na ukuba igwele elincinane libilisa intlama iphela?
7. Likhupheni ngoko kuthi tu igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha, ekubeni ningabangenagwele. Kuba nathi siyibingelelwe neyethu ipasika, enguKristu.
8. Ngoko ke ukwenza umthendeleko, masingawenzi sinegwele elidala, negwele lobubi, nelokungendawo; masiwenze sinezonka ezingenagwele, ezingenasibhidi, ezinenyaniso.
9. Ndanibhalela encwadini apho ukuthi, maningazidibanisi nabenza umbulo;
10. kodwa ningasenizahlula kanye kwabeli hlabathi abenza umbulo, nakumabawa, nabaphangi, nabakhonzi bezithixo; okanye beniya kumelwa kukuphuma ehlabathini.
11. Kungoku ke, ndinibhalela ukuba maningazidibanisi nosukuba enegama lokuba ngumzalwana, ukanti wenza umbulo, nokuba ulibawa, nokuba ungumkhonzi wezithixo, nokuba ungumtshabhisi, nokuba ulinxila, nokuba ungumphangi; ningakhe nidle nokudla nonjalo.
12. Ndinamsebenzi mni na ukuba ndigwebe nabangaphandle? Anigwebi abangaphakathi bodwa, yini na, nina?
13. Ke abangaphandle bagwetywa nguThixo. Ize nimnyothule kuni nina lowo ungendawo.

  1Corinthians (5/16)