← 1Corinthians (4/16) → |
1. | Makenjenjalo ke umntu ukucinga ngathi, athi singabakhonzi bakaKristu, athi singamagosa eemfihlelo zikaThixo. |
2. | Ke kaloku ke, kufuneka kuwo amagosa, ukuba ulowo kuwo afumaneke ethembekile. |
3. | Kum ke yeyona nto incinanana, ukuba ndincinwe nini, nayimini yamatyala yabantu; ke andizincini nam ngokwam, |
4. | kuba andizazeleli, nto; noko andigwetyelwe, koko; ondincinayo ke yiNkosi. |
5. | Ngoko ke, musani ukugweba nto phambi kwelona xesha, ide ifike iNkosi, eya kuthi izikhanyise nokuzikhanyisa izinto ezifihlakeleyo zobumnyama, iwabonakalalise amacebo entliziyo; andule ke ulowo nalowo abe nodumo oluvela kuThixo. |
6. | Ezi zinto ke, bazalwana, ndizilinganisele ngam noApolo, ngenxa yenu; ukuze nifunde kuthi aba, ukuba ningazicingeli ngaphezu koko kubhaliweyo, ukuze kungabikho namnye uzikhukhumalisa ngakomnye ngenxa yomnye. |
7. | Kuba ngubani na okubalulayo kwabanye? Yintoni na ke onayo ongayamkeliswanga? Phofu ke, ukuba wamkelisiwe, uqhayiselani na, ngathi akwamkeliswanga? |
8. | Senihluthi, senizizityebi, nalawula ningenathi; akwaba ke kambe beningabalawuli, ukuze nathi silawule kunye nani. |
9. | Kuba ngathi mna, uThixo thina bapostile usivelise mva, sanga singabamiselwe ukufa; kuba sanekwe senziwa intlekisa kulo ihlabathi, nakwizithunywa zezulu, nakubantu. |
10. | Thina siziziyatha ngenxa kaKristu, ke nina niziingqondi kuKristu; thina siswele amandla, ke nina nomelele; nina nizukile, ke thina siswele imbeko. |
11. | Kude kwaleli lixa langoku silamba, sinxanwa, sihamba ze, sintlithwa, singenasikhundla, sibulaleka, |
12. | sisebenza ngezethu izandla; sithi, sitshabhiswa, sibe sisikelela; sithi sitshutshiwa, sibe sinyamezela; |
13. | sithi sinyeliswa, sibe siyala; sixeliswa inkunkuma yehlabathi, inkuthu yezinto zonke, kude kube ngoku. |
14. | Ezo nto andizibhaleli ukuba nidane; ndiyaniluleka njengabantwana bam abathandekayo. |
15. | Kuba ningafanelana ninabakhaphi bemawaka alishumi kuKristu, ababaninzi bona ooyihlo; kuba kuKristu Yesu nizelwe ndim lo, ngazo iindaba ezilungileyo. |
16. | Ndiyaniyala ngoko, yibani ngabaxelisa mna. |
17. | Ngenxa yoko ndinithumele uTimoti, ongumntwana wam oyintanda, othembekileyo, waseNkosini, oya kunikhumbuza iindlela zam ezikuKristu, njengoko ndifundisayo ezindaweni zonke, kuwo onke amabandla. |
18. | Ke kaloku inxenye ithe yakhukhumala, ngathi andiyi kuza kuni. |
19. | Ndiya kuza ke kuni kamsinya, ukuba iNkosi ithe yavuma, ukuze ndinganeli kukwazi ukuthetha kwabakhukhumeleyo, ndazi amandla abo. |
20. | Kuba ubukumkani bukaThixo abusekuthetheni, busemandleni. |
21. | Nithanda kuphi na, kuko ukuza kuni ndinoswazi, kuko ukuza ndinothando, nomoya wobulali? |
← 1Corinthians (4/16) → |